Kuba ndadazile

Kuba ndadazile nam andaz khothama

14/09/2022

Chapter 83

Tshangisa:tyini tyini nokwakha uphililenje kakuhle udufungele umntana kangaka.
Nokwakha: andifungi qhanjee ngathi uzogxamela undidika ziphe.
Tshangisa: uyafunga tyini waphika ndik*mamele uyakulungisa ziphe xawuyinton endabeni zabantwana wena.
Nokwakha: akhosendaben zabantwana mna qha ndabalungisa futhi futhi nguwe lona undimoshela abantwana uyabatefisa.
Tshangisa: is**a tafisa ntoni khawukhule wena uyeke uzidelelisa ngabantwana.
Nokwakha: khawume kendiye ku ronda wam ndiyoclean.
Tshangisa: hamba khona yindawo etheni lena ongafunimntu ongena kuyo.
Nokwakha: khandiyeke nawe andikubuzi indabazakho wohlukane nalaronda.
Tshangisa: (hluk*meza intloko eqwaba izandla) inene inene uya ubawesi qhoxakusisa.

Nokwakha wathi chuu uyongena kuronda wakhe apho kungangen nomye umntu ngaphandle kwakhe istixo sijinga kuye intameni.

Nokwakha:(ekhwaza)thole thole ndim vela.
Thole:(yinto ka nokwakha encinci engathi ngumntana athakatha nayo embonisa yonkintole makayenze)
Nokwakha: sinengxaki aphiwe undigxothile phayana kwakhe.
Thole:(ehleka ngelizwi elikhulu) ubulindeleni lamntana unzima andithi izinyanya zakhe zistrongo khonalento bamhambisa nayo.
Nokwakha: sizothin ngoba samdinga
Thole: aphiwe usebenzisa amayeza futhi ucedwa ngu mqwathi.
Nokwakha: omphi mqwathi?
Thole: lonumaziyo lona soloko esihlupha.
Nokwakha:🙆🙆yherr yherr uyadidika umqwathi ebedibanaphi no aphiwe kutheni singaqali ngaye umqwathi.
Thole:(ehamisha)mhmm mhmm asizukwaz uyamazi upoweful kunathi singabe siziqalela unoganga.
Nokwakha: sizothin ngoba esasihlalo sobukhosi ndiyasifuna.
Thole: solution masithathe uziphe okwalomzuzu and yena ulula ngeke asokolise.
Nokwakha: tyin tyin uphambene thole ucinga ndingarholisa ngomntana wam emkhathin.
Thole: uzothini ngobixesha liyahamba and uziphe akakuhloniphi futhi uzosihlupha ngoba uyakrokrela ikhona lento uyenzayo.
Nokwakha: hayi marn thole not uziphe yini intombi yam yokuqala nokugqibela zamshiya noban tshangisa xandiya ku aphiwe xandizobulala ziphe🙆😪.
Thole: ndithe kuwe ixesha liyahamba uziphe or uyayiloza lento uyifumayo ngobu aphiwe awuzumfuman okwangoku.
Nokwakha: yherr khawume khawume ndibethwe ngumoya not uziphe hayi not ziphe😭😭💔(elila)
Thole: uzothini or sapha lamawele ka aphiwe ke
Nokwakha: inene undifuna ndifile yini abantwana bengasono thole ufuna ubona ulunga ephambana ngobantwana bakhe.
Thole: ohk sapha uziphe ndikunika 3days or zazikhethela pha endlinakho kwintadane zakho aphiwe yena ustrong gqithi basingamfumana ngoku
To be continue ❤

13/09/2022

Chapter 82

Aphiwe usese phonin notatumqwathi igqirha elikhulu elalini elihloniphekileyo.

Aphiwe:andayaz tata ndadlala ngethuba kodwa ndadimcingela.
Mqwathi: umcingela njani umntu ongakucingeliyo?
Aphiwe:becingela lunga kunye nabantwana bam andufuni utyiwa sisazela xabendibuza ngomakhulu wakho mhlababadala.
Mqwathi: yena akanaxesha lalonto qhanje ukubona uhlanya or ungekho apho.
Aphiwe: ndingeza ndizokubona nini ke undincede tata akwazi phulukana nolunga.
Mqwathi: okwangoku khawube uhlamba ngalayeza bendikunike wona ukuzame nofutha oku.
Aphiwe: ndizokwenzanjalo tata ndakuthembisa kuleni game.
Mqwathi: kulungile ke nontombi if ubona umehluko noba awuboni kule 3days ukuyele k*m.
Aphiwe: kulungile tata bye.

