11/12/2025
.
๐๐ฆ๐ข๐ก๐ข ๐ฆ๐๐๐๐ข, ๐ฆ๐๐ฆ๐ข๐ก๐ข ๐ฆ๐๐๐๐ข.
โBoo Jongilanga! Xwayani imixakatho yenu nijongise imibombo yenu emzini ka Dabis'omkhulu.โ - utshilo umnumzana Songwevu evulela oo Jongilanga ebakhupha ejele.
๐จ๐ ๐ฒ๐น๐ถ๐๐ถ๐๐๐ฒ: Siyabulela bhut'omdala.
Baphume belandelelana ooJongilanga sele ngathi bebelindele ukuba baza kuphuma kungekudala.
Kwekh! Kazi ukusuk'apha siyakuva ntoni na? Hlal'uthe gqolo mfundi webali, zibuzwa k*m.
*******
Zidlulile iintsuku ezimbini uAthandwe kunye no Simphiwe besaphethene ngokuthula apho eMthatha kwindlu abathe bayibhatalela apho edolophini.
USimphiwe ebesaphumile eyokusebenza. Kaloku uSimphiwe lo ungumqhubi weetekisi.
Uzingqengqele apho esofeni uAthandwe uzicofela imfonomfono yakhe. Kuvale kunkqonkqozwa emnyango. Uxhumile uAthandwe sel'ezibuza kazi ngubani na lo unkqonkqozayo.
Kuphinde kwankqonkqozwa kwakhona, ulungisa umqala uAthandwe.
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Ungubani?
.. "Khawuvule ntombi ndim umakhelwane wakho."
Zehla izibilini ku Athandwe sel'ephefumlela ngaphandle. Usuk*mile wayok*mvulela. Ungenile umakhelwane wakhe sel'ehamba nabahlobo bakhe ababini abangamantombazana. Bangene bachopha esofeni. Bonke baminyaka minye noAthandwe lo.
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Tyhini Siziwe undothusa kangaka.
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Wothuswa yintoni na tshomi? Ndihamba neetshomi zam ongazaziyo ke, u Onke kunye noThiyetha. Yintoni na? Uneentshaba?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Hayi, kutheni watsho?
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Ndiva usithi ndikothusile?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Ooh... Hayi kaloku andazi mntu mna apha, andikaqheli ncam ndinalo uloyiko.
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Tshomi ngo 17:00 sine ๐ฑ๐ข๐ณ๐ต๐บ pha kulo Onke, akunqweneli ukuza?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: ๐๐ช๐ด๐ฉ... Tshomi andiqondi ukuba ndiza kuphumelela.
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Ngoba kutheni na ngoku tshomi yam?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Ndi...
Akaphendulanga nto icacayo uAthandwe uvele wazonway'intloko.
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Hayi tshomi siyaya tyhini, akunasizathu mos. Ingathi ngewuhlala uhlambile ke, nathi siyokuhlamba ngoku.
Batsho bephakama ooSiziwe belungiselela ukuhamba.
๐จ๐ฆ๐ถ๐๐ถ๐๐ฒ: Siza kugqitha ngawe tshomi.
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Kulungile.
Bayaphuma, kusala uAthandwe eyicinga le nto. Ingqondo yakhe ibicinga kubini, unakho ukungathembi.
โNdiye?... Ndingayi?... Ndiye?... Hayi mandingayi... Ndiye? Ewe maan mandiye... Hayi maan... Mxxm mandiye.โ - ebephakathi kweBhayi neTinarha uAthandwe kwezongcinga zakhe.
Kungaphelanga mizuzu ingephi, kungene uSimphiwe. Ebechophe apho esofeni uAthandwe esacinga le nto yangokuhlwa.
๐จ๐ฆ๐ถ๐บ๐ฝ๐ต๐ถ๐๐ฒ: Ngabantw'abatheni na aba baphum'apha Athandwe? Sewuneetshomi ezilapha na ngoku?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Ziintshomi zam ezo Simphiwe.
๐จ๐ฆ๐ถ๐บ๐ฝ๐ต๐ถ๐๐ฒ: Athandwe ufika nje sewugcwalisa iitshomi kule ndlu?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Bendingayazi ukuba akulunganga oko. Uxolo wethu.
๐จ๐ฆ๐ถ๐บ๐ฝ๐ต๐ถ๐๐ฒ: Hayi maan Athandwe maan! Uphekile?
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Hayi, bendiza kupheka njani kungekho kutya?
๐จ๐ฆ๐ถ๐บ๐ฝ๐ต๐ถ๐๐ฒ: Ngewutshilo.
Ukhuphe imali esipajini uSimphiwe wanika uAthandwe.
๐จ๐ฆ๐ถ๐บ๐ฝ๐ต๐ถ๐๐ฒ: Nantsi imali yokutya, mna ndisayokuthatha abantu erenkini ndiza kubuya ngorhatya.
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Kulungile.
