29/05/2025
Lifuna impendulo ngokufa konyana walo eseluvalelweni lwamapolisa ikhaya lakwa Nkisi, eFlagstaff
Izihlobo zika Beki Nkisi (35) wase Dolophini, eFlagstaff, zithi zimgqibele ukumbona ephila unyana wazo ekuzeni kusa ngoLwesine kwiveki ephelileyoz ngethuba ethathwa ngamapolisa ababini azichaza ngoku ngawase Gqeberha. Bathi phambi phambi kokuba amthathe uBeki lamapolisa aqale ambetha kanobom, emphatha kumvala umoya kukho nelalimtsala ngobudoda logama elinye lalimbeke umpu emqaleni.
Lamapolisa athi amsa kwisikhululo samapolisa eMtontsana emva kokutyhola ngelithi uBeki lo unompu ongekho mthethweni. Bathi ebavisa kabuhlungu kukuzibona sebengcwaba umntwana wab' ophume endlini ephila.
Batyhola ngelithi amapolisa abaxelele ukuba uBeki uye wabanjwa sisifuba ze bamdlulisela kwisibhedlele esikufuphi nalapho ethe wafika wasweleka. Elikhaya ibe ngumnqa kelo ngoba oko wazalwa uBeki zange wakhala ngesifuba.
Ingxelo zokuqala zika gqirha zithi, uBeki ufunyenwe ephuke imbambo kwaye kukrokreleka ukuba wophele ngaphakathi. Ikhaya lisalinde ezinye ingxelo.
Usisi ka Beki ubalise wathi, "Bekungolwesithathi kwiveki ephelileyo kwimizuzu nje embalwa kubethe intsimbi yeshumi elinesibini ebusuku. Sothuswe ngumntu obenkqonkqoza wabesithi ufuna uBeki."
Uthi bamxelela lomntu ukuba uBeki ulala kweligumbi likufuphi nelabo.
Uthi uye wabethelwa xa engade ave mntu, unkqonkqoza kwigumbi lika Beki ze omnye usisi wakhe wakroba ngefestile.
Uthi kulapho baye baqaphela ukuba lomntu uphethe isibhamu, xa bebona ithunzi laso.
"Siye saxhuma nosisi sayokroba sesikhwaza sibuza ukuba uphi lomntu ufuna uBeki," uthethe watsho.
Ngeloxesha umninawe ka Beki uye waphuma naye kuronta alala kuwo kuba esiva kuthethwa phandle ngosisi bakhe.
Usisi ka Beki uthi aye aziveza lamadoda abechaza ukuba angamapolisa.
Uthi elinye belinxibe impahla zama polisa logama elinye belinxibe izinto ezimnyama.
Ebusweni bebezigqumile kuvele amehlo kuphela.
Uthi aye axhumela umninawe ka Beki amkrwitsha xa embona.
"Kulapho sithe sakhala sabe siwaxelela ukuba akango Beki yena," utshilo lo sisi.
Uthi emzuzwini uye wavela uBeki ezipholele kucaca ukuba oko ezibukelele umabona kude endlini enkulu.
Uthi bone nje ngokuwaxelela lomapolisa ukuba nanku uBeki, ayeka lo bebanjiwe axhumela kuBeki.
"Elinye liye lambeka isibhamu emqaleni logama elinye belimtsala ngobudoda obu bakhe. Ube kwakhala ebuza ukuba wenze ntoni, abe mrhuqela kulendlu alala kuyo uBeki. Pha sive nje ukuba abuza isibhamu uba siphi. Ube kwathi akanaso babe bembetha. Umnyango ubuvaliwe sibetha icango singazi uba masithini. Siye sabaleka sayovusa umama no buti uba bazonceda uBeki uyafa. Ubuti uye wakhaba icango lavuleka. Sithe singena wabe elijaja ligazi. Khange kube kudala aqhumisa isibhamu lamapolisa, asikhomba nakuthi. Siba kwabuza uba wenzeni abe mrhuqa. Isibhamu sisitsho nalapha ngasezinyaweni zakhe. Ndiye ndaqaphela ukuba akakwazi kuhamba ngoba uye wawa, kwiforo esemva kwendlu, bamrhuqa andazi noba ebechanekile ezinyaweni," uthethe watsho usisi wakhe.
Uthi ahambe naye ke amapolisa athi amsa kwisikhululo samapolisa uMtontsasa.
Lo sisi uthi umama wakhe no buti wakhe baye balandela ekuseni beyojonga ukuba ufikile nyani na uBeki emapoliseni, bafika baxelelwa ukuba ukhona kodwa abavunyelwa ukuba bambone.
Uthi ubuti wakhe uye wazama ukucenga echaza bafuna nje ukumbona ukuba unjani njengoba ebethiwe kodwa amapolisa alile.
"Into abasuke bayixelelwa kukuba uBeki ufunyenwe enembumbulu kwipokotho yesilamba sakhe. Siba kwabuza ngawuphi umzuzu ngoba siwabuzile amapolisa uba afuna ntoni kuye athi isibhamu, ubuti wabuza ukuba basifumene na bathi ukuba ukanaso bazakumbuyisa ekuseni. Akukho nto ithethiweyo ngembumbulu efunyenwe kuye,"
Lo sisi uthi eyona nto ithe yabuhlungu kukuba emva kokungavunyelwa abazali bakhe ukuba bambone uBeki kusuke kwafika umphanga ngoLwesine njalo emva kwemini abaxelela ukuba ubuti wakhe uye waswelekela esibhedlele emva kokukhala ngesifuba.
Ilungu le EFF uSinethemba Hlomendlini uthi ekuthethwe likhaya kukuba uBeki ufunyenw' ephuke imbambo kuyabonakala ukuba ubulewe kukubethwa.
Abahlali bakhe babamba umngcelele osingise kwisikhululo samapolisa ase Mtontsana kwiveki ephelileyo befuna impendulo.
Ngolwesithathu kule veki, ukuhlala bekuhleli intlanganiso namapolisa nalapho amapolisa ebezama ukucacisa okwenzekileyo.
UHlomendlini uthi amapolisa asuke abaxelela ukuba elitya ngoku likwi Ipid nephanda ukuziphatha ngwenxa kwamapolisa.
UPhaladi Shuping we IPID ugqinile ukuba baphanda ityala lokufa komntu eseluvalelweni.