Icamagu News

Icamagu News Community Newspaper

Indlu Yeenkokheli Zemveli Igxeka Ukubulawa Kwamalungu Osapho LwaseMazamisa
09/09/2026

Indlu Yeenkokheli Zemveli Igxeka Ukubulawa Kwamalungu Osapho LwaseMazamisa

NguNasiphi Mabusela | Icamagu News Reporter WILLOWVALE— INdlu yeeNkokeli zeMveli namaKhoi-San eMpuma Koloni igxeke kabukhali ukubulawa ngenkohlakalo kwamalungu osapho lwasebukhosini bakwaMazamisa, KuGatyane, eWillowvale. Le Ndlu ivakalise usizi lwayo emva kokuba uNkosi Mzonke Mazamisa Ah Gudlulwan...

USUKU LOKUKHUMBULA 2026: KUHLONITSHWA AMAQHAWE NAMAQHAWEKAZI AWILEYO ESIPOLISENI. 📸SAPS**EPITOLI** — Imvula egalele namh...
06/09/2026

USUKU LOKUKHUMBULA 2026: KUHLONITSHWA AMAQHAWE NAMAQHAWEKAZI AWILEYO ESIPOLISENI. 📸SAPS

**EPITOLI** — Imvula egalele namhlanje ayithathwa nje njengemeko yemozulu, koko kwabanye ibonwa njengophawu lweentsikelelo, njengoko ilizwe lihlanganisana ukuhlonipha nokukhumbula amagosa aphulukana nobomi bawo esebenzela ukhuseleko loluntu.

Umnyhadala woSuku lokuKhumbula u-2026 ubanjelwe e-Union Buildings ePitoli, apho amagosa karhulumente kunye namalungu oMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) ahlanganisene khona ukuze anike imbeko kumagorha awela emsebenzini.

UMphathiswa wamaPolisa, uNjingal ASwazi Firoz Cachalia, kunye noMkomishinala weSizwe obambeleyo weSAPS, uLieutenant General Puleng Dimpane, bakho kulo msitho osalindele ukuqala.

Phambi kokuqala komsitho, abaququzeleli kunye neenkokheli zamapolisa bathethe namajelo eendaba, begxininisa ukubaluleka koSuku lokuKhumbula ekuboniseni imbeko kumagosa aphulukana nobomi bawo kumlo wokulwa ulwaphulo-mthetho.

Kugxininiswe kwakhona kwidini elikhulu elenziwe ngamalungu eSAPS, awayebeka ubomi bawo emngciphekweni mihla le ukuze akhusele abantu, agcine uxolo aze alwe nolwaphulo-mthetho.

Usuku lokuKhumbula lithuba lokuba ilizwe liphumle umzuzwana likhumbule abo bangasekhoyo, liqaphele igalelo labo kwaye lidlulise imbeko kwiintsapho, izihlobo kunye noogxa babo abashiywe ngasemva.

**“Final Salute”**

** **

**EASTERN CAPE** — IKomishoni yoNyulo yoMzantsi Afrika (IEC) icacise ukuba ukubanjwa okanye ukufakwa kweenkcukacha zomgq...
03/09/2026

**EASTERN CAPE** — IKomishoni yoNyulo yoMzantsi Afrika (IEC) icacise ukuba ukubanjwa okanye ukufakwa kweenkcukacha zomgqatswa kwi-Online Candidate Nomination System akuthethi ukuba olo nyulo lungenisiwe ngokusemthethweni.

Ngokutsho kweKomishoni, bebonke abavavanywa abanokuba ngama-2 274 bafakwe kwinkqubo yokutyumba abagqatswa, kodwa abazange bagqitywe ngokuthunyelwa kwi-IEC phambi kokuba kuvalwe ixesha lokungeniswa kwezicelo ngentsimbi yesi-17:00 ngomhla wama-28 kuAgasti 2026.

Kwaba bantu, abangama-480 babengabavavanywa beProportional Representation (PR), logama abangama-1 794 babengabaviwa ingabeewadi. Aba bagqatswa babandakanyeka kumaqela ezopolitiko angama-45.

I-IEC ithi ngenxa yokuba aba bagqatswa bengazange bathunyelwe ngokupheleleyo kwiKomishoni phambi komhla nexesha elibekwe ngumthetho, abasayi kuba kukuhlu lwabagqatswa kuNyulo looRhulumente bamakhaya luka2026.

Le ngcaciso iza njengoko iKomishoni iqhubeka neenkqubo eziyimfuneko zokuqinisekisa nokuhlola ulwazi lwabagqatswa abangeniswe ngokusemthethweni.

I-IEC kulindeleke ukuba ipapashe **uluhlu lokugqibela lwabagqatswa ngomhla we-16 kuSeptemba 2026**.

03/09/2026

Welcoming Spring 🌱 🌼🌼

03/09/2026

Ah Ntlakohlaza!!

Ah!! Ntlakohlaza --JJR Jolobe. Uzumamele Amagqobhoka nama2K🤣🤣.
03/09/2026

Ah!! Ntlakohlaza --JJR Jolobe. Uzumamele Amagqobhoka nama2K🤣🤣.

Ibali eligcweleyo kwicandelo lokuphawula.
02/09/2026

Ibali eligcweleyo kwicandelo lokuphawula.

Omawukwazi ngochatha kwixabiso lamafutha nerhasi. Amaxabiso anyukile ukuqala ngomhla wesi2 kweyoMsintsi.
02/09/2026

Omawukwazi ngochatha kwixabiso lamafutha nerhasi. Amaxabiso anyukile ukuqala ngomhla wesi2 kweyoMsintsi.

01/09/2026

Usindiswe kukucela kwabanentsente umqhubi wesithuthi esihlawulelwa ngomgama esiwuhambileyo. Le vidiyo ithe ndii kumakhasi ezonxibelelwano nalapho abaphangi baye baphanza ukuqweqwedisa umqhubi.

Address

East London
5264

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00

Telephone

+27795523309

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Icamagu News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Icamagu News:

Share