Isiqalo Esitsha

Isiqalo Esitsha Sikuphathela iindaba ngobunjalo bazo
(1)

KUBHUBHE UMQHUBI WE-SUV. Kubhubhe umqhubi weSUV emva kokuba imoto ebehamba ngayo itshayise umthi eAlberton. Unobangela o...
26/08/2026

KUBHUBHE UMQHUBI WE-SUV.


Kubhubhe umqhubi weSUV emva kokuba imoto ebehamba ngayo itshayise umthi eAlberton. Unobangela okhokele ekwenzekeni kwale ngozi awaziwa.

KUFUNYENWE IZIYOBISI E-OR TAMBO INTERNATIONAL AIRPORT. Kufunyenwe iziyobisi ekuqikelelwa ukuba zingenza imali engange R2...
26/08/2026

KUFUNYENWE IZIYOBISI E-OR TAMBO INTERNATIONAL AIRPORT.


Kufunyenwe iziyobisi ekuqikelelwa ukuba zingenza imali engange R200 million zifunyanwa eOR Tambo International Airport. Bahlali niyabona kodwa ukuba idabi lokuphelisa iziyobisi sokuse liphele?

Bahlali ingaba yinyani into yokuba oMyfriend bathengisa amafutha ankinkishiweyo?
26/08/2026

Bahlali ingaba yinyani into yokuba oMyfriend bathengisa amafutha ankinkishiweyo?

KUBULEWE IPOLISA EKNYSNA. Kudutyulwe kwabulawa ipolisa eKnysna oku kwenzeke ngethuba kudubulana amapolisa nomrhanelwa, i...
26/08/2026

KUBULEWE IPOLISA EKNYSNA.


Kudutyulwe kwabulawa ipolisa eKnysna oku kwenzeke ngethuba kudubulana amapolisa nomrhanelwa, ingxelo ithi uCaptain oneminyaka engamashumi amahlanu ubebekwe eKnysna ukuba aphande ngetyala lokubulawa kukaceba uAubrey Tsengwa kanye nabantu ababini ababulawa kulandawo kwiveki ephelileyo.

Udutyulwa nje amapolisa ebelandela umkhondo malunga nemipu ekumatyotyombe aseSewende Laan kwindlela iUniondale. Nangona zimbi kakhulu iindaba zokubula kukaCaptain kodwa into engcono kukuba nomrhanelwa ubhubhile, akazuphinda abulale abantu abasemsebenzini. Ufunyenwe enemipu emibini.

Ingxelo: Ingxaki zokuhlala

UZAKUVELA ENKUNDLENI UMRHANELWA OFUNYENWE NEMIPU. Uzakuvela kwinkundla yamatyala kungekudala umrhanelwa oneminyaka engam...
26/08/2026

UZAKUVELA ENKUNDLENI UMRHANELWA OFUNYENWE NEMIPU.


Uzakuvela kwinkundla yamatyala kungekudala umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala obanjwe nemipu nembumbulu ngethuba amapolisa esenza ugqogqo eBassonia.

Ingxelo: Ingxaki zokuhlala

KUBANJWE ABARHANELWA ABATHATHU NGEZITYHOLO ZOKUPHANGA E-IKAMVELIHLE. Ukunyathelela phezulu kwamapolisa aseIkamvelihle em...
26/08/2026

KUBANJWE ABARHANELWA ABATHATHU NGEZITYHOLO ZOKUPHANGA E-IKAMVELIHLE.


Ukunyathelela phezulu kwamapolisa aseIkamvelihle emva kokufumana iinkcukacha ngophango oluqhubayo kukhokelele ukuba kubanjwe abarhanelwa abathathu kufunyanwe nemipu emibini neembumbulu kunye nezinye izinto ezebiweyo.

Abarhanelwa baphakathi kweminyaka elishumi nethoba ukuya kumashumi amabini anesithathu ubudala.

Ngokwengxelo ekuseni ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesine kulenyanga, amapolisa afumene iinkcukacha ngophango oluqhuba kwindawo yentselo eIkamvelihle.

Ngethuba egaleleka kwindawo yesiganeko , abone isithuthi esiluhlobo lweToyota starlet eSilver-grey ibaleka apho. Ingxelo idize ukuba athe ayileqa kwaqhum' uthuli.

Ekugqibelenj le moto ithe yema kwisitalato Mpunzi eNU 1. Abarhanelwa abahlanu behlike babeleka abasicatyane bathi saa okwezagwityi ukuya kumacala ohlukeneyo.

