Unondaba Wenu

Unondaba Wenu Siza nazo zinjalo

Isagcinwe eluvalelweni Inkosi etyholwa ngokubulala eBhantini eNgqeleni.Ivele phambi kwenkundla kamantyi eNgqeleni namhla...
28/05/2026

Isagcinwe eluvalelweni Inkosi etyholwa ngokubulala eBhantini eNgqeleni.

Ivele phambi kwenkundla kamantyi eNgqeleni namhlanje Inkosi Totosi Zamuxolo Ndamase otyholwa ngokudubula abantu ababetheza iinkuni kwihlathi laseBhantini ngempela veki.

Amaxhoba adutyulwa ngethuba etheza iinkuni kwihlathi ekutyholwa ukuba libangwa yileNkosi.

Ngokwengxelo inkundla imxelele eziqhitsini amatyala atyabekwa wona amabini okubulala, elinye elokuzama ukubulala, elokufumaneka nompu ongenampepha,mvume kunye nokonakalisa iimpahla.

Ityala limiselwe umhla wokuqala kwinyanga yeSilimela ukuze afake isicelo sebheyile.

Abahlali balelali yaseBhantini bebephakamise amakhephe khephe ngaphandle kwenkundla besithi le nkosi mayinganikwa ibheyile.

Kwesi siganeko babini abantu ababhubhileyo kwabo badutyulwe ngumrhanelwa.

Imifanekiso: Nkululeko Nyembezi
Ingxelo: The Local Voice Newspaper

UMASIPALA UNIKEZWE UMSILA WENGWE NGEYABEMI BANGAPHANDLECALA – Abahlali base Cala benze umngcelele besiya kuMasipala wase...
28/05/2026

UMASIPALA UNIKEZWE UMSILA WENGWE NGEYABEMI BANGAPHANDLE

CALA – Abahlali base Cala benze umngcelele besiya kuMasipala wasekuhlaleni iSakhisizwe bevakalisa inkxalabo malunga nabemi bamazwe angaphandle abangenamaxwebhu asemthethweni.

Kuxwebhu lwezikhalazo abalunikeleyo bafune amagosa angenelele aqalise ukuhlola imeko yamaxwebhu ukusukela ngomhla wama-29 kuCanzibe, kananjalo abantu abanganazimpepha mvume zobumi ayishiye iCala zingekapheli iintsuku ezingama-28.

Abahlali bakwafuna amashishini, uqeqesho nabancedisi babe ngabantu basekuhlaleni. Bongeze ngelithi bafuna kuqhutywe uphando lokugqogqwa kweziyobisi ngamaxesha angalindelekanga.

Lo mngcelele ubukhokelwa yimibutho equka iSouth African National Civic Organisation (SANCO) nePhakama Eastern Cape. Usihlalo wePhakama Eastern Cape uMzingisi Tupa uthe uninzi lwabemi bangaphandle abaqhuba amashishini kweli alunamaxwebhu asemthethweni

Story and Photos: Khaya Gwentshe

LUTHIWE JIZE NGENDLU NEMPAHLA YAYO USAPHO OLUHLELELEKILEYONGCOBO – Lunendlu ngoku usapho lakwaNdiki eNyanga eNgcobo, emv...
28/05/2026

LUTHIWE JIZE NGENDLU NEMPAHLA YAYO USAPHO OLUHLELELEKILEYO

NGCOBO – Lunendlu ngoku usapho lakwaNdiki eNyanga eNgcobo, emva kokuba abo bangamatshantliziyo bengakwazanga ukunyamezela imeko ebiphilwa lolusapho.

Oku kuza emva kwesiganeko apho umama wosapho wabulawa kabuhlungu, nto leyo eyashiya abantwana bephila phantsi kobunzima.

Usapho l**e nethamsanqa njengoko abantu abaninzi beqhubekile nokuphosa esivivaneni, kwade kwanabemi bangaphandle bengenelela ukunceda.

Kwakhona uMasipala wasekuhlaleni iDr. AB Xuma wenze isithembiso sokunceda nesithe sazalisekiswa ngokunika usapho indlu enempahla yayo nokutya ukuze kuphucuke imeko yabo yokuphila, kwaye uza kulandelela umba wezazisi zabantwana abangenazo emva kokubona imeko enzima abaphila kuyo.

