E Z Iindaba

E Z Iindaba We broadcast News that are accurate & social Friendly with Current Affairs and developmental content.

YEMKA INGAYOLELANGA Imbeko sele iqalile ukugaleleka kulandela ukubhubha kwemvumi ephumelele amabhaso amaninzi uZahara.Im...
13/12/2023

YEMKA INGAYOLELANGA
Imbeko sele iqalile ukugaleleka kulandela ukubhubha kwemvumi ephumelele amabhaso amaninzi uZahara.

Imke ingayolelanga imvumi ezenzele igama ngengoma uLoliwe neyintandokazi yoMzantsi afrika, egama layo lokwenene linguBulelwa Zahara Mkutukana, ubhubhe kwisibhedlele saseRhawutini ngomvulo ebusuku.

Usapho lwakhe alukakhuphi ngxelo.

Kumakhasi onxibelelwano u-X, uMphathiswa wezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko uZizi Kodwa, ubhale wathi ubuhlungu ngokudlula kukaZahara emhlabeni. UMphathiswa uthumele uvelwano lwakhe olunzulu kusapho lakwaMkutukana.
Uthi uZahara negitare yakhe benza impembelelo engakholelekiyo nehlala ihleli kumculo waseMzantsi Afrika.

I-COSATU kunye ne-African Transformation Movement (ATM) nazo zinike uvelwano lwazo olunzulu.

I-ATM ichaze uZahara njengomfanekiso womculo oqaqambileyo onempembelelo yakhe kumhlaba womculo waseMzantsi Afrika engenakuthelekiswa nanto.

UZahara ukhuphe ii-albhamu ezintlanu eziquka uLoliwe kuNqaba Yam.She also won many South African Music Awards during her career.

Kwakhona waphumelela iiMbasa zoMculo zoMzantsi Afrika ezininzi ngexesha lomsebenzi wakhe.

Enye imvumi uYamikani Janet Banda, okwabizwa ngokuba nguLady Zamar, naye uvakalise uvelwano lwakhe kusapho lakwaMkutukana.

Abemi boMzantsi Afrika bathabathela kumakhasi onxibelelwano ukudlulisela imiyalezo yabo yentuthuzelo kunye nosapho kunye nokwabelana ngeenkumbulo zabo ezithandekayo.

      OGQIRHA BABHOK'ISICUKU KUMBA WE-NHICENTURION -Umthetho we-NHI ulindele utyikityo lukaMongameli Cyril Ramaphosa uku...
13/12/2023




OGQIRHA BABHOK'ISICUKU KUMBA WE-NHI

CENTURION -Umthetho we-NHI ulindele utyikityo lukaMongameli Cyril Ramaphosa ukuba ube ngumthetho.

Kodwa oogqirha kunye neengcali eziyinxalenye yeSolidarity Doctors' Network, babhengeze ukuba bakhetha ukuvala iindlela zabo kunokusebenza phantsi kwe-Inshorensi yezeMpilo kaZwelonke karhulumente.
Umphandi wezoqoqosho kwiSolidarity Research Institute, uTheuns du Buisson uthi eyona nto ibalulekileyo kukungabikho kwenkululeko koogqirha kulo mthetho.

"Kukho iinkxalabo ezinkulu asiyonkxaso-mali kuphela kodwa yinkululeko abayinikwayo okwangoku kwinkqubo ekhoyo ngoku engatsho ukuba inkqubo ekhoyo ngoku ifanelekile. Kodwa inkqubo ekhoyo inika oogqirha kule meko ubukhulu becala oogqirha neengcali ithuba lokugqiba enoba bangathanda na ukuba ngabasebenzi babe nezenzo zabo okanye basebenze kwicandelo labucala, apho enye into phantsi kwe-NHI babengasayi kuphinda babe nezo ndlela kwaye bonke kuya kufuneka basebenze apho urhulumente ebaxelela ukuba basebenze khona, "Uchaze ngelitshoyo oka du Buisson.

KUBHUBHE ABANTU ABATHANDATHU KWIINGOZI ZENDLELA EPHONDWENI.Yimiphefumlo emithandathu ethe yasutywa kukufa logama isi s'x...
07/10/2023

KUBHUBHE ABANTU ABATHANDATHU KWIINGOZI ZENDLELA EPHONDWENI.

Yimiphefumlo emithandathu ethe yasutywa kukufa logama isi s'xhenxe sonke eshiyeke sanese izivubeko, kwiingozi ezahlukeneyo phezolo.

Othethela isebe lezothutho e-EC Unathi Binqose uthi: " first accident happened on the N2 between Peddie and Makhanda. This is where 4 people died while other four sustained injuries in head on collision."

Oka Binqose utyatyadule wathi " A Toyota Avanza with 7 occupants collided with a Fidelity security services van with two males officers from Grahamstown heading towards Peddie (Ngqutshwa).

4 people, including the driver died from the Avanza while 5 others including both occupants of the fidelity van sustained injuries and were rushed to a hospital in Makhanda.

In another head-on collision, on the R61 between Mthatha and Engcobo, 2 people had lost their lives three sustained injuries."

Ekwathi '' A VW polo with 4 males adults collided with a mini truck.