Amapolisa akwazile ukunqakula abarhanelwa abathathu logama ababini besagcwele amathafa.

Isithethi samapolisa uKaptein Sandra Janse Van Rensburg uthi ngethuba kugqogqwa isithuthi kufunyenwe utywala obungaxabisa amashumi amabini amawaka(R20 000), isixa mali esingachazwanga , imipu emibini, magazine ezimbini ezingenanto kunye namakhoba asibhozo.

Le mipu iza kusiwa kuvavanyo ukuze luyichubungule.
Ngethuba bekuphangwa kwelishishini bekubotshelelwe izandla zomnikazi walo kwathathwa imali, utywala ukutya nezinye.

Kulindeleke bavele phambi kwenkundla yamatyala eMotherwell ebudeni baleveki bejongene namatyala okuphanga.

Imifanekiso: SAPS
Ingxelo: The Local Voice Newspaper

UMANGALELWA UKHUPHA ILINDLE NGOMLOMO. Umangalelwa wokuqala kwityala lokubulawa kwembethi manqindi yaseMpuma Koloni,uZuzo...
25/08/2026

UMANGALELWA UKHUPHA ILINDLE NGOMLOMO.


Umangalelwa wokuqala kwityala lokubulawa kwembethi manqindi yaseMpuma Koloni,uZuzole Goqwana, kuthiwa ubanamaxesha okukhupha ilindle ngomlomo. Lengxelo yenziwe ligqwetha lakhe kwinkundla yaKuGompo namhlanje ngethuba licenga ukuba ingase uGoqwana angavalelwa kwindawo yabucala. Licacise lathi uGoqwana uphila nenkubazeko emqolo ukuya kwimilenze yakhe.

Uthe oku kwadalwa kukubethwa kwakhe yimbumbulu kuJune wonyaka ophelileyo. "Kubanzima uGoqwana ukuba alilawule ilindle. Kuye kufuneke asebenzise ipilisi ezithile ezizakuthatha iyure ubuncinane zibentandathu ukuze akhululeke. Nalapho ancediswe. Ukuba akwenzekanga oko liyenyuka ilindle liphume ngomlomo nangempumlo", lichaze latsho igqwetha. Litsho licela ukuba ngase angavalelwa esibhedlela azokwazi ukuhoywa nangumama wakhe. Inkundla ayikuvumanga oku.

Ingxelo: Informer Digital TV
Imifanekiso: Ilisolezwe

KUCHOLWE IMVEKU KWINDLU YANGASESE. Abasebenzi benkampani ebiyolungisq izindlu zangasese eBhambayi, KZN bothuswe kukubona...
25/08/2026

KUCHOLWE IMVEKU KWINDLU YANGASESE.


Abasebenzi benkampani ebiyolungisq izindlu zangasese eBhambayi, KZN bothuswe kukubona imveku, kuye kwabizwa amagosa akwaRusa. Ingxelo ithi kuthe kanti iblokhile nje yimveku.

Kuthiwa ibinzima kakhulu le impi😃😃. CA nicinga kuwine bani?
25/08/2026

Kuthiwa ibinzima kakhulu le impi😃😃. CA nicinga kuwine bani?

25/08/2026

UMANGALELWA UKHUPHA ILINDLE NGOMLOMO

Umangalelwa wokuqala kwityala lokubulawa kwembethi manqindi yaseMpuma Koloni,uZuzole Goqwana, kuthiwa ubanamaxesha okukhupha ilindle ngomlomo. Lengxelo yenziwe ligqwetha lakhe kwinkundla yaKuGompo namhlanje ngethuba licenga ukuba ingase uGoqwana angavalelwa kwindawo yabucala. Licacise lathi uGoqwana uphila nenkubazeko emqolo ukuya kwimilenze yakhe. Uthe oku kwadalwa kukubethwa kwakhe yimbumbulu kuJune wonyaka ophelileyo. "Kubanzima uGoqwana ukuba alilawule ilindle. Kuye kufuneke asebenzise ipilisi ezithile ezizakuthatha iyure ubuncinane zibentandathu ukuze akhululeke. Nalapho ancediswe. Ukuba akwenzekanga oko liyenyuka ilindle liphume ngomlomo nangempumlo", lichaze latsho igqwetha. Litsho licela ukuba ngase angavalelwa esibhedlela azokwazi ukuhoywa nangumama wakhe. Inkundla ayikuvumanga oku.

Ingxelo: Informer Digital TV

Address

Cape Town

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Isiqalo Esitsha posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share