(Unokwakha uxabana noziphe ngexayalento yakhe yokhethela abantwana bakhe amadoda nabafazi)
Ziphe: yhuu kekhona uyasihlaza mama was**apha wayongena izinto zika Aphiwe no bhuti lunga🙄.
Nokwakha: hayis**a ndakuhlaza kengoku xandenza lonto ulunga ngumntana wam ungaphambani apha.
Ziphe: hayi mama khuzeka hayi ndingumntana wakho oyintombi nam ndizokwenda xandinophathwa njengalendlela wenzangayo ku Aphiwe ngu mamazala wam ungathin.
Nokwakha: andinamsebenz walonto mna andikhathalele noba ungaphathwanjan emzini awuthandwa ngumntu wonke.
Ziphe: noba awuzuthandwa ngumntu wonke wena ngendlela owenzayo ngathi uyathakatha.
Nokwakha: ufunuthin ziphe zakuvala ngomva wempama(empetha esfuben ngempama)
Ziphe: yinton ebethisayo apho mama xawurongo urongo k*mele unqwade ayikholento uyenzayo uhlenje ufuna siphile ubomi obufunwanguwe ndanele mna ngok(elila😭)
Nokwakha: ufanenje walila ungumntana wam njena uzovangam finish and klarr.
Ziphe: azuvangawe mna ndizotshata nozuko ngoba ndithanda yena not ayanda lo ufunwanguye.
Nokwakha: (ehleka) not ndisaphila uzotshata kude leenalanto imdaka ingenamali akanayo nemoto akafundanga fananqwa nalanto ingu Aphiwe😏.
Ziphe: ufananje k*m uyazikhohlisa mama andingobhuti lunga mna azuvuma utshata umntu engamthandiyo ngexayemali yakhe ndiright nalo ungenato ngobuthando lwakhe lolwenyani.
Nokwakha: i wonder wazinton ngothanda utshongobuplati s**a s**a phambikwam rhaa kutheni ndivelelwe nah ngoku.
Ziphe: sundityala mama yhuu hayiwen into ozenzayo inene awuhambi wedwa nobuyathakatha nyani wawumbomaph umzali ufunga kangaka ngomi babantwana bakhe.
Nokwakha: noba rhalela undibonapha kuwe bandithakatha njani sundi testa sisi sukulinge udigxolele ngokuthakatha.
Tobe continue ❤

12/09/2022

Chapter 81

Kuse kuseni ngomgqibelo Aphiwe uvukele washingi.umamaka lunga bade bahamba iveki iyaqubeka Aphiwe unento erhawuzelela amashiya kunye nangaphambile.

Lunga: aphiwe uyaliva elivumba linuka kule kamire oko kwayizolo marn ndiliva akunuki kamandi tu.
Aphiwe: akhovumba apha nawe uqalile ngezizinto zikamamakho🙄.
Lunga: ndi serious ubonanje kunuki kaka apha.
Aphiwe: njani lunga toilet i clean njena utsho wesi ndisandoyihlamba.
Lunga: andiyazi yintoni eyenza ubenomsindo xandithi lekamire iyanuka😏.
Aphiwe: akhomntu unomsindo apha qha ndidikiwe okondijongi peyinti yam andiyifumani tuu🤦.
Lunga: njan ngoba iwashing ihlala phaya xayingekho phaya iphi?.
Aphiwe: andiyazi unless ukhona umntu oyithathileyo🤔.
Lunga: uqalile ngezizinto zakho nguban uzothathi peyinti yakho ayinxibe mxm khame ndihambe ndikwe ngamachuku.
Aphiwe: hayi hamba mandi phonele utata umqwathi nguye ozondibeka ezigqondwen.
Lunga: nguban lowo ngoku?
Aphiwe: ubuthe uyahamba mos umeleni🤷.

