14/12/2025
Izimvo: Eminyakeni emibini ilandelelana, ndiye kwiintlanganiso ezimbini ebezikhwetywe nguMphathiswa wesebe leZothutho kwiphondo leMpuma Koloni, uMnu. Xolile Nqatha. Iintlanganiso zaziphakathi kukaRhulumente neenkokeli zemibutho yoonoteksi ababulalanayo.
UNqatha wakhweba indibano emva kweziganeko zodushe ezenzeka eMthatha nakwiidolophi zaseMampondweni. Kwanyanzeleka ukuba kubekhona intlanganiso ekwabekwa etafileni iingxaki ngamacala onke alwayo kwishishini loonoteksi emva koko kwakhangelwa isisombululo sexesha elide.
Baphuma ngobuninzi oonoteksi bexhobe befe amacala okwamajoni aya emfazweni ukuya kweza ntlanganiso. Ngethamsanqa, amapolisa abatyhalela kude abaxhobileyo kwihotele yaseMonti ephezu kolwandle. Yaqhubela phambili intlanganiso futhi kwavanwa ngelithi makubekwe phantsi iintonga.
Nangona ndingumntu okhule seyiphela inkqubo yengcinezelo eMzantsi Afrika - kodwa ndinalo ufifi lezinto ezaziyinkathazo ebantwini abamnyama. Yingcinezelo eyokuqala, kulandele udushe loonoteksi. Ngonyaka ka1994, kwinyanga kaTshazimpuzi - ingcinezelo yangcwatywa eMzantsi Afrika ngomhla wolonyulo.
Kodwa lona udushe loonoteksi zange liphele. Isimanga, abekho abantu abasentolongweni kodwa uRhulumente ukhona. Enyanisweni, kunjenje kukuthamba kwakhe uRhulumente. πππππ
Kwanele, makuphele ukuphalala kwegazi