Sinelizwi newspaper Isixhosa

Sinelizwi newspaper Isixhosa Thetha nathi simamele

Yimveku enenyanga ezintathu ethe yasweleka kwingozi ye moto eyehle ku N2 phakathi kwe Gcuwa ne Monti izolo.Lengozi yengo...
13/12/2025

Yimveku enenyanga ezintathu ethe yasweleka kwingozi ye moto eyehle ku N2 phakathi kwe Gcuwa ne Monti izolo.

Lengozi yengozi yenzeka ngethuba indlela bezimanzi ngenxa yemvula.

Amagosa ezendlela athi umqhubi wemoto eyi VW Polo uye waphulukana no lawulo lwayo ze watshayisa imoto eyi bakkie kunye neyakwa Mercedes-Benz sedan. Usana luye lwaphulukana nobomi balo kwindawo leyo yengozi. Abantu abayi 4 baphume benemikrwelo.

Kunqakulwe oonqevu abane eLibode ngezityhola zokuxhwila nokuqweqwedisa indoda ena 48, befuna imali ka RAF. Abanqevu baba...
11/12/2025

Kunqakulwe oonqevu abane eLibode ngezityhola zokuxhwila nokuqweqwedisa indoda ena 48, befuna imali ka RAF.
Abanqevu babanjwe ngamapolisa kwingingqi yase OR Tambo, iFlying Squad yase Mthatha nase Libode kunye namapolisa ase Bityi. Baneminyaka ephakathi kuka 18 kunye no 30. Isiganeko esi senzeke ngoLwesithathu izolo ngecala emva kwentsimbi yesine malanga.
Amapolisa athi axelelwe yindodakazi yexhoba emva kokuba itsalele umnxeba uyise ayamfumana kwimfonomfono.
Lentwazana ithe yakungamfumani uyise emnxebeni, yaqonda mayileqise apho ahlala khona eThabo Mbeki, kulapho iye yaqaphela ukuba bekukho budulubhentsu obukhe benzeka nalapho kubonaka ukuba ixhoba eli leye lalwa phambi kokuba lixhwilwe.

Amapolisa khange aphozise maseko, adla ezithendeni zabarhanelwa nalapho aqale ngokufumana umnxeba wexhoba kwimbacu zase Mthatha iSlovo park.

Unqevu obanjwe apho uye wacula wawakhomba eCorana kwalapho eMthatha, amapolisa, nalapho kuye kwabanjwa umrhanelwa wesibini naye ongakhange aphozise maseko, ekuculeni wawakhomba eNgweni amapolisa nephantsi kweBityi.

Amapolisa afike ixhoba ligadwe ngonqalintloko ababini nabathe babanjwa. Imali yexhoba, umnxeba kunye nama card ebank aye afunyanwa.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, uthi abarhanelwa bazovela kwinkundla yaseBityi nase Libode kungekudala.

Umkomishini wamapolisa eOR Tambo uMajor General Norman Modishana uwaqhwabele izandla amapolisa ngokubamba ezizigila mkhuba.

Ifunyenwe lenkwekwana edubule yabulala enye eneminyaka eyi 11. Utata womntwana nonguye umenzi walo mpu uyise ngokwakhe l...
11/12/2025

Ifunyenwe lenkwekwana edubule yabulala enye eneminyaka eyi 11. Utata womntwana nonguye umenzi walo mpu uyise ngokwakhe lenkwekwana emapoliseni namhlanje ekuseni kunye nompu osetyenzisiweyo. Utata uthi umpu lo uwushiye ewuhlohle imbumbulu ngethuba esiya edolophini ze wawufaka kwi drawer. Unyana uwukhuphe apho.

Sebephinde bafunyanwa. Amapolisa athi uBooi afuman' ezihambela kwizitalato zase Bedford ukanti yena uNdokweni ufunyenw' ...
11/12/2025

Sebephinde bafunyanwa. Amapolisa athi uBooi afuman' ezihambela kwizitalato zase Bedford ukanti yena uNdokweni ufunyenw' ezimele kwindlu engahlali bantu kwapha eBedford.