Aphiwe: " ephonela utata umqwathi" molo tata.
Mqwathi: molo nontombi kunjani?
Aphiwe: philile tata khathazekile nje andiyiboni peyinti yam okondiyikhangela weekend wonke.
Mqwathi: yhoo awumameli tuu xandithetha nawe benditheni kuwe ngoba careless?
Aphiwe: akhange ndibe careless tata kusuke kwagcwala apha endlini yasisiphithiphith ngalamin ahamba ngayo umama nala thembi.
Mqwathi: kodwa wambona xangene kamureni awalandela kwangethuba.
Aphiwe: andiyazi nam ndangenwa yintoni ngalamini kodwa ndi sure ikhona lento andenza yona ndirhawuzelel yonkindawo enoboya nobuso.
Mqwathi: ewe asoze ungarhawuzelel ndithetha njee nawe uyakusebenza kula peyinti yakho futhi unazo nenyele zakho uzohlanya.
Aphiwe: yhoo🙆tata uthi mandithini khandincede torho lamayeza wakho akwazi uwasebenzisa ulunga soloko ekhona.
Mqwathi: ingathi ngozama icebo lowasebenzisa ke sisi ngoba wena unuka kakubi kulunga alavumba alivayo kulakamire linuka apha kuwe.
Aphiwe: 😳haibo ndinuka ikaka mna ngoku?
Mqwathi: ucinga isichitho yinto yodlala ndakubona unuka ikaka wena kulunga qhanje usesedom akayaz noba nguwe lona unukayo or yikamire.
Aphiwe: ubuthe ndihlambe ndiphinde ndifuthe ngalamayeza wawundinike wona.
Mqwathi: futha okwangoku ngoba sekuqalile lomama and xayephethe ipeyinti mntanam afuni ukuqhatha mcame umtshato wakho ngoba into azokwenzayon andiyazi nam akakufuni umamazalawakho.
Aphiwe: yabona kule game ndizambulala nyabi lamfazi ndabona akandazi kakuhle azumsizela.
Mqwathi: wadlala ngalo ithuba ndikunikile Aphiwe.....
Tobe continue ❤😳

11/09/2022

Chapter 80

Nokwakha: ethetha yedwa" rhaaa banyile tshangisa no ziphe nalento ingu aphiwe baciga ndizohamba ngoku izinto zam sezingath ziyahlangan🤔khame khame ndiyojonga akhonto ka Aphiwe endihamba nayo ndimsebenze ngayo kuphele lomtshato wakhe"

Thembi: yinton mama sewuthetha wedwa njena sizothin ngoku ngathi izinto ziyamoshakala.
Nokwakha: akhokwanto emoshakalayo apha wena awuhambi uzosheka apha mna ndizohamba nje ekothutywana ndiyabuya ungawari.
Thembi: ndizohlanjan apha aphiwe engandifuni uyambina njee engandibulala.
Nokwakha: yinton uligwala njena umoyikanton aphiwe hayi nawe sundityafisa qina qina🙄.
Thembi: ohk mama ngoku uthi ndenzenjani ngoba nolunga akandifuni.
Nokwakha: lunga ngumntanam akazundoyisa zothetha naye akazukugxotha wena uzosebenza apha ungakulinge ubene worry.
Thembi: ohk ndizobe ndiyohlala ekamuren yam ndilinde phayana yonke into.
Nokwakha: ohk mandiye kula kamire yabo ngalomzuzu basangxola kwala khitshi ndiyabuya ungahambi apha.
Thembi:(encumile) ohk mama

"Nokwakha echwecha roomin ka lunga no Aphiwe efuna into azobachitha ngayo. Aboni brash enyele zika aphiwe ayithathe kunye nepeyinti ka aphiwe afake amabele"
Aphiwe: (caba umbonile ukwanda xayengena kamureni yabo) mama ufuna ntoni seucheechanje xawungenapha?
Nokwakha: ndikhangela into zam ndaqokelela kanti awuthi mandihambe kwakho.
Aphiwe: zizoza njani impahlazakho apha ungalali apha ntsiyana ikamure yakho mama.
Nokwakha: ohk uxolo ndiceluphuma makoti.
Aphiwe: andisuki lukomnyango uduxele ubuzothin apha ndakwaz ikhona lento ubuzoyenza.
Nokwakha: mxm caba yinton endinokwenza yona hayis**a khawusuke phambi kwam😏.
Aphiwe: andifuni azus**a kemama ndakwaz uqalile ngezizinto zakho awudikwa nah.
Nokwakha: lunga lunga(ekhazwa) khawuzothetha nalomfazi wakho asuke emnyango.
Aphiwe: ufanenje wamkhwaza kule game kuzowina mna ndikwiwe nguwe mna
Lunga: udikwe nguban Aphiwe?
Nokwakha: hayi uyandidelela umfazi wakho lunga uthi ndiyamdika uyandthuka akandiboni tuu.
Lunga: Aphiwe ndibuzile udikwa ngumama?
Aphiwe: khange ndithi uyadika ndithe ndidikiwe khambuze ufunantoni apha umamakho.
Lunga: caba kuwe yinton xayengumama wam?
Aphiwe: mxm (wabashiya pha besajongene) unezothena futhi wena lunga 🙄🙄
Lunga: utheni nah aphiwe usuke wadelele kangaka inene akandibon noba ndisicinko seyiphi imbiza.
Ziphe: fanele udikiwe nguwe nomama soloko uthethelela umama kunaye umazi unjani umama.

