12/06/2025
Molo admin ndicela undifakele ebahlalini ndicela ucetyiswa
Bendendile ndaze ndaswelekelwa ngumyeni 2024 endishiya nosana oluna 2 months andina mamazala na tatazala besingekagqibi nonyaka endizekile andinayo marriage certificate.... Kulo myeni wam bazalwa bebathathu abafana ababini neNtombi
Ingxaki umyeni washiya imali ebank ngoku xa ndiyofuna letter of authority court kuthiwa mandiyotshata home affairs ukuze ndiyifumane okanye ndi nominate umntu kwelicala lo myeni ozowenza la letter kwelam icala andina ngxaki nalonto qha tatomncinci womntwana ngulo unxilayo ungenanyani, indodakazi yona yendile kwaye yathathela kuyo yonke into yakowayo kuba esithi ngamandla kamama notata wakhe zange ndibe nangxaki nalonto ndabuyela ekhaya so andinokwazi uku nominate yena angayitya nalo mali....
Umyeni unabantwa ababini ngaphandle abangamantombazana lo wam uyinkwenkwe ngoku andazi uba ndingenza njani ukufumana la mali ukuze ndohlulele abantwana bomyeni bobathathu ngoba ngeyona nto abayishiyelwa nguyise
Eyokutshata nomntu ongasekho andiyivisisi kakuhle so andazi uba ndingenza njani ukuze iphumele k*m.
Nam ndiyasebenza ngoku emva kokuhluk*mezeka ubawo uye wandipha umsebenzi ngoMarch 2025