Eastern Cape Daily News

Eastern Cape Daily News Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Eastern Cape Daily News, Media/News Company, East London.

26/12/2025

[BUKELA IVIDIYO]

[UBUSAZI NA?]Iingxelo zibhentsisa ngelithi abemi boMzantsi Afrika bachitha isixa-semali esingange R414 Million ngosuku e...
26/12/2025

[UBUSAZI NA?]

Iingxelo zibhentsisa ngelithi abemi boMzantsi Afrika bachitha isixa-semali esingange R414 Million ngosuku ekuthengeni utywala ngelixesha lika-wayidlokova.

ZIYI 187 IINTSANA ZEKRISIMESI LUSIKISIKI- UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa wamnkele iintsana ...
26/12/2025

ZIYI 187 IINTSANA ZEKRISIMESI

LUSIKISIKI- UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa wamnkele iintsana ezizelwe ngeKrisimesi kwisibhedlele iSt Elizabeth, eLusikisiki. Ziintsana eziyi 187 ezizelwe ngosuku leKrisimesi ephondweni jikelele.

[EMFANEKISWENI]Qash-Qash ngowuphi lomlambo? Kwaye uphi?
25/12/2025

[EMFANEKISWENI]

Qash-Qash ngowuphi lomlambo? Kwaye uphi?

[IXESHA LEKRISIMESI]Nanjengoko seliphinde lafika kwakhona eloxesha lokupoyoza, ukuchitha ixesha nabo basenyongweni kuwe....
24/12/2025

[IXESHA LEKRISIMESI]

Nanjengoko seliphinde lafika kwakhona eloxesha lokupoyoza, ukuchitha ixesha nabo basenyongweni kuwe. Iibhiskiti zakwaBakers, iChoice Assorted minyaka-le ezibhisikiti ziyintandane kumakhaya amanintsi minyaka-le eMzantsi ngexesha leKrisimesi.

Nceda wonyule eyona bhiskiti uyithanda kakhulu, yakwaBakers Choice Assorted, oyonwabelayo ngeKrisimesi.

[ ]Amathole District Municipality ADM ensures uninterrupted water services this festive season! As the festive season ap...
23/12/2025

[ ]

Amathole District Municipality

ADM ensures uninterrupted water services this festive season!

As the festive season approaches, Amathole District Municipality (ADM) is gearing up to ensure uninterrupted water and sanitation services despite the expected surge in demand.

With the rainy season and potential for severe weather conditions, ADM has put measures in place to mitigate possible disruptions.

Your water services are our priority, we will be working tirelessly to keep them flowing.

In case of an emergency, please contact our Fire Emergency Service 043 705 9000.

Have a safe and happy holiday season from all of us at ADM!

Amathole District Municipality- Siyakukhonza!

[INANI LABAKHWETHA ABASWELEKILEYO]Liphinde lonyuka inani labakhwetha abaswelekileyo ephondweni, lixhume layokutsho kumas...
23/12/2025

[INANI LABAKHWETHA ABASWELEKILEYO]

Liphinde lonyuka inani labakhwetha abaswelekileyo ephondweni, lixhume layokutsho kumashumi amabini(20).

Elinani lingqinwe nguMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kunyeneMicimbi yezekhaya(COGTA) ephondweni uZolile Williams.

23 EyoMnga 2025

22/12/2025

[ 🎄SININQWENELELA IKRISIMESI EMYOLI 🎄]

[IXESHA LEMIGIDI]SAJONISI- Bekuxhel'exhukwana emgidini kaVeli eSajonisi,Entsonyini. KooNcamini, ooXhaphazela, ooMthwa ka...
22/12/2025

[IXESHA LEMIGIDI]

SAJONISI- Bekuxhel'exhukwana emgidini kaVeli eSajonisi,Entsonyini. KooNcamini, ooXhaphazela, ooMthwa kaSihula bekhupha unyana wabo.

INGABA KUKHO UMGIDI KWINDAWO OHLALA KUYO?

Nceda usishicilele imifanekiso kunye nevidiyo, wandule ukusithumelela.

IZIBAZANA EBELIQHUMISA IRHULUWA LIVULELWE ITYALAIzibazana lasePlettenberg Bay nelikwanguSekela- Sodolophu uNokuzola Kolw...
21/12/2025

IZIBAZANA EBELIQHUMISA IRHULUWA LIVULELWE ITYALA

Izibazana lasePlettenberg Bay nelikwanguSekela- Sodolophu uNokuzola Kolwapi, livulelwe ityala emapoliseni ngenxa yokuvulela irhuluwa ngexesha ebebhiyozela umgidi wonyana.

Ushicilelo levidiyo elitsh*tshiliza kumakhasi wezonxibelelwano lityhola, ngokubonakalisa lona kaKolwapi eqhumisa irhuluwa esidlangalaleni.

Ushicilelo levidiyo cofa apha: https://www.facebook.com/reel/2918250098371473/?app=fbl

21/12/2025

[BUKELA IVIDIYO]

QONCE- AmaNtshilibe, ooBhanqo, ooMdumane bayabhenquza kumgidi kaMbasa eMadramini, kwaDikidikana eQonce.

Ushicilelo levidiyo: lithunyelwe

21/12/2025

[BUKELA IVIDIYO]

Usapho lalomzi lichithe isixa-semali esingange R600 000 kumgidi wonyana wabo.

Ushicilelo: Mzansi Magic

Address

East London

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Eastern Cape Daily News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Eastern Cape Daily News:

Share