Ubomi

Ubomi Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Ubomi, Digital creator, 234 Street, Centane.

09/12/2025

Insert 1

Ndihleli endlini ngalemini ndiyapheka ukutya kwangokuhlwa umyeni usempangelweni
afike ngexesha lakhe lobuya sele engxamile ingumntu oleqayo
Mna : haibo bbe wafika sewungathi uyagqitha futhi kwenze njani
Yena : yha andihlelanga sisi ndikhapha umngani wam .
Mna : kengok awuzotya ngoba ngoba sezivuthiwe imbiza zama ( andifuni nombuza ukuba uyaphi ngoba impendulu izothi ndingenaphi mandizixakekise ngozala qha mna )
Yena : andizokwazi mfazi ukutya ndileqile ndilate nangok
Mna : oh k uzobuya kengoku ndikulinde
Yena : ungandilindi sisi Vala ulale
Mna : ouk zikubona kusasa, mmh uyaphangela ngomso ndikulungiselele izinto zophangela ( phofu ngok ndithetha naye yena uyazilungisa akandijonganga nondijonga udikwe kwalapha ebusweni ndim )
Yena : ha a ungalingisi andingeni ngomso sisi

Ndaphuma ndamshiya ndayokuphakela mna mntu ulambileyo, ndaphaka ndatya mntuwabantu
Phofu ndikuqhelile ukutya ndedwa ndandikade ndimlwisa xa esenza izinto zakhe ndayeka ngoba ibandim ova kabuhlungu ngob akuqheni uthi ewe bendilele enkazaneni xa ndimbuza ukba ebeleliphi so ndakhe uthula ndiyeke ndimvule
Into endizixakekise ngayo kuzama umntana ngoba nam ndiyamfuna ngoba ndiyamthanda umyeni wam
Ndiyabahamba ugqirha sasikade sisiya sobabini zibuye iziphumo zisithi asinanto sobabini kodwa dololo uk*mitha k*m , ngok ndibahamba ndedwa waphuma apho yena owam umyeni wathi undiniwe kuhamba into engabonakaliyo inoba ndifuze uDabawo wam
Ewe ukhona uDabawo wam engenaye umntana qha keyena zange wayozijonga unobangela wokuba angazali

Uphumile ke umyeni senxibe kakuhle inuka kamnandi , ufeke wakha amacephe kokukwam ukutya bendikutya
Yena : ndimkile zokubona ngomso andazi ngabani ixesha ( waphuma ugqiba kwakhe )
Mna : yhaa neh ndandithe ndizonyamezela

Ndihleli ke ndabukela TV ndandinwa ndayo lala egumbini lolala ndafika ndacofa founi ndityiwa sisiyalo andinabuthongo kodwa ndigqibele ndizumeka ndalala
Ndivukile ngakusa ndenza izinto zakwam ndabetha indlu yaphola ndahlamba impahla zethu

03/12/2025

INTSHAYELELO

igama Minentle Bala ndingowakwa Ndlamini isiduko ndineminyaka 25 , ndizalwa ngutata uThulani Bala 63 kunye nomama uNosandi Bala 57
Sizalwa singabantwana abane
1. Khayalethu and Akhanyile 30 yrs ngamawele ngabafana bayaphangela , uKhayalethu liGqwetha bese uAkhanyile nguTishala samabanga aphezulu , ngokuhlala bahlala eKapa

2. Sisanda 27 yintombi unguMongikazi eMonti

Izobandim ndihlala eMonti kunye noMyeni wam uSandile Macala kwaQoma isiduko , ndineminyaka emithathu nditshatile nomfana wakwa Qoma uneminyaka eyi28 ngokuzalwa , kodwa asikabinamntana
Ndeza apha emendweni ndiseyintombi ntoo siyazama ukuba nabantwana kodwa tuu ubakho abantwana lonto yenza ungavani emtshatweni wethu ngob indoda ifuna umntana , ndiyeke nosebenza ngoba uthi kufuneka ndingasebenzi nzima ukuze ndibambe , ukukho uk*mphikisa ngoba nguGqirha lomntu uyayazi lento ayitshoyo
Mna ndingu Tishala kwesikolo samabanga aphantsi kwalapha kwilokishi esihlala kuyo

Elali zethu zikuCentane kunye noSandile

Address

234 Street
Centane

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ubomi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share