10/09/2022

Chapter 79

Nokwakha andingxaki mna ndizohamba but umntana wabantu nizothin ngaye.
Lunga: uzohamba nawe alok.
Nokwakha: akakwaz uzengomsebenz futhi akazukwaz uvelenje ahambe ungabhatalanga.
Lunga: akhongxak zambhatala ngomso before nihambe.
Nokwakha: sisono kodwa esinisenzayo azukwaz umyekisa umntana wabantu njee uyaniceda lunga jonga ku clean njan apha.
Ziphe: yee awusamthetheleli marn endlini yabantu uyava ubhuti lunga abafuni mntu apha.
Nokwakha: uthule kewena umoqelwe zezakho khonubuyeleni apho ubukhoyo.
Ziphe: awucing undibuza lombulo sogqiba undimoshela umtshato ngexayalent uyenzayo.
Nokwakha: caba ubucinga zakuyeka utshate elaphara lingena mali.
Ziphe: imali ayingeni ndawo mama umntu xawumthanda yeka usicontrola.
Nokwakha: ndadifundisa nzima kakubi nina akhomntu ezomyeka afikenje sekulula ebomini benu ngamane ndife.
Tshangisa: chin nokwanda ungamane ufe ntoni wohlukana nabantwana kanti utheni nah lomfazi.
Nokwanda: tata tata khawume ndizama lungisa apha umtshato ka lunga asingomfazi lona aphiwe hay hay 🙆🙆
Lunga: k*m ngumfazi endamkhetha ndimthanda andinaxesha lelonto uyenzayo yesigezo.
Nokwakha: mxm khanisuke phamvikwam naske nandimela nonke nyusela nge high high nxn.

Aphiwe: yhuu i wonder ndamenzani mama
Tshangisa: zangumenzento usilenjee unokwanda ungawari ntombi ngomso siyahamba.
Aphiwe: kulungile tata zabanincedile
Ziphe: ey tata ungabikho sure badiyahamba uyamazi unjan mama sngephuma kulakanire namaqhinga.
Tshangisa: uzoba uyizalibazisa kanti uyahamba kanti akabuyi back apha.
Lunga: hayi angabuyi uyasokolisa mama soloko ethuka aphiwe.
Aphiwe: mxm andisaziva nezithuko zakhe alok okondabalixelegu kuye.
Ziphe: phofu nedoda xayiye ekhaya iphiliswa lempilo soloko embuza uzophangela nini ayeke utyimali yam.
Aphiwe: zukisan akaphangeli kanti?
Ziphe: uyaphangela qhanje umama ufuna nditshate indoda enemali not endiyithandayo.
Aphiwe: hayi uyani control straight shm nivangaye noke.
Tshangisa: hayi mna ndamncama kudala shm akandimaneli tuuu.
Lunga: (ehleka) nobuyaguga wethu
Aphiwe: akagugi uyathakatha😳(eziva setshilo kwathi cwaka)
Lunga: uthin aphiwe ngoku
Aphiwe: ndithi okwingath uyathakatha.
Lunga: uthumama uyathakatha?
Aphiwe: ha.a anditsho njalo lunga.
Tshangisa: (ehleka) hay nyanisile aphiwe nobuyathakatha lomfazi.
Ziphe: and nam andimsusi shm
Lunga: Amen into enizithethayo 🙌🚶🚶🚶

10/09/2022

Chapter 78

Umnqwathi: ethetha yedwa(inene unentliziyo entle lomntana emvakayoyonke lento lomama amanzayona kodwa still akafuni uziphindisela kwelixesha langoku if ibomnye umntu ngekudala waziphindiselayo kulomthakathikazi womfazi)

Aphiwe:elungiselela uhamba kungene utata tshangisa esalungisa njalo.
Tshangisa: makoti andisheki nam ndihamba nawe ndiyithatha lamfazi.
Aphiwe: eyy tata andifuni bengath ndigumthelekisi xasendivela ndihamba nawe phayana.
Tshangisa: is**a mthelekisi wanton nokwakha emosha umziwakho phayana.
Aphiwe: ohk ke tata uziphe sekulungiselele izinto ozohamba nazo.
Tshangisa: ewe makoti yonkinto seyilungile masingene endleleni.
Aphiwe: ohk ketata masihambe ndabona nalemvula izangamandla( baphuma bangene motwen bahamba.

