
20/03/2025
Imana iwafikele ngesaquphe amafama
By: Nyandeni Local Municipality
NGQELENI: Namhlanje, inkampani yakwa- BKB inikezele ngokusesikweni iinkunzi zeegusha ezili-15 kwi Siyaphambili Wool Growers Association kwilali yase Tshisabantu (Wadi 30).
Injongo yolunikezelo kungokuba inkampani yakwa-BKB ibone kufanelekile okokuba kunikezwe i-Siyaphambili Wool Growers Association ngenxa yobumbano lwabo kwakunye nokubona ukuba uboya babo bubabuninzi. Ukanti ibikwakukubakhuthaza okokuba baqhubeleke phambile nomsebenzi wabo oncomekayo.
Oku kuzakuncedisa ekukhuliseni ezoqoqosho kwaye bafumane iigusha ezintle. Rhoqo emva kweminyaka emithathu ezigusha zizakutshintshwa banikezwe ezinye. Inkampani yakwa-Kyron inikezele ngamayeza kumafama abekhona ukuze imfuyo yabo ihlale isempilweni.