Babuyiselw' eziseleni

Isacande amathafa inkwekwana eneminyaka eyi 14, etyholwa ngokudubula ibulale inkwenkwana eneminyaka eyi 11, eKwaaiman eM...
11/12/2025

Isacande amathafa inkwekwana eneminyaka eyi 14, etyholwa ngokudubula ibulale inkwenkwana eneminyaka eyi 11, eKwaaiman eMqanduli.

Ngokutsho kwamapolisa lenkwenkwana isebenzise uzenzele wompu ka yise nobushiyw' endlini unembumbulu. Amapolisa athi uyise uvumile ukuba umpu lo ngowakhe.

Ngethuba efika amapolisa inkwenkwana le ina 11 ibisele ibanda ukanti le ina 14 ibalekile kunye nompu lowo.

Okwangoku ayikaziwa ukuba iyotshona phi kwaye ibaleke nompu lowo kayise.

05/12/2025

Apha kuseKapa kwindawo yase Kuilsriver.

Umqhubi we moto encinci uthi bekupha ngezithuba zika 7 ekuseni namhlanje. Uthi irobots bezimvulele ukuba adlule, ze lo we taxi wangena kuye, umpushela ecaleni endleleni. Uthi uthe xa ephuma ejonga umonakalo, lendoda yakwaCodeta yabe uphuma ileqa kuye. Uthi uthe akuyibona ukuba ilwile waqonda makabuyel' emotweni. Ngaphakathi kwimoto bekukho inkosikazi kunye nomntwana onenyanga ezintandathu.

Uthi lomfo uye wacela umama wekhaya ukuba athathe lavidiyo ngoba lendoda ibisele imsondela. Wenze njalo umama wekhaya kanti abalazanga elidlalayo wayebhabha lomfo kwelicango lika mama walikhaba ezama ukuvula. Ngentlahle khange livuleke, hayi ke wajikela ngakumqhubi wophula isipili.

Lendoda ithi ingene kwimoto yazama ukubaleka, sele incediswa ngabanye abaqhubi bevalela le taxi ukuba ingafikeleli kuye.

Ashiyek' ebambe ongezantsi amapolisa ese Cookhouse kwiPhondo le Mpuma Koloni, ngethuba kungena umhlali ewaxelela ngesiga...
05/12/2025

Ashiyek' ebambe ongezantsi amapolisa ese Cookhouse kwiPhondo le Mpuma Koloni, ngethuba kungena umhlali ewaxelela ngesiganeko sokuxhonyiswa yindoda ibisaziwa ngokuba iseziseleni kwaye ijongene namatyala anobuzaza.

Amapolisa athi, bekusemva ko 9 ukuva kwawo ukuba kukho amabanjwa aqhweshileyo eziseleni.

Athi kufike umhlali eyovula ityala lokurojwa wabechaza ukuba urojwe ngu Atshaxole Booi (23) nobesaziwa nje ngendoda eqamele ngenqindi.

Amapolisa ebelapho aye azibeleka izithende ukuleqa eziseleni xa efika afumanisa ukuba loka Booi utsibe nomnye umguvela ogama lingu Patrick Ndokweni yena una 34.

Basagcwele amathafa

Uba ubabonile ungabaphazamise utsalele umcuphi kule nombolo : 082 413 6632 / 082 301 8504

Balale beqamele ngenqindi emjiva, oonqevu abathathu nekutyholwa ukuba ngabo abaxuth' amacard ebank abantu kwidolophu yas...
02/12/2025

Balale beqamele ngenqindi emjiva, oonqevu abathathu nekutyholwa ukuba ngabo abaxuth' amacard ebank abantu kwidolophu yaseGcuwa.

Omnye kwabanqevu yena ubanjelwe ukuthengisa iziyobisi kwizitalato zaseGcuwa. Babanjwe kubusuku bayizolo.