Bayakufika xalanga ilileqa itshona seku late kwabe kubanda.

Lunga: kuthen ngath ndivilizw likatata phandle.
Nokwakha: uzabe ezothini apha lowo.
Lunga: tyini nguye nyani tshangisa akamdala ndamgqibela nini.
Tshangisa: ndikhona nyana zothini ungakhuli ndinaba zukulwana.
Nokwakha: ohh makoti wakho baleke wobiza wena ngok uxakiwe zindaba.
Tshangisa: xawen ungenaphi ezindaben zabantwana umdala kangaka mfazi.
Nokwakha: awufike langa mna ke apha yizakulento uyizeleyo.
Tshangisa:(uhlala phantsi) mxm ndizekuwe uyilento ndiyizeleyo apha ndizokuthatha sigoduke.
Nokwakha: siyaphi akukho apho ndiyakhona uthubona lunga uyasokola lomfazi akampekeli uhamba aphesithubeni.
Tshangisa: xayengaphekelwa ngumfazi wakhe wenungenaphi uthimna ndiphekelwa ngubani ke nam ndiyalamba njengedoda yakho masigoduke nokwanda.
Nokwakha: ngalinge undibize ngelogama lunga lunga khawuthethe notatakho.
Lunga: unyanisile utata mama kudala nokulapha and tata sebuguga for uhlayedwa.
Nokwakha: ukhonjena uzuphe ndimshiye naye kanti uyintombi yokwenzan.
Ziphe: (ehleka) yheebantu ushiyidoda yakho uzonasa ulunga umdala onomfazi uzothi ndikhona ndikhona nantombi nam ndinengxaki zam.
Nokwakha:(enomsindo) mxm ungxaki zantoni intoyaziyo kuyuruza aphesithuben. Fanenje nathetha andiyidawo.
Tshangisa: kanti uyahamba ufanenje wagqwashula ngomso siyamba khona ngubani lona uphithizelayo wenza ne tea.
Aphiwe: yilentombi iqashiweyo isebenza apha.
Nokwakha: thule uthicwaka ke wena woyisakele.
Ziphe: nentombi enxibenje iyasebenza kant akukho uniform nah kuthen amabele engaphandle 🙆(hlebezala aphiwe) iyemka indoda sisi uzunyabe.
Lunga: khake nani nithethe nomama kunini ndiyinqanda lento yalentombi.
Nokwakha: kant uyakwazuthetha nawe ngoku xawubonu tatakho yhuu ulimenemene lunga

17/08/2022

Chapter 77

Aphiwe:(ekusen wavukela kwatata umqwathi shiyabantwana noziphe)

Mqwathi: ndibona useza phaya ngemoto hayi uyakwazi uqhuba mosi(behleka)
Aphiwe:yonkinto eyafundw tata.
Mqwathi:basingene kuyaphileka kodwa ntombi.
Aphiwe: kuyaphileka tata yekenje izivunguvungu.
Mqwathi: and azipheli mntanam.yhoo umamazala wakho akulunganga.
Aphiwe: tata yazingase undicacisela ngamzi ndizifake kuwo.
Mqwathi: umzi lona akangxaki balungile abantu bakhona futhi bayakuthanda nomyeni wakho uyakuthanda.
Aphiwe: ingxaki aphi tata?
Mqwathi: ngulunga lunga ngumntana ek*mele esebenzela kokwabo mamakhe akamakhe akafuni ulunga atshata akafuni ebenomfazi ufuna ebesisi thunzela sakhe ayenze into efunwa nguye.
Aphiwe: ngumama onjani ofuna umntanakhe ebesisithunzela.
Mqwathi: lunga ngoyena mntana amthandayo yonkintoyakhe ingolunga uyayaz ukube ulunga wanomfazi izinto zakhe Zizuhamba kakuhle tuu.
Aphiwe: lilonke ufuna nomthwebula mosi.
Mqwathi: wayi akazuyenza leyo qa ufunanje ebengumntana kamama not ebenomzi.