Usapho lakwaNdiki luvakalise umbulelo kubo bonke abantu abathe bahamba nalo kule ndlela inzima, lusithi izinto zibangcono kakhulu ngoku njengoko sele benendawo ekhuselekileyo yokuhlala.

Story by: Nondumiso Mpaka
Photos supplied

Kudlwengulwe amanina  eLusikisiki emva kokuqhathwa kuFacebook Amapolisa aseLusikisiki alumkisa amanina abakhangela umseb...
28/05/2026

Kudlwengulwe amanina eLusikisiki emva kokuqhathwa kuFacebook

Amapolisa aseLusikisiki alumkisa amanina abakhangela umsebenzi ukuba bahlale bevundlile kulandela ukuphangwa kudlwengulwe abasetyhini abane kwiziganeko ezahlukeneyo.

Ngokutsho kwamapolisa amaxhoba asuka eAddo, Lesotho naseMgungundlovu KwaZulu Natal.

La manina ebeqhathwa ukuze aye eLusikisiki kusetyenziswa ikhasi lonxibelelwano Facebook. Ezi ziganeko senzeke phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi kunye nekaCanzibe kulonyaka.

Amaxhoba ngamanina aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithandathu ukuya k*mashumi amane anesithandathu ubudala.

Isithethi samapolisa uKaptein Wehlile Matyolo Uthe amaxhoba atyhola ukuba emva kokufika kwindawo yok*misa ibhasi eMangolwane ebeqhutyelwa kwahlathi elikufuphi kwilali Nyiswa ngumrhanelwa oyindoda adwengulwe aphangwe izinto zawo.

Amapolisa athi abasetyhini abangamaxhoba bebetsalelwa umnxeba ngumntu wasetyhini ebathembisa ngomsebenzi. Ebeyalelwa ukuba afike emva kwemini njengoko umqeshi engafumaneki emini.

Lo wasetyhini ubeqhuba axelele amaxhoba ukuba uza kuthumela indoda ize kubathatha apho estopin.

Uphando luyaqhuba kwaye amapolisa abongoza nabani onganolwazi olungakhokelela kubanjwe umrhanelwa aqhagamshelane nentloko yabecuphi uCaptain Flathela ku063 502 5449 okanye Crime Stop Number 08600 10111.

Ingxelo nomfanekiso: The Local Voice Newspaper

27/05/2026

KUBHUBHE ENYE INDODA KWABADUTYULWE EBHANTINI ENGQELENI.


Linyuke laya kufika kwisibini inani labantu ababhubhileyo kwabo badutyulwe kwisiganeko sasehlathini eBhantini eNgqeleni ngempela veki.

Ngokwengxelo ixhoba lesibini eliqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu ubudala libhubhele esibhedlele kwaye yilandoda yabalekiswa esibhedlele ngaphambi kokufika kwamapolisa ehlathini.

Umrhanelwa kweli tyala Inkosi Totosi Zamuxolo Ndamase oyinkosi yaseGodini uvele phambi kwenkundla yamatyala eNgqeleni izolo. Ityala limiselwe usuku lwangomso(Lwesine) ukuze afake isicelo sebheyile. Ujongene netyala lokubulala, amabini okuzama ukubulala.

Iingxelo ezingekaqinisekiswa ngamapolisa zithi umrhanelwa ayilotyeli lokuqala etyholwa ngokudubula abantu.

Oludubulo luphembelelwe libango lehlathi ebekuthezwa kulo ngalamadoda aseBhantini ekuvakala ukuba libangwa ngumrhanelwa.

Ingxelo yesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntun Gantana yadiza ukuba lamadoda ebetheza iinkuni ngethuba bedutyulwa ngumrhanelwa.

Ngethuba efika amapolisa kwindawo yodubulo afumana indoda yokuqala ilele ecaleni kwemoto ethutha ezi nkuni inenxeba lembumbulu esiswini.

Kwaphinda kwadizwa ukuba ixhoba lesibini lalisele libalekiswe esibhedlele ngaphambi kokufika kwamagosa akwantsasana.

Umrhanelwa(75) wafunyanwa nemipu emibini(umpu omfutshane kunye nePistol) esemthethweni wabanjwa ngamapolisa.

Imipu isegameni lomrhanelwa kodwa yathathwa ukuze kuqhutywe uphando oluthe vetshe ngamapolisa.

Ngokwengxelo abantu belali yaseBhantini kulindeleke bagaleleke ngobuninzi babo enkundleni ngomso ngeliza kuchasa isicelo sebheyile.

