07/07/2025
Insert 12
zange abe emvusa uLihle wavele wamfukula wayomfaka emotweni wabe esazicimelisile uAzakhiwe, waqhyba wahamba uLihle bayofika endlini ebengekavuki uAzakhiwe ebezenzise wade walala ubuthongo ufike wamthatha uLihle wayombeka egumbini lakhe naye wabheka kwelakhe uye wavuka ekuseni uAzakhiwe ebesele elambile qha ebenentloni esonqena ukuyojongana no Lihle ekhitshini uye wahlala egumbini lakhe kwade kwabetha u3 emalanga ebelambe kakhulu kengoku wade wazincama waphuma ufike kamnandi uLihle engekho wenze ukutya ukugqiba kwakhe wayobukela itv uve esindwa ngamehlo uthe xa ejika wathi ntla ngoLihle Emile emjongile ebesewaxakwa ukuba uqhamke ngaphi uLihle ngoba akamvanga xa engena emnyango kwaye akakhange ambone naxa esuka phezulu kodwa bekungekho kuthini ebesele elapha uLihle uye wayohlala ecaleni kwakhe uLihle wabhekela kancinci uAzakhiwe
Lihle:so uyicingisisile lanto besithetha ngayo izolo
Aza:umh uhh.
Lihle:kaloku uye waquleka phofu waziqulekisa ngoba umntu oqulekile ndiyamazi
Azakhiwe:yho eish okay ndiyakuthanda nam Lihle kodwa ndinento endizoyicela
Lihle:nyani Azakhiwe I love you okay yintoni leyo
Azakhiwe:since sithandana ndicela ukuhamba apha undifunele indawo ekufutshane neskolo andifuni kulose I focus because if ndiqhubeka nokuhlala neboyfriend ndizotshona eskolweni vele sele siza kubhala imviwo zika December so ndingcono mandizobandodwa
Lihle:yhoo hayke na Azakhiwe I promise you won't lose focus
Azakhiwe: please Lihle
Lihle:yho okay ke ndizokujongela but please promise me you will come back when you have finished writing your exams
Azakhiwe:I promise dude
Lihle:okay, but andisengo dude now I am babe if I may ask am I allowed to visit
Azakhiwe:yes but not everyday
Lihle:yoh okay so uzohamba Nini ndibe ndikhangela indawo yakho
Azakhiwe:kusasa
Lihle:hayibo ngokukhawuleza okukanje yho hayi ngeke Azakhiwe ndizoyifumana njani indawo kwanamhlanje sele kusemalanga nangoku
Azakhiwe: 🥺 pleaseee
Lihle:yoh hayi nawe uyasokolisa mfondin oko ubuzivalele kulandlu wazophuma emalanga phinde undinika omnye umsebenzi
Aza:awufuni Lihle?🥺
Lihle:hayi anditshongo qha ndithe uyasokolisa marn nawe
Azakhiwe: udikiwe ndim lihle
Lihle:no no andidikwanga babe ndizoyizama lendawo kwanamhlanje
Azakhiwe: okay thank you I love you
Lihle:I love you too babe yazi ndihappy kanjani uvumile ukuba nam kwaye I promise to keep you by my side I will never let me go because I am nothing without you I love you so much Mamjoli
Azakhiwe:wow I love you way more Miya but ngoku mele ndibe ndiyopheka
Lihle:uyabonake njengoba uhamba ndizophekelwa ngubani uzobona izobuya ndibhityile ndingamathambo
Azakhiwe:ubondithengela ukutya oku ninzi apho ndizohlala khona mawusuka emsebenzini ugqithe uthathe ukutya ozokutya
Lihle;okay but ubuthe ndingayi oko
Azakhiwe: kaloku awuzuhlala izothatha oku kokutya then uhambe yabo
Lihle: akumnandi ukuba ndim yu
Azakhiwe: mandihambe ke
Uhambile ke uAzakhiwe waqalisa ukubeka imbiza wabe naye uLihle kwelakhe icala ebusy efunela uAzakhiwe indawo yokuhlala ekufutshane neskolo uye wagqiba ukupheka walungisa itafile wabe ehleli edining uLihle uyewaphaka then wabiza uLihle bayebatya bencokola lomapholi bagqiba wathatha izitya uAzakhiwe wayozihlamba wabe eshiya uLihle ebusy kwilaptop uye wagqiba naye wathatha umnxeba wakhe wangena kufacebook wakhangela umhlobo wakhe omkhulu uNandipha uye wamfuman ufike eonline Baye abancokola ke indaba zabo zakudala bebaliselana ngendlela abakhule ngayo
Nandipha:hayi ndiyakukhumbula shlobo sam
Azakhiwe: ndakukhumbula nam tshom
Nandipha,:wabanjani kakade uMamjoli ndandihambe egula
Azakhiwe:wabaright tshom kwacaba yinto eyayenziwe ngumamaka Alulutho ungambona ngoku kunzima nje ku Alulutho ndabashiya umbona ukuba bavuna abebekutyalile
Nandipha:hayini bakhohlakele abantu but am glad xa eright uMamjoli,ndiva usithi wabashiys caba uphi na ntombi?,
Azakhiwe:ndisegoli shlobo sam uMamjoli usezilalini yena ndabuyela eskoleni so ndisagqibezela ugrade 12
Nandipha:am happy for you tshom yam mna ndilapha ekapa kesana but isazobonana tshom
Azakhiwe:sizobonana nyani tshom
Nandipha:khawubalise uhlala nabi ngaphi
uAzakhiwe ubalise ukusukela ngokuya wayemcela uLihle ukuba azohlala naye apha eGoli Wala yena ukuzophela kulento bebesandokuyishukuxa noLihle
Nandipha:oh tshom yam iyajola ninani ndandingatsho ukuba uyoze ujole ndlela wawungabafuni ngayo abafana
Azakhiwe,:nam kesana ndandingatsho but ndifeela ngenye indlela when I am around Lihle , yazi kesana ndikubalisele ngoSphesihle
Ubalise njengoba injalo uAzakhiwe.
Nandipha:hayi yithi uyadlala amAzakhiwe usphesihle lo ebeyitshom yethu eprimary. Nisovana kakhulu
Azakhiwe:yena kanye
Nandipha:hayi livatshintsha nyani abantu iGoli but please unganditshintsheli mna ndikuthanda ngoku injalo
Azakhiwe:asoze shlobo sam ndawuhlala ndinje
Nandipha:undibulisele kusbari sophinde sithethe ndisebusy ngoku
Azakhiwe:okay tshom sharp
Uye wehhla waya kuLihle ufike sele ehleli nje kucaca ukuba uyigqibile lento ebeyenza uye wayothatha popcorn wabuyela esofeni babukela iMovie Baye bombatha ifleece bobabini ibikade isombethwe nguLihle uye webiwa bubuthongo uAza obekade elele phezu kuka Lihle naye khange amvuse uye walungisa kakuhle naye wazilungisa balale apho de bayovuka ekuseni bavuke umntu nomntu waya egumbini lakhe beyohlamba uye wagqiba uLihle waqonda makake ayokwenzela umntu wakhe I break fast uyenzile eyabe ingentle uyewehla uAzakhiwe ufike kunuka kamnandi eza wambiza uLihle ufike egqibile ukwenza I break fast uyewahlala phantsi batya
Azakhiwe:hayibo wena kwenze njani
Lihle:ndizive engathi ndingaphekela umntuwam okanye ndiwrong
Azakhiwe:no its just that you amazed me you know
Lihle:I have to spoil my babe hawuu.
Azakhiwe :oh okay ,so ude wayifumana indawo izolo