Aphiwe: mna ndingenaphi kengok.
Mqwathi: wena uvala indlela zakhe alok.andithi ulunga uyakuthanda and uyak*mamela kwaye uyamsinda gazilakho li strongo bantu bakokwenu bayakukhusela.
Aphiwe: melendenzen okanye lomama uplan ukwenzani
Mqwathi: ukufakeka isichitho esikhulu kwaye uzophelelwa nangulomsebenzi akhonto yakho eyowuze iphide ilunge nditsho namadoda angeke akufune.
Aphiwe: haibo ukungcola okungaka.
Mqwathi: akakufuni lalamama akakuthandi futhi uhlelinje ucinga amacebo ngawe.
Aphiwe: ndicela undicede tata ndenzeni ndiphume kulomtshato.
Mqwathi: seku late uba ungaphuma k*mele ulwele impilo yakho nabantwana bakho. Ngoba ndithetha njee nawe ubusy phayendlinakho.
Aphiwe:🙆🙆cela uncedo tata afuni ubuyela kulampilo yam yakudala.
Mqwathi: isisombululo kukuba uyambulala or uyophil obubom unaphakade.
Aphiwe: ndimbulala njan kengoku
Mqwathi: mhlaba waba ready wena uzaphak*m leyo into ilulagqithi aphak*m or yena uzobulala wena.
Aphiwe: ndisengxaki kulendlu hayi hayi ngcono ndohlukane nolunga mos azulunga ubulala umntu mna.
Mqwathi: ndithe xawu ready ubuye sisi okwangoku zakunika iyeza lohlamba nelofuth nogabha ngoba isichitho siyesa zona futhi ngamandla.
To be continued

17/08/2022

Chapter 76

Aphiwe: ( wavuk ngentseni ulungisa intozakhe nabantwaban bakhe bakisha)
Nokwakha: uyaphi aphiwe upakisha njena?
Aphiwe: ndiyagoduka wawungathanda ndihambe nah.
Nokwakha: ulunga uyayaz lonto ubuyahamba?
Aphiwe: andimazi uzazibona ( ethatha abantwana bakhe ebafake motweni)
Nokwakha: makoti awuhloniphi
Aphiwe: aqondi noba uyalazi ingamalam lasemzini nguban.
Nokwakha: mxm zalithin walithiwa nguban k*m ungu aphiwe.
Aphiwe: ohk ndiyeke ndihambe nokwanda uyabona nam ndalazi elakho lokonyani( waphuma egene motweni hamba engachazelang nolunga ukuba uyaphi)

Aphiwe: ( endleleni eyakutata umqwathi agqithe kulo lunga seku late udiniwe ku drive ufuna noyoshiya abantwana) qoqo
Tshangisa: khamin tyin tyini molo makoti.
Aphiwe: molwen tata kunjani?
Tshangisa: ndaphila makoti unjani wena .tyin wazosibona ngobusuku apha kwezingqele.
Aphiwe: ndithi ndizovela njee bayonkinto isahamba kakuhle phofu.
Tshangisa: ewe sisi yonkinto ihamba kakuhle wenzan umama phayana akasabuyi ngoku.
Aphiwe: uyamazi akhonto ayoyenza ngaphandle kokuba babe besilwa nolunga.
Tshangisa: ziphe!! Zobona abazukulwana tyini bakhululi. Uthi wenzani unokhwakha?
Ziphe: molo sisi yhuu ndadigqibela kudala unjani ubhuti yena.
Aphiwe: uyaphila lunga. Aloku mama uzise enyintombi esithi izosincedisa isebenze phaya endlini ngaphandle kwe mvume yam nolunga🤷
Ziphe: umama inene akakhulu asoze zinto ezi azenzayo kodwa tata khawuthethe nomfazi wakho ahlukane nobhuti nosisi bazonwabele.
Tshangisa: unokwakha uhamba apha esithi uyokuncedisa ngabantwana kanti uyoqasha abantu inene andimazi unjani.
Aphiwe: hayi lunga naye umcamile.
Ziphe: ubhuti akazuncama tata khakuhambe uyomthatha. Yazi wena sisi aphiwe umama ushiyutata yedwa embona umdala kuthen engaqasheli tata umntu lento aqashela nina abantu
Aphiwe: ndifumene umsebenz abantwana bangeni chresh so andimaz ufunani.
Tshangisa: ndamfonela uyaxoka uthi wena awuphilanga ngoku woqena ukushiya nabantwana ungaphilanga.
Ziphe: yabona mna ndanele umama nak*m ufuna nditshate namadoda afunwa nguye yhuu ngeke atshintshe shm.
Tshangisa: ubuyel nini unhandishiyi ndiyithatha lamfazi phayan mosha umtshato wabantwan emdala kangaka lomfasi tyini unjani nah
Aphiwe: (encumele caleni) nzohamba apheveki tata safunubethwa ngumoya
Ziphe: ( ehleka)yhuu umama akatyafi kwakuni esemvako bhuti nabafazi bakhe yhoo👏
To be continued 😍

