19/12/2025
Please follow, react 😮 comment and share the page ungaphoswa sisiqendu esilandelayo ❤️🙏
Ubomi Buka Nosipho A Young Rural Girl
Season 5
Episode 32..............................Liyaqhubeka. ...............................
"Siye saphuma, kwatsho kwangena umama kaPhindile kunye noPhindile".
Nokulunga: Owuu Nonopha mntanam, siyaku khumbula ntombi, ndicela ubuye hlee mntanam, abantakwenu baku khumbule, nam ndiku khumbule. Akusafanii tu endlini njed ungekho, ndicela ubuye mntanam ulwee kakhulu...(esondela embamba)..
"Uye wavula amehlo uNonopha"
Phindile: Mama jonga uvula amehlo uvukile (evuyile).
Nokulunga: Owuu enkosii Bawo, enkosii Jehovah, okungenzeki ebantwini kuwe kuyenzeka (evuyile kakhulu ede exhumaxhuma).
"Kuthe kusenjalo uNonopha waveske waxhuzula, waxhuzula kakhulu".
Nokulunga: Hhayibo kwenzeka ntonii (ethukile 😲). Hhayibo kwenzekaniii ? Ncedaniiii (ekhwaza). Phindile biza ooGqirhaa... Nurse Nursee (ekhwazaa).
"UPhindile ephuma ebaleka eyobiza oogqirha"
Nokulunga: Nonophaa Nonophaa (ekhwaza) owuu yhini umntana bantuu (ethukile ebeke izandla entloko exakiwe ukuba enze njani xa ebona uNonopha exhuzula kabuhlungu kanje).
"UMama kaPhindile umane esehla esenyuka uxakiwe ukuba athini" .
"Titii tiii tiii tii tii" (kukhala uMachine)
"UNonopha uye waxhuzula kakhulu wade wathula,.wayeka ukuxhuzula, akashukuma akathinii".
"Bangena oogqirha nooNurse bebaleka"
Ugqirha: Mama ndicela niphumele phandle..
Nokulunga: Yhooo Nonopha Nonophaa mntanam 😭yhinii umntana bantuu... owuu Nkosii yam,.uzawuthini uNosipho (ekhala engafuni nokuphuma). 😭😭Nonophaa Nonophaa vuka mntanam (elila ekhwaza).
Ugqirha: Mama ndiyanicela ndicela niphumeni, sizokwazi ukusebenza kakuhle...
Phindile: Masambe Mama, masiphume...
Nokulunga: Ndizawuthini kuNosipho ? UNosipho uzatyhola mna xa kuno kwenzeka into kuNonopha, kuzabe engathi uNonopha ubulewe ndim, njer yonke lento isenzeka kukhona mna. Yhoo khona ker ndizamjonga njani umntana bantu, ndizakwazi njer phofu ukumjonga ?
Phindile: Hayi mama uNosipho akazu kwenzanto, kwaye akazu kutyhola okanye akusole, sukhathazeka mama, thina masithandaze, sithembe ukuba umntana lo uzaba right.. masiphume ngoku mama. (Bephuma besiya kooNosipho, bashiya oogriqha bejonga uNonopha).
"UPhindile nomamakhe babuyela ewaiting room kooNosipho noSivile"
Nosipho: Hhayibo kutheni nakhawuleza nabuya msinya kangaka ?
"UNokolunga noPhindile, bathula bajongana, abathetha nto, babe bejonge phantsi, umama kaPhindile efuna ukukhala kodwa ezibambile 😢"
Nosipho: Hhayibo ingabe yonkinto iright ? Mama, babyy ?Niright ?
Nokulunga: Thetha Phindile, thetha mntanam, mxelele.
Nosipho: Andixelele ntonii mama ? (ethukile)..
Phindile: Eeeh baby sithe sipha sisabona uNonopha, ekuqaleni uye wavula amehlo njer kancinci, ndavuya ndacimba ukuba uright, kuthe emvako mzuzwana njer, waveske waxhuzula kakhulu. Ndiye ndaphuma ndabaleka ndayobiza oogqirha, ndithe xandibuya ndabuya esele ethule engasa xhuzuli, engashukumi enganjani. Kodwa ker oogqirha bakhona basa mxilonga..
Nosipho: Yhooo yhooo yhooo (ekhala kakhulu, esitsho esofelweyo, ekhala ede ezibhuqa bhuqa phantsi). Yhuuu yyhuu yhini uMntase khaya, owuu Bawo ndimphoxile umama, ndimphoxe kakhulu, bofuneka ababantwana ndiyaba khusela kodwa ndohlulekile nakulonto (ekhala kakhulu 😭). Kungcono ndifee nam. .
Phindile: Owuu sthandwa sam, waze wathetha kabuhlungu, ndicela ungalahli ithemba uNonopha uzaba right, masithembe ukuba konke kuzaba right.
Sivile: Sisi, ngoku uNonopha ubhubhile nhee ? Uye kumama eZulwinii ? Uzaba yingelosi nhe (zisehla iinyembezi).😢😭
Phindile: Ha.a boy uNonopha uzaba right boy suwara mpintsham, masithembe uThixo sibeke ithemba lethu kuye ngoku.
Sivile: Okayy bhutii ndicela sithandazeni. .
"Siye sabambana ngezandla sathandaza. Sithe sisagqibo kuthandaza, wabe esiza ugqirha, esiza kuthi. Yhoo liveske yabetha kakhulu intliziyo yam, xandibona logqirha esiza, indlela ahamba ngayo ayinikisi themba, uza etshintshe nalapha ebusweni engancumi nencumisayo. Ndilindele njer ukuba asixelele ezindaba akaze nazo, ndiyaqonda uze neendaba ezimbi".
"Siye saphakama msinyani ukubona kwethu ugqirha, wakhawuleza umama kaPhindile wambuza ukuba unjani uNonopha"
Nokulunga: Gqirhaa ingabe unjani uNonophaa ? .
Dr Titus:...... ..................................Liyaqhubeka..............................
Please follow, react 😮 comment and share the page ungaphoswa sisiqendu esilandelayo. Season 5 Episode 33❤️🙏
゚viralシfypシ゚viralシalシ ゚viralシfypシ゚viralシalシfollowers ゚viralシfypシ゚viralシ