Ukubanjwa kwabo kuza emva kokuba umasipala waledolophu ethe wafaka icamera eziluhlobo lwe CCTV.

Kusweleke abantu abayi 5 kwingozi edibanisa izigadla ezimbini kunye ne moto eyi bakkie.Lengozi yehle kwindlela uN10 phak...
30/11/2025

Kusweleke abantu abayi 5 kwingozi edibanisa izigadla ezimbini kunye ne moto eyi bakkie.

Lengozi yehle kwindlela uN10 phakathi kwe Cookhouse ne Gqeberha namhlanje. Kuyacelw' abantu baqhube ngononophelo. Abenkonzo zohlangulo balapho.

Indlela isavaliwe

Logama kulindeleke ukuba umphathiswa wezokhuseleko nezendlela uMnu Xolile Nqatha abanentetho nabaqhubi be taxi eNgcobo n...
26/11/2025

Logama kulindeleke ukuba umphathiswa wezokhuseleko nezendlela uMnu Xolile Nqatha abanentetho nabaqhubi be taxi eNgcobo namhlanje, abaqhubi be taxi phakathi kwe Dutywa no Gatyana nabo babambe olwabo uqhankqalazo namhlanje ngelithi nabo abazifuni nokuzibona ibhasi zakwa Intercape kwindlela kwezadolophu.

Indlela uN2 eDutywa uvalelekile kodwa amagosa ezendlela akhona ukuzama ukudala ucwangco.

Ngumqhubi we moto yakwa VW othe wasweleka kwingozi eyehle kwindlela ephakathi kweKomani ne Jamestown. Kuvakala ukuba imo...
26/11/2025

Ngumqhubi we moto yakwa VW othe wasweleka kwingozi eyehle kwindlela ephakathi kweKomani ne Jamestown.

Kuvakala ukuba imoto eyi VW Tiago ingquzulene ne bhasi yakwaGreyhound kubusuku bayizolo.

Umqhubi we moto uye wabambeka emotweni kwanzima ukuphuma.

Mnye umntu obalekiselwe kwisibhedlele iFrontier ese Komami, ukanti abantu abayi 31 bebekwi bus abavumanga ukusiwa esibhedlele.

19/11/2025

Iinkokheli zikaMasipala iDr AB Xuma namhlanje bezibambe indibano nabameli boshishino lweeteksi, oku kulandela ukuphazamiseka okuthe kwachaphazela ukuhamba kwezithuthi kunye nokusebenza koshishino edolophini.

Le ndibano ibizinyaswe bubukho buka Sodolophu ka Maspala wesithili iChris Hani, uMkomishinala weSithili weNkonzo yamaPolisa, amagosa eSebe lezoThutho, kunye nabanye abachaphazelekayo. Eligqiza libonakalise ukuzibophelela ekubuyiseleni ukusebenza kwesiqhelo kunye nokuqinisekisa impilo-ntle yoluntu.

Isisombululo soxolo ekufikelelwe kuso, sivumela iinkonzo zothutho kunye nemisebenzi yezoshishino ukuba iqalise kwakhona ngokukhawuleza. Abameli boshishino lweeteksi bavumile ukusebenza ngentsebenziswano noMasipala kunye nabo bachaphazelekayo njengoko kuqhubeka iingxoxo ukulungisa le nkxalabo iphakanyisiweyo.

UMasipala uyawubulela umonde kunye nentsebenziswano kwabo bachaphazelekayo kunye nokuzimisela kwabo ukufumana isisombululo esinoxolo. uMasipala uzibophelele ekugcineni iindlela zonxibelelwano ezivulekileyo kunye nokuqinisekisa ukuba ukhuseleko loluntu kunye nokuqhubekeka kwenkonzo zigcinwa ngamaxesha onke.

Imbalelwano ne vidiyo zezika Masipala Dr AB Xuma Local Municipality

Address

Cofimvaba

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Sunday 09:00 - 17:00

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Sinelizwi newspaper Isixhosa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Sinelizwi newspaper Isixhosa:

Share