Unxibe nje ijezi yakhe uSimphiwe waphinda waphuma.
*******
"Ithini inkqubela phambili ngoku boo Dabisa? Ukusuk'apha siza kwenza ntoni? Ishishini likabawo lona kuza kufuneka libuyele ezandleni zethu, kukubi kukuhle." - uyiphake wenjenjeya ingxelo phez'ukwetafile uMelisizwe elindele oza kuhlomla.
Cwaka kanjalo endlwini into engangemizuzu emibini. Kuzokuthetha uLangelihle xa kanye bebethembiselana.
๐จ๐๐ฎ๐ป๐ด๐ฒ๐น๐ถ๐ต๐น๐ฒ: Uvakele Jongilanga, mna ngelam ndithi masike sidukudelise mbijana kuqale kugqithe esisitshingitshane sisandakudaleka kula mzi wakwa Qhinebe. Kona-kona ngabethu aba bantu, kunjalo nje bavumile. Kuyo yonke mna lo nto ndicingela oku kuka Athandwe.
๐จ๐ก๐๐๐ถ๐ธ๐ฎ๐๐ฒ๐ธ๐ต๐ฎ๐๐ฎ: Ndivumelana nawe Langa. ๐๐ช๐ด๐ฉ... Eka Athandwe into siseza kuyityel'amathamb'engqondo. Kodwa kuza kufuneka siqinisekise ukuba ukhuselekile kusini na kula mzi. Kaloku ngelixesha uyigusha phakathi kweengcuka esingazi nokuba angaqutyulwa nini na.
๐จ๐ ๐ฒ๐น๐ถ๐๐ถ๐๐๐ฒ: Siza kwenza njani bhuti ukuze simfumane?
๐จ๐ก๐๐๐ถ๐ธ๐ฎ๐๐ฒ๐ธ๐ต๐ฎ๐๐ฎ: Masilinde kurhatye, icebo liza kuzivelela. Ndifuna sichwechwele ngakhona siye phaya kula mzi singabonwa.
๐จ๐ ๐ฒ๐น๐ถ๐๐ถ๐๐๐ฒ: Kulungile bhuti ndiyakuva.
*******
Apho eMthatha, iqalile i ๐ฑ๐ข๐ณ๐ต๐บ kulo Onke k*mnandi kunjeya. Kugcwele kuthe qhu zizini zombini. Nankuya uAthandwe phakathi kwabo ntonayo bona basazichophele ecaleni esofeni basela ezo bhiya.
๐จ-๐ข๐ป๐ธ๐ฒ: Athandwe tshomi awurhaleli ndikunike esinye isikeyiti sam? Noko side kakhulu esi usinxibileyo. Sukuzicacisa ukuba ungumtshakazi apha.
๐จ๐๐๐ต๐ฎ๐ป๐ฑ๐๐ฒ: Akukho ngxaki tshomi.
Baphumile bobabini, u-Onke uyokuzamela u-Athandwe isikeyiti. U-Athandwe ebengathwelanga aph'entloko.
Ude wanikwa ke isikeyiti esithe ukuba sifutshane esiphela entla kwamadolo. Baphinde babuyela e ๐ฑ๐ข๐ณ๐ต๐บ-ini. Ebesuke wamncinci mpela ke ngoku u-Athandwe akacaca nokuba ungumfazi womtu.
Ikhalile ifowuni ka Athandwe, bekufowuna uSimphiwe. Kuthe rhiphu umbilini kancinci. Uyijonge isidala lo fowuni ikhala. Ixhala libethel'uk*ma. Ebengenokwazi ukuyibamba bekungxolwa kule ndlu. Ide yayeka ukukhala lo fowuni leyo.
Ukhawuleze wayicima ngoko nangoko ifowuni yakhe uAthandwe kuba engafuni ukuphinda afowunelwe.
*******
USimphiwe ebevutha ngumsindo ehleli apho esofeni. Sele iziiyure ezimbini ebuyile emsebenzini. Akuphekwanga, kuyabonakala ukuba kudala ehambile uAthandwe. Ucatshukiswe na yile yokuba uAthandwe angayicholi ifowuni xa ebemtsalela umnxeba.
Uthe makakhe amphinde amtsalele umnxeba. Hayi khona, ibikhala epalini kweli tyeli.
Uphakame ngomsindo sel'ekhab'iitafile uSimphiwe ecaphuka...
Pewu... Kazi iyakuzala nkomo ni? Masive kwisahluko esilandelayo.
โขโขโขโขโขโขโขโขโขโขโขโขโข
Xa nigqiba ukufunda ndicela nenze oku kulandelayo;
- ๐๐๐๐; nicofe ubhontsi,
- ๐๐ข๐ ๐ ๐๐ก๐ง; nibhale izimvo zenu malunga nesahluko,
- ๐ฆ๐๐๐ฅ๐; nisasaze esi sahluko nakwabanye abantu.