16/08/2022

Chapter 75
Aphiwe(esecawen ngqodoyakhe ayikho secawen tuu cinganje nokwakha)
Lunga: yinton okuthule kwalapha endleleni.
Aphiwe: why lunga uvumela umamakho asiphathe endlini yethu emtshatweni wethu sivangaye.
Lunga: njani ngoku uyayaz akandimameli njena umama.
Aphiwe: umdala xawungaka kodwa uyohluleka awukwaz uqina njengamanye amadoda exelele mamakho makabuyele endlinakhe endoden yakhe.
Lunga: aphiwe ndakhalimele awuzuthetha nam njalo awucingi undifanisa namanye amadoda mna.
Aphiwe: mxm wohlulekile mos ngomzi wakho mamakho sekwaz uqasha amageli efika and akandihloniph umamakho njengamfazi wakho.
Lunga: aphiwe besingeno thetha ngalento xasisendlin not phakathi kwabantu ecawen zasijongisa ngabantu
Aphiwe: hlala nabantu bakho uzandifuma emotwen mna esenamdla wecawe.

Aphiwe(enomsindo make ndifonele utata umqwathi)
Aphiwe: hello tata kunjan
Mqwathi: ndaphila nontombi unjani wena.
Aphiwe: (elila) andikho right tutu lomama asandilandela nangoku.
Mqwathi: ukulandela njani ntombi usukhala alok.
Aphiwe: yaz tata ndafuna uphuma kulunga kendiziphilele kodwa ndingulona ungenabani akwapho ndinokhalela khona.
Mqwathi: aphiwe ntombi xawune thuba uzukubuyele kokwen apho wangcwabela khona abazali ukuyoba kroba emangcwaben wabo.
Aphiwe: ewe nzoke ndiye tata ndathandaza ngase ndiyifumane family yam nam ke ndibenekhaya 💔
Mqwathi: unalo ikhaya abantu bakokwenu uzabafumana wena.
Aphiwe: kulungile tata ngoku lomama uphinde wazisa enyintombi apha endlini wenza lento kanontle kaphinde.
Mqwathi: (ehleka) yangena inyoka endlini afuni ukuxokisa isichitho eso ndisizela njee ulunga kuyoyonke lento izokwenzekapho.
Aphiwe: uthin ngoku tata
Mqwathi: zamithuba uzondibona ntombi lomntana ulapho yingozi kakubi mamazalakho akasose akuyeke ukuhlupha ingxaki uyamsinda kwinto zakhe gazilakho listrongo mntanam but k*mele uzilwele kule game umamazala wakho ubhejile if ayilungi plan yakhe wena or abantwana bakho anizuphila😌
Aphiwe: ngoku ingathi lomntana ulungile.
Mqwathi:akhomntu ulungileyo xakuziwa kwicala lemali. Umama kalunga uthikuthen amlwela kangaka ulunga ufunasebenzele kokwabo not abanemfazi nabantwana.
Aphiwe: ngomso or aphavekin ndizoza tata ndizokubona.
Mqwathi: ukhawuleze ungazi sekulate wenze sure room yakho akangeni lamntana nalamama until uzengapha ntombi bye bye ke sisi
To be continued 😍

16/08/2022

Chapter 74
(Ekusen ngecawen lunga no aphiwe balungiselela ukutya ecawen umama ka lunga unquqa veg uzopheka honwabile unokwakha kwangentseni. Kuqoqozwe emnyang Aphiwe ayovula)

Aphiwe: ngena. Ohh molo sisi ndingakuceda.
Thembi: molweni sisi becelubuza kukabhuti lunga apha.
Aphiwe: ewe owuphi lunga kuqala?
Thembi: lona uligqwetha sisi.
Aphiwe: ewe ndingakuceda?
Thembi: ndicela umamakhe if ukhona nguye onocacisa.
Aphiwe:"ekhwaza" mama!! Uyafunwa emnyango.
Nokwakha: ngubani lowo "evela" ohhh thembi mntanam ude wafika ngena ngena bekibhegi phayana khululeka kusekhaya apha.
Aphiwe: "kululeka kusekhaya apha?" nguban ngoku lona mama.
Nokwakha: nguthembi igeli lethu elitsha uzoncedisa apha endlin ngosebenza.
Aphiwe: ligeli njani mna ndingayazi lonto endlini yam kodwa uqashwe nguban. Lunga lunga!!
Nokwakha: ufanenje wamkhwaza uyayaz lunga besithethe sobabin lento.
Aphiwe: 🙆hayi ndalingwa egeli elincinci sona ngumntana weskolo mos lona hayi angeke. Lunga ndixelele asiyo nyani lena.
Lunga: mama nguban ngoku lona khagendithi qasha umntu ndithe ndizothetha no aphiwe ngalento.
Nokwakha: sekhona ke umntana wabantu asizubasa mgxotha.
Aphiwe: sizamgxotha 🙄and wenze ngamabomi
Thembi: mama yithi ndihambe afunuxabanisa family bekusiliwa ngam
Nokwakha: hayi lunga cela umyeke ke namhlanje alale ngomso uzohamba sisono nobudiniwe.
Lunga: ok makalale ngomso nontombi uyahamba ke. aphiwe masihambe soba late (baphuma bahamba)

Nokwakha: ungabahoyi kakhulu la Aphiwe uthethanje akhonto yakhe.
Thembi: kodwa andifuni kuliwe ngam
Nokwakha: hayisuk akuliwapha sufeketha uyayibona lendlu injani awurhaleli ebeyeyakho?
Thembi: ndarhalela and intle indluyabo nabo bafanele.
Nokwakha: suphambana bonifaneleko wena phayana uyabona if ungazimisela lendlu ingayeyakho no lunga angagowakho.
Thembi: angago wam umfaziwakhe nabantwana abathin bona.
Nokwakha: bazazibona ulunga akaqali ubanomfazi ngo aphiwe wayenaye before futhi unabo nabantwana kula mfazi ngk uzoyiswa yinton ulahla u aphiwe.
Thembi:"echazekile" nezimoto zintle nolomzi umhle ibengowam.
Nokwakha: injalo xawunokwenza lento ndiyifunayo wena kuzolunga. Task yokuqala ngomso siyothengi mpahla not ezizinto uzinxibileyo
Thembi:"ethethela ngaphakath" yhuu ungcolile lomama ude uneshori ebuswen ungcolele umntanakhe
To be continued

11/08/2022

Chapter 73

Lunga: sewuguge lomhlobo nah mama uduthethe wedwa?
Nokwakha: " waxhuma ezihlekisa" hayi wethu zothin iminyaka iyahamba.
Lunga: phofu sewungu makhulu ngoku. Ndine stress aphiwe okwethule namhlanje akandifoneli tuu akaphenduli naku whatsapp nokuba yinton.
Nokwakha: ubulindele ntoni wena alok usemtsha lamntu kwaye uyayazi apho akhoyo kuyaphithizela amadoda maninzi.
Lunga: ufunuthin ngk mama hayi akekhonjalo aphiwe ndamazi
Nokwakha: awusemthembe yazi lisezokuwisa ihashe lakho😏🤔.
Lunga: ngumfazi wam lowa ndamazi yinton ungake uthethe intwentle ngo aphiwe huh?
Nokwakha: ohk andina mona kodwa ndakulumkisa umfazi ophangela nge lokhwe ezimfitshane landle hayi inene mqwazi wam akaqini.
Lunga: yhoo asigomfazi wokiqala aphiwe usemtsha khawumohlukane mna andinadaba nobunxibenton.(wamshiya phayana mamakhe uphuma)

Aphiwe:(wabuya emsebenzin ethenge izinto ezixelele uzofika apheke)
Nokwakha: khonubuyayo okwindoda ikufuna.
Aphiwe: uyandazi ndaphangela njena undifuna endisaphi.
Nokwakha: nobuyojonga lentombi azoyiqasha isiphekele iclean nalendlu imdaka.
Aphiwe: inton! Akhomntu uzoqashwa apha kulendlu ndikhona khona kutheni azogqiba nawe nalonto.
Lunga: ebezogqiba nobani andithi wena ulibele kuba busy ngumsebenzi.
Aphiwe: " ejuli beg bezukwe tafile efakizinto ekhabhathin" uyayazi lunga ndisaqala phayana kufuneka ndisebenze nzima.
Nokwakha:"wabi fown ka aphiwe wayifihla"
Aphiwe: yaz mama ndidikiwe zizinto ezilwisayo ngase ndingaphola namhlanje ke ndipheke sityeni sonwabeni.
Nokwakha: kulungile kentombi mabdiye apha ngasese( ngene toilet wavuli phone ka aphiwe ngena kwi messege wazibhalele kweyi nmbr wane eziphendula okwibgathi aphiwe uyajola sogqiba wathathi phone wonyengeza again"
Aphiwe: kunini ungene toilet.khange uyibone phone yam ndifuna fowunela lunga