Ingxelo nomfanekiso: The Local Voice Newspaper

27/05/2026

IXHEGO LIGWAZWE LABULAWA YINDODA EZISWE NGUSIBONDA EMQANDULI.


Usapho lwakwaMthiwakhe kwilali Mrhotshozweni, kuNgcwala eMqanduli lufuna ubulungisa emva kokuba utata welikhaya egwazwe lilungu losapho amanxeba amahlanu wabhubha.

Le nkonde utata Dakana Mthiwakhe(76) ugwazwe ngentsasa yangoMvulo yindoda ebicelelwe indawo yokulala nguSibonda namanye amadoda elali.
Le ndoda kuvakala ukub inesiduko esinye nolusapho kwaye icelelwe indawo yokulala ebusuku ngeCawe.

Amalungu osapho athi ave isikhalo sakhe malunga nentsimbi yesihlanu ekuseni esithi "undigqibile". Ngethuba eyojonga le ndoda ibisele ibaleka logama utata ubesopha ngendlela engathethekiyo.

Ilungu losapho elincokole neliphephandaba lithe" utata ubulewe ngumntu obeziswe nguSibonda nabafana balapha elalini balala endlini enye. Sifuna ukwazi isizathu sok*mbulala sikwafuna nobulungisa"

Olu sapho lubanga ngelithi usapho lomrhanelwa lufikile ukuza kucela uxolo kodwa alukamkelwa okwangoku.

USibonda welali uMbekeni Mbulawa uvumile ukuba ngenene ubekhona ngethuba le ndoda isiwa kolusapho.

"Lo mfana ufikiswe k*m ngabafana abathathu k*mzi obengene kuwo esithi ufuna ukuya kwaMthiwakhe. Ndiqaphele ukuba uphazamisekile ngokwasengqondweni. Simkhaphile saya khona.

"Ndithe kuMthiwakhe amvalele kweyakhe indlu kodwa wathi uzolala naye njengoko ebazi abazali bakhe. Ndothuswe sisikhalo ekuseni sokusweleka kwelixhego ndaleqa," Kucacisa uSibonda uMbekeni Mbulawa.

Sibuze USibonda isizathu sokulaliswa kondwendwe kulomzi hayi kwasibonda njengesiqhelo uthe" Nguye ofune ukuya phaya kwaye uyise wakhe uyazana noMthiwakhe lonto ithi uyaziwa. Akhange ndibone nto imbi xa efuna ukuya phaya"

UBrigadier Nobuntu Gantana osisithethi samapolisa ephondweni ungqinile ngokubulawa kwalenkonde sisihlobo sosapho. Uthi umrhanelwa(38) ubanjwe izolo, kulindeleke avele enkundleni yamatyala eMqanduli ngomso(Lwesine) ngetyala lokubulala.

Unobangela wokubulawa kwelixhego uyinxalenye yophando lwamapolisa.

Umfanekiso: Ixhoba utata Dakana Mthiwakhe

Ingxelo: The Local Voice Newspaper

27/05/2026
27/05/2026

KUDLWENGULWE UMNTWANA ONEMINYAKA ELISHUMI ELINESITHATHU.


Amapolisa aseTshilwavhusiku abambe umfana oneminyaka engamashumi amabini anesibini ngezityholo zokudlwengula umntwana oneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala. Ingxelo ithi nge26 kaMay 2026 ixhoba libalekiswe esibhedlela kuba belikhala ngokungaziva kakuhle kwaye ligabha nokugabha, ingxelo ibuye isithi ukhulelwe.

Ixhoba kuthiwa lithi ngubhuti walo omdala lo ekudala elidlwengula ukusukela ngoJanuary 2026, ubenyonyoba afike amdlwengule. Umrhanelwa uzakuvela kwindlundla yamatyala yaseTshilwavhusiku ngomso nalapho azakube ejongene netyala lokudlwengula.

Dr Doctor Khumalo Namhlanje iTshwane University of Technology ihloniphe uDoctor Khumalo ngeziqu zobudokotela, Honoeay Do...
30/04/2026

Dr Doctor Khumalo

Namhlanje iTshwane University of Technology ihloniphe uDoctor Khumalo ngeziqu zobudokotela, Honoeay Doctoratw of Philosophy in Science (Kinesiology and Coaching Science)

Photos: Supplied

Address

Cape Town

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Unondaba Wenu posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share