04/09/2026
LUSIKISIKI / NGOBOZANA MASSACRE TRIAL UPDATE!
MTHATHA HIGH COURT, LUSIKISIKI.
04.09.2026
UBonga Hintsa (accused Number Four) namhlanje uqoshelise ukunik’ubungqina bakhe ngokubulawa kwabantu abali-18 kwilali yaseNgobozana eLusikisiki nge28 kaSeptember 2024.
Izolo ebeyivale iTestimony ngokuthi wathi uSongezo “asazosazi la makhwenkwe aseManqondweni.”Uyitsho lo nto xa besendleleni esuka kula mzi wesibini bekudutyulwa kuwo eNgobozana, after edubule emoyeni esithi “ozivayo makaphume aze.” Uthi zezo ke izinto asazikhumbulayo ngokumayela nala mhla wempalalo-gazi eNgobozana.
So, namhlanje ususela kulo ndawo.
Let’s read:
HINTSA: Sahamba ke saya kuloSongezo sashiya imoto phaya, then sahamba ngeenyawo ukuya kuloMyekethe. Sithe xa sifika kuloMyekethe apho besizolala khona, uSongezo waFounela uNdamase emUpdater ngohambo lwethu ukuba luqhube njani na. Kulapho uSongezo athe xa ebalisela uNdamase wathi “Hay, Ankela! Sivale ngehlahla phaya,” watsho wahleka. UNdamase naye kwelakhe icala, as the phone was on loud speaker, wahleka egigitheka. Ekugigithekeni kwakhe, if ndingamlinganisa, wathi “Hehe, mtshan’am uthini na ngoku?” Wayevakala apha ekuhlekeni kwakhe ukuba wonwabile ngoku atshoyo.
Bathe besancokola njalo, kwacaca ukuba kukho into emphazamisayo kwela cala lakhe, ndamva esithi “khawume kancinci, mtshan’am, ndizobuyela kuwe.” Nyani ke yabekwa phantsi iFoun. Then after some time, maybe a minute and 30 seconds, waphinda waFouna uNdamase. Uthe xa ephendula iFoun uSongezo, waphuma nayo phandle kengoku iFoun kwesi sihlandlo sesibini.
Ekuphumeni kwakhe phandle, uphinde wabuza uShakes (Lwando Abi) ukuba yintoni kanye kanye le yenzeke kula mizi, njengoko eve izithonga zemipu. Zange ndiphendule mna noMyekethe, kwaye kwaphendula uAphiwe.
Uphendule wathi uAphiwe “Hey, mntakwethu, mna andiyazi kwala nto besiyihambile; uyakusel’uyiva ezindabeni ukuba kwenzeke ntoni.”
Khange aqhubeke abuze nto ininzi uAbi because he saw ukuba asimhoyi, and wabona ukuba noAphiwe xa emphendula