31/07/2025
.
𝗜𝗦𝗢𝗡𝗢 𝗦𝗔𝗞𝗛𝗢, 𝗦𝗜𝗦𝗢𝗡𝗢 𝗦𝗔𝗞𝗛𝗢.
Ibisele iziintsuku zimbini uAthandwe kunye noSimphiwe bemana ukubonana.
Balapho kuloo tekisi ka Simphiwe esithubeni bayazincokolela. Imi apho ecaleni kwendlela.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Kutheni kakade uboyika kangaka oobhuti?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Badala kunam kwaye kunyanzelekile ndibahloniphile.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Baza kusijolisa kakubi oobhuti bakho yazi.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Siyajola na? Andazi nalo nto. Siqale nini?
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: (𝖴𝗁𝗅𝖾𝗄𝖺 𝗄𝖺𝗇𝖼𝗂𝗇𝖼𝗂) Ndiyadlala, kodwa ke ndiyakuthanda nyani Athandwe.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayibo, bendiba singabahlobo nje.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Abahlobo? Hayi 𝚖𝚊𝚊𝚗 bekutheni uze ucinge kanjalo na?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayi ke.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Athandwe andizange ndathanda intombazana ngoluhlobo ndithanda ngalo wena. Ndikuthande ndiqala ukukubona. Ndiyacela torho, ndicela undinike ithuba. Ndiyayiqonda ukuba ayikabiloxesha lingako sisazana, kodwa ke lo nto ayithethi 𝚖𝚊𝚊𝚗. Ndiyabongoza wethu Athandwe.
Ngelixesha athethayo umjonge ntsho emehlweni, umana ewasusa awakhe amehlo yena uAthandwe ku Simphiwe.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Yho hayi Simphiwe ufuna ukundifaka engxakini wena, ndiyaboyika oobhuti bam mna.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Kodwa nawe Athandwe kutheni uboyika kangaka oobhuti bakho, bayakubetha?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayi.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Umdala nawe ngoku Athandwe kutheni bengayiboni na lo nto? Nawe kuyafuneka uzithathele izigqibo. Uza kuxhomekeka kubo kude kube nini na? Ukhumbule ukuba awusengomntwana ngoku, mhlawumbi ke noobhuti bakho basenala ngqondo yokuba usengumntwana. Wena uyayithanda le nto yokuba bekwenza umntwana?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Andiyithandi.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Kuza k*mele nawe ubaxelele ukuba awusengomntwana kwaphela ngoku, umdala.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Ukuba bayandibetha?
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Babekhe bakubetha pha kuqala?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayi.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Abanakuqalisa ngoku bengazange bakubeka sandla kwaphaya ekuqaleni.
Unqwale nje intloko uAthandwe ejonga ku Simphiwe.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: (𝖤𝗇𝖼𝗎𝗆𝗂𝗅𝖾) Ayazibona ukuba umhle kanjani?
Uneentloni uAthandwe, uyancuma sele ejonga phantsi.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Enkosi.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Ndiyakuthanda Athandwe.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Nam ndiyakuthanda.
Uwatsho lo mazwi eneentloni uAthandwe yabe intliziyo ithe "ncoo". Unayo nyani intlantsi yothando kule nkewu yakwa Qhinebe.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Ngendibulela ndilandelise ngesiduko sakho ntonayo andisazi, ungumamni?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Ndingu MaDabisa.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Kulungile ke MaDabisa omhle. OoDabisa kule ndawo banqabile, uza kubafumana kula lali ingaphesheya.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayi ndiyadlala ndingu MamGcina esam isiduko.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Aww, uMaXhamela wam.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Bendicela ukuhamba, uza kude abhoke ubhut’Ntsika.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: UNtsika?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Ewe, uyamazi?
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Kowu hayi andimazi.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: 𝙱𝚢𝚎-𝙱𝚢𝚎 ke.
Urhole imali engange-R300 uSimphiwe eyinika uAthandwe.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: Uzithengele into etyiwayo ne.
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: (𝖴𝗒𝖺𝗒𝗂𝗍𝗁𝖺𝗍𝗁𝖺) Enkosi.
𝗨𝗦𝗶𝗺𝗽𝗵𝗶𝘄𝗲: 𝚂𝚞𝚛𝚎.
Uyaphuma uAthandwe uyagoduka.
Usala ezibuza imibuzo engenazimpendulo uSimphiwe.
“Inoba ngomphi na lo Ntsika athetha ngaye uAthandwe? Ingaba babuyile abantwana baka Dabisa? Oh-h-h... Mhlawumbi bakhona, ndibona kwale nto uAthandwe abhudayo esithi ungu MaDabisa isiduko sakhe. Eshee! Kungona zibuya iingqondo ngoku. Utata inoba sele ezivile ezi ndaba? Yho!” — uthe akugqiba uthetha wadumisa itekisi yakhe wahamba.
*******
Yintsimbi yesixhenxe ngokuhlwa akakabuyi uAthandwe.
Oo Jongilanga bahleli apho bakhathazekile kudala bemzama emnxebeni kodwa nkqi ukuphendula uAthandwe.
Izibilini bezisele ziiphezulu ngak*mbi kubafana baka Dabisa becinga kaninzi.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Eyy uAthandwe nkosi yam, uphi na lo mntwana?
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Nawe bhuti uyamtefisa lo ungu Athandwe. Siza kuthini ukuba ufunyenwe zezizikrelemnqa zakwa Qhinebe?
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Sukuyicinga leyo Sizwe, andiqondi ukuba bayamazi.
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Ungayitsho njani lo nto na mkhuluwa? Uyalibala ukuba umhlaba mncinci ngeyona ndlela. Mhlawumbi uAthandwe udibene nalo ndoda wazixela ukuba ungubani, uzalwa ngoo bani kwaye ezalwa noobani.
UNtsikayekhaya ujonga uMelisizwe kucaca ukuba uyaxhalaba ke ngoku exhalatyiswa yile nto ithethwa ngu Melisizwe. Ungqunga indlu yonke engazazi noba makathini.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Eyy uAthandwe nkosi yam!
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Bhuti kuza k*mele siphumeni iphulo siyok*mkhangela.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Phi na?
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Ndazi phi na mkhuluwa, masiqaleni apho sikrokrela khona.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Phi? KwaQhinebe?
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Ayikho eny’indlela mntakwethu. Kungcono simfele uAthandwe, xa engazukufelwa sithi uza kufelwa ngoobani? Ngudade wethu.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Unyanisile apho kodwa kuza kufuneka siqaphele. Akukho kwanto esizikhusele ngayo thina kwaye asixhobanga. Akuzukubalula ukungena kwa Qhinebe.
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Masiyeni mntakwethu siza kubona phambili.
Nyani baphakamile ooJongilanga bonke belungiselela ukuhamba.
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Phelo uyaphi wena?
𝗨𝗣𝗵𝗲𝗹𝗼𝗹𝗶𝗸𝗮𝘆𝗶𝘀𝗲: Nam ndifuna ukuhamba.
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Ucing’uba sifundisa amantshontsho ukubhabha apha na wena?
𝗨𝗣𝗵𝗲𝗹𝗼𝗹𝗶𝗸𝗮𝘆𝗶𝘀𝗲: Ndisale?
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Sala apha Phelo siyabuya ngoku thina.
𝗨𝗣𝗵𝗲𝗹𝗼𝗹𝗶𝗸𝗮𝘆𝗶𝘀𝗲: Kulungile bhutana.
Xa kanye uMelisizwe evula ucango, udibana no Athandwe naye evula ucango engena. Wothuke kancinci uMelisizwe wabuya umva wangena uAthandwe.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Usuka phi wena ngeli xesha?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayi bo, bhuti.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Uthi "hayibo" k*m? Athandwe kukangaphi ndikuxelela ukuba awukhuselekanga apha ngaphandle? Uva xa kusithiwani. Kuyo yonke le nto uyenzayo ufaka nathi esichengeni. Ufuna ukuphindela Engcobo?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: (𝖴𝗇𝗂𝗄𝗂𝗇𝖺 𝗂𝗇𝗍𝗅𝗈𝗄𝗈) Akunjalo bhuti.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Usuka phi?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Bendi-i-i... Bendikwitshomi yam.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Ngubani lo tshomi yakho?
𝗨𝗔𝘁𝗵𝗮𝗻𝗱𝘄𝗲: Hayibo bhuti akuzuk*mazi.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Hlala pha phantsi, uz’ukulinge uphinde uhambe ngobusuku, uza kulicula elandincamisayo.
Uyanyoshoza uAthandwe uyokuhlala esofeni.
𝗨𝗠𝗲𝗹𝗶𝘀𝗶𝘇𝘄𝗲: Uyamtefisa lo mntwana bhuti, ngewumfundise isifundo khona ngoku. Ak*mboni ukuba uyaphosisa? Ndiyamsola ukuba ikhona inkwenkwe ancumisana nayo.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Hayi Sizwe, mnka!
𝗨𝗟𝗮𝗻𝗴𝗲𝗹𝗶𝗵𝗹𝗲: Unyanisile ke kodwa ubhut’Melisizwe, akeva uAthandwe. Kudala exelelwa ukuba akukalungi ukuba angazula phandle ngobusuku, ngoba uyakusingenisela amanzi ngomsele.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Nifuna enziwe ntoni umntwana? Abethwe?
𝗨𝗟𝗮𝗻𝗴𝗲𝗹𝗶𝗵𝗹𝗲: Icacile nje bhuti.
𝗨𝗡𝘁𝘀𝗶𝗸𝗮𝘆𝗲𝗸𝗵𝗮𝘆𝗮: Niphambene nobabini, nibethwa ngoobani nina?
Bambombozela bayokuchopha phantsi uMelisizwe noLangelihle bengavisisani ncam nesigqibo sokuba angabethwa uAthandwe.
*******
Ndicela mntu ngamnye osifundileyo esi sahluko abeke iimbono zakhe esidlangalaleni ngokuthi a-comment'e. Ningalibali uk*mema abahlobo benu kwaye nicofe uLIKE.
Mna nani masidibaneni kwisahluko esilandelayo. Enkosi.