Two males occupants from VW Polo (driver and rear passenger) died on the scene. 2 other passengers of the polo were rushed to a hospital in Mthatha, while truck driver escaped unharmed",

Loka Bhinqose uqwele ngelithi.
Unobangela wezingozi nokulahleka kwemiphefumlo kukundlandlathekisa nokuqhuba ngokungena nkathalo, nto leyo ebangela kube kukho olingquzulwano.

Kuvulwe amatyala okubulala ngokungena-njongo.

   BANKAMFULWE YINGALO YOMTHETHO BESACEBA UKUBAMBA INKUNZINgoonqevu abathathu abathe bagagana nembila zithutha xeshikwen...
05/10/2023



BANKAMFULWE YINGALO YOMTHETHO BESACEBA UKUBAMBA INKUNZI

Ngoonqevu abathathu abathe bagagana nembila zithutha xeshikweni besa yila iqhinga lokukhuthuza abahlali kwiBhasi ethutha uluntu ukubasa kwiindawo zeMpangelo.

Oku kwenzeke ekuseni nje xa kanye ibhasi esuka eKhayelitsha ibidlula koo I, kodwa unobalisa uthethe wenjenje:

"Sana into yase Khayelitsha bangenile bhasini yethu this morning xa ikoo i they split bahlala kwi separate seats but u driver was smart enough to stop ngase Police Station eSite B watixa bus wabiza amapolisa. We are not safe kwezi bus sana. They were carrying guns bobathathu ngesingena phone ngoku".

10/08/2023




USANTACO USIKHABILE ISICELO SENTLANGANISO SIKASODOLOPHU WASEKAPA.

Ibhunga lemibutho yezithuthi zikawonke-wonke zohlobo lwetaxi eNtshona Koloni u -"SANTACO",
Lisibhebhethe okomshologu isicelo sikasodolophu wesixeko saseKapa umnumzana Geordon Hill-Lewis, eso sokubakhwebela kwisithebe seengxoxo.

Elibhunga lithi lifumanise ukuba injongo okanye umxholo wale ntlanganiso ngowokunika umkhombandlela weentlanganiso ezizayo sesigqeba esixakathiswe uxanduva lokusombulula imbambano ephakathi kwabo nesixeko.

Lithi lona lijonge ukuba kuziwe nesisombululo esikhawulezileyo nalapho bafuna ukuba banikwe ithuba lokuba zibuyiselwe kubo izithuthi zabo ezithinjiweyo, lo gama zisaqhuba iingxoxo ezimalunga nezikhalazo zabo zokuba izithuthi zabo zithinjwe gwenxa.

   CLEAN IT MAQABANE IXESHA LISONDELESele liqalile iphulo lokwakhiwa ngokutsha kwemizila emibini kaloliwe i-Khayelitsha ...
04/07/2023





CLEAN IT MAQABANE IXESHA LISONDELE

Sele liqalile iphulo lokwakhiwa ngokutsha kwemizila emibini kaloliwe i-Khayelitsha ne Kapteinsklip.
Kungokunje kuqeshwe iqaqobana labahlali balengingqi ukuba baqale umsebenzi wokucoca kufuphi neskhululo sikaloliwe ePhilippi. Kananjalo kulindeleke ukuba kufakelwe icingo lethutyana nanjengoko kuzakuqaliswa nokusebenza ukuzama nokukhawulelana nokhuseleko.
Metrorail WC Parliament of the Republic of South Africa

09/03/2023




NEHAWU PROTEST TURNING INTO RAMPAGE

Three protesting health workers were shot with rubber bullets on Thursday, allegedly by security guards in Mthatha, as the national protest over a wage dispute continues.

    NGUDULUBHENTSU ABAFUNDI BASASAZA IINKUNKUMA KWIHOLO LE SIKOLOAbafundi bebevathe obenja xeshikweni bechitha inkunkuma...
07/03/2023




NGUDULUBHENTSU ABAFUNDI BASASAZA IINKUNKUMA KWIHOLO LE SIKOLO

Abafundi bebevathe obenja xeshikweni bechitha inkunkuma kwiholo yesikolo izolo umhla wesithandathu kuMarch 2023.

Isizekabani asibambeki ncam nanjengoko iintetha ezithubelezayo zidiza ukuba balwela uNSFAS, nto leyo ihlikihlis'ifokotho kuba basenza izifundo kwisikolo samabanga aphezulu.

   ZIHLOBO NEZALAMANI ZABO BALAHLEKILEYO VELANIIsebe lezeMpilo kwiphondo leRhawuti lithi yimizimba engamakhulu alithoba ...
07/03/2023





ZIHLOBO NEZALAMANI ZABO BALAHLEKILEYO VELANI

Isebe lezeMpilo kwiphondo leRhawuti lithi yimizimba engamakhulu alithoba yonke engaziwayo elele emikhenkceni yabo.

Bathi bayabongoza ukuba kungenzeka ukuba unesihlobo okanye isalamane esiduke kudala uncede uphathelele uchaze igama nefani yaye uzekufanisa nanjengoko iliqela imizimba engenabanini nengekafakwa ibango.

07/03/2023




The Health Professions Council of South Africa says it does not regulate how doctors dress or their lifestyle.

Address

Protea Road, Philippi
Cape Town
7781

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when E Z Iindaba posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share