23/09/2026
INSERT 43
[NARRATED]
Luyanda:Bawo yenza sizakuhamba
Mawethu:Siyaphi?
Luyanda:Siyokulungisa lento wayenzayo
Mawethu:Sizakuyilungisa njani? Sele I tender yawela k*m ndayitya nemali
Luyanda:Yiyekele k*m yonke enye into yenza sihambe
Mawethu:Okay Yima ndithathe ibhatyi noko alilihlanga elizulu
Ube sele senyuka u Mawethu ukuya phezulu ubuyile sele enxibe nesilamba baphume belandelelana nonyana wakhe, ohh kodwa Ibuhlungu lento ayenzayo u Jola ebantwaneni bakhe jonga ngoku bekunzima uba athethiswe ngu Elihle kuba ngulowo wamthengisayo ngapha kwelinye icala nomfazi wakhe akamthethisi phofu siye sithi Isixhosa uzenzile akakhalelwa.
Bakhwele emotweni umntu no Nyana wakhe babe sebesingisa edolophini ibengathi iyaphuma kancinci imoto apha edolophini yahamba nje umgama omncinci. Iyomisa phambi kwesosithabathaba somzi uthe xa efika pha u Luyanda wabe sekhupha umnxeba wakhe wawucofa wandula ngowubeka endlebeni, uthethile wathi ukugqiba kwakhe wawucima wajonga kuyise wakhe.
Mawethu:Kuphi apha?
Luyanda:Kulapho ubuzokwendisela khona intombi yakho
Mawethu:Ngoku sizokuthini?
Luyanda:Uzorhoxisa esosivumelwano
Mawethu:Ndiyakuva nyana uba abavumi?
Luyanda:Kuzakunyanzeleka sibanyanzele kaloku
Mawethu:Njani?
Luyanda:Yonke lonto izakulungiswa ndim
Kube sek*misa imoto apho ecaleni kwakhe u Luyanda, Tyhini kwehlike u Sizwe ehamba neqela labantu bebeyile pha ku five uphinde wajonga kutata wakhe u Luyanda.
Luyanda:Masehlike Bawo
Mawethu:Ngobani ababantu?
Luyanda:Abazanga kuwe bahamba nam
Ubumbon nje u Mawethu uba unako ukuthandabuza akafuni kuhlika kodwa ekugqibeleni bekunyanzelekile ehlikile. Baye behlika kwabe sekusiza nonogada wakulomzi baze kuwo bachaza uba ngobani baphi bavulelwa bangena ngaphakathi.
Ubabonisile apho u nogada bekufuneka bangene khona bachule ukunyathela obhuti abakhulu baya apho bakhonjwa khona, banqonqozile kwathiwa mabangene benze njalo nabo bayalelwa uba bahlale ndawoni.
“Tyhini Jola ndoda ndavakashelwa nguwe”
Mawethu:Inqabelene Krila
Krila:Ndakugqibela kudala uzuqonda bendisithi sizakhe sidibane kula meeting izakubakhona before i tender lee iphume
Mawethu:Kunjani kodwa ngempilo?
Krila:Sinyamezele Jola noba zikhona soze sizixele ngaphandle nje komntu loo ugugayo qha ninjani nina?
Mawethu:Sonwabile nathi akukho nto ndoda sibulela uvuka umphefumlo usadibene nenyama
Krila:Ewe marn, sandwendwelwa nguwe Jola kukho ingxaki?
Mawethu:Ikhona Krila kukho umba ekufuneka siwushukuxile sobabini
Krila:Ndimamele
Mawethu:Malunga nala deal sayenzayo kwiminyaka emibini edlulileyo
Krila:Ehh, ukuthini kwayo?
Mawethu:Ndize apha nje namhlanje ndizokurhoxisa yonke la deal sayenzayo
Krila:Awukwazi ukuyenza lonto savumelana thina sobabini, ndenza isithembiso sam I tender yawela kuwe ngoku awukwazi ukusirhoxisa
Mawethu:Ungalibali uba la mali yala tender sayitya sobabini ngoko ke ndinalo ilungelo lokurhoxisa laa deal sasivumelene ngayo
Krila:Sukuyiqala into ongazuyimela Mawethu akukho deal izakurhoxa apha, intombi yakho izakutshata no Mxolisi kunyaka ozayo finish
Mawethu:Nam ndiyakuxelela Xhanti uba akukho mtshato uzakukwenzeka apha soze ndivume uthengisa ngomntwana wam
Xhanti:(Ekhwaza)Mxolisi, Mxolisi
Uze sele ekhawulezile loo Mxolisi ufike wena apha ecaleni ko tata wakhe
Mxolisi:Thangana
Xhanti:Biza onogada pha baza kususa esisibhanxa apha
Mxolisi:Kulungile xhego
Ube sele esuka apha ngaku tata wakhe kuba ezakujongisa emnyango uvele u Luyanda wamtsala ngengalo.
Luyanda:Not so fast young man
Mxolisi:And then ungubani kewena?
Luyanda:Mna ke ndiyindoda engathandiyo uziphindaphinda xa ndithetha, mamela apha xhego ndini andikhathali noba kwakwenzeke ntoni phakathi kwakho no Bawo futhi andiyikhathalelanga lonto leyo into endiyaziyo akukho kwa mtshato uzokwenzeka ngowasekhaya umntwana
Xhanti:Ungayiqali inyoka izihlele ndoda yinto yabantu abadala lee wena awungeni ndawo kuyo
Luyanda:Kanti ndiyangena akukho mntu unokwenza izigqibo ngabakuthi abantu ugqiba ndimyeke nje kanjalo
Mxolisi:Lo nto ingathi undwebile
Luyanda:Gada amazwi wakho young man
Mxolisi:Andingo young man mna
Luyanda:Xhego bendisatsho ke loo deal wayenzayo no Bawo uze uyazi uba xa siphuma ngala mgubasi ipatyalakile uvile?
Xhanti:Mawethu wathula ndidelelwa ngunyana wakho? Kwedini Uyandazi mna? Lento uyiqalayo soze uyimele
Luyanda:Ndiyathemba uba sivakele andingethandi tuu uba singaphinda sibuye size apha kuba xa sibuya kuyakube kungekuhlanga
Mxolisi:(Ekhwaza)Guard
Uvele wayihleka u Luyanda bedibene no Sizwe zizile I guard ezintathu sele zihambela phezulu
Guard1:Boss kukho ingxaki?
Mxolisi:Mazinyamalale ezizinto phambi kobuso bam
Guard1: Nivile madoda makuhanjwe
Batsho sebesondela ko Luyanda bephethe ezo donkey piri zabo bathe kanye xa bezakubamba u Luyanda abantu baka Sizwe bakhupja i guns ugqiba bakhomba kubo bavele baqhala amehlo.
Luyanda:Bendithe sanungxama nizakuyibhuda lento
Xhanti:Kwedini hambani apha
Luyanda:Ndiyathemba uba sivakele akukho deal ikhoyo apha phakathi kwakho ne family yam kungekunjalo uzakudibana nembila zithutha. Khona wena ungumjita onjani loo ukhangelelwa unkosikazi? Okanye kutheni awukwazi kuzikhangelela wena?
Uthe cwaka u Mxolisi akaphendula, phofu wena ubuzakuphendula njani kukho umpu ojonge kuwe
Luyanda:Ndiyathemba sivakele xhego andingethandi tuu uba ndibuye kwakhona kulomzi kuba xa kunokwenzeka ndibuye andinofika ndidlale tuu njengoba ndisenza ngoku
Sizwe:Ingathi yonke into ivakele bafo naba bengaphenduli
Luyanda:Kumnandi xa kunjena, masibe yindlela bantu badala
Uphakame kuqala u Mawethu wow imenemene ibingathi alikho tuu kulendlu kangehlobo eli ebethule ngalo, baphakamile bashiya abanogada apho izizinto ezingathi zi chocke ngumbane baphumile bethe chuu bayokuphuma nge gate bakhwela kwimoto zabo bajongisa e town. Bafike nje e town wabe sehlika u Luyanda wajongisa apho ko Sizwe kulemoto bahamba ngayo.
Luyanda:Bafo
Sizwe:Kumnandi ubanomfazi xa usuke watyhileka kanjena
Luyanda:Oko ndatyhileka nje mna
Sizwe:Hasuka ngoku wawuqothole apha uthandana no Zikhona
Luyanda:(Ehleka)Oko wawungamfuni umntwana wabantu awumfuni nangoku engasekhoyo
Sizwe:Uyayazi andidibani nendlavini mna, bekuzakuba kubi ngoku ube uthathe uKhwezi kodwa ukhona
Luyanda:Kodwa naye inoba wayezibona uba akayo wife material
Sizwe:Akukho kwanto ebeyazi lowa ngaphandle kwesigezo, congratulations bafo marn you deserve this
Luyanda:Asibonge bafo
Sizwe:Uzukhe wethuse elithayima lakho kancinci liphambene straight liyayidinga imbumbulu noba kulapha ezimpundu
Luyanda:Eyy bafo uyandidika okwam lamntu zange ndayibona indoda engabhadlanga njengaye
Sizwe:Xa enohlale asuke anithengise yeer
Luyanda:Kungcono uba siyilungisile yonke lento bafo
Sizwe:Sawulindela nantoni na ezakuza endleleni yethu ngoku
Luyanda:Andiqondi uba bangayithatha loo risk kodwa
Sizwe:Uba bafuna ukufa before time basizame nje
Luyanda:Abanolenza, zonke izinto zisahamba kakuhle?
Sizwe:Kakuhle kakhulu bafo
Luyanda:Makube njalo bafo, sizakuthintana emnxebeni mandileqe inoba sele elaqaza lamfazi
Sizwe:Zatsho ezizekileyo madoda, sure bafo
Babe sebexhawulana wabuyela kwimoto yakhe u Sizwe wayirhuqa no Luyanda wabuyela kweyakhe naye wayindlela ebheka kowabo.
Luyanda:Ndiyathemba Bawo ndigqibelisile ukulwela amadabi wakho
Mawethu:Soze ndiphinde nyana noko ndingumntu okhalezayo ukusifunda isifundo
Luyanda:Kungcono xa kunjalo
Mawethu:Mandibulele Jola ngokwenene uyindoda
Luyanda:Kufuneka ucele uxolo ku Lihle naku mama kengoku
Mawethu:Ndizakufika ndiyenze ngoku lonto, Enkosi kwakhona Jola inkulu lento undenzele yona
Luyanda:Akukho ngxaki bawo, ndiyakucela bawo khawuyeke uthanda imali kangaka izakubulalisa lento yakho
Mawethu:Ndivile Jola
Luyanda:Ndiyathemba uba uve nyani andizosoloko ndikhona mna ndilwela amadabi wakho ngongathi ungumntu loo uhluphekayo imali ingathi uyaqala uyibona
Mawethu:Yehla nyana soze ndiphinde
LIKE
SHARE
COMMENT
INVITE YOUR FRIENDS