Mac'bulele fallen

Mac'bulele fallen Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Mac'bulele fallen, Publisher, Sizamile Street happy valley, Cape Town.

10/02/2021

Kulungile ukuzicenga ma Aafrika noba kunzima kanjani kuwe wehle kodwa le kaifikile apha k*m ayibhungisi kufuneka ndithethile ngoba itya mna πŸ˜­πŸ˜­πŸ™πŸΌπŸ’– izehlele

10/12/2020

Goba msenge ibhokhwe zikutye
Aphele emqaleni kuthi maAfrika ngoba kufike ikroti elikhulu kakhulu ezizweni zonke zeAfrika ubhubhani weCorona

Ugawule waqwenga kwedini Goba msenge utyiwe zibhokhwe dewavala namasiko akwaXhosa ze lay ilayi kwade kwabhentsuka amabibi ndiyekeni ndikolusa inkomo zikabawo kuCentane
Ndencinci Lili
Nde Shwaka πŸ˜‚πŸ€£πŸ˜­πŸ˜­πŸ˜’

18/11/2020

Ze lalay
Ze bheΓ±tsu
Kwabhentsuka amabibi ufikile
Umntanomgquba ephethe izulu lezandla πŸ˜₯
Kaloku sifo ndini utshabalalise amakhaya kwifamily zonke kuakhalwa ngoba usiwisile isizwe
Abantu bemkile nguwe corona
Kaloku nathi siakhala nguwe
Dubule geqe sifo somgada ndibawela ibhekile ndisele kaloku ndinxaniwe
Mayihambe ibhekile ingemiπŸ˜­πŸ˜·πŸ€•

Thul'uzobona Akekh'omnye unyaka Ndiveze intonga yam
07/12/2019

Thul'uzobona
Akekh'omnye unyaka
Ndiveze intonga yam

07/12/2019
07/12/2019
07/12/2019

Molweni bantu abadala
Lento ndiyenzayo
Iyazivelela k*m nd isuke ifike
Kubengase ndigqabhuke ngoko
Qha yofika ndihlala ndodwa ngathethi

Ndicela amandla
Kunye
Nenkxaso yenu maxhosa
Akuthi ndimi.
(ENKOSI)

07/12/2019

Welcome people

27/11/2019

Bethuna ndiabulisa kuCentane
Ikhaya likuCentane
Kwisithili sase Cebe kudiko
Ngumpinga lo umawawa .
Ixhego lam Dennis
Wathi umem wana encedisizwe
Kawubonga yiba nemvano siqalo nesiphelo ndim ke lowo
Inkomo enotshoba ayinqandwa bendibulisa nje akhonto namhlanje

24/11/2019

Ahh Jongilanga!!!
Yinkosi yamadoda
Yindoda enamadoda leyo.
Utshawe,uphalo,umalangane
Uhintsa,urharhabe kweskamcothama entilini
Indoda ethe yama ayajika

Usenze abantu kwedini
Ingqiqo zikhona zidinga intsiba
Rhabulapha ungafinci
Ngoba lebhekile yeyakho
Amaphakathi wakho akjongile
Ntenayo ngamandla awekho"
Ahhhh Jong'ilanga
See the sun
Kaloku siboleka nak*makhumsha
Sikhahlela kodwa usenzile
Ndasuka ndaphelelwa
Yincindi yosiba nto nje
Kukhahlela
Tarh'ameva sizwe sika
Phalo
Ndencincilili!!
Ndevovololo!!!

24/11/2019

Iintonga kwaxhosa
Zindidi ezintathu
Libhunguza,ngumnqayi nqayi,ngumkhonto
Khanixele zisetyenziswa njani
Magcaleka kaHintsa
(Intetho engalungiswanga)

Address

Sizamile Street Happy Valley
Cape Town

Telephone

+27717156992

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Mac'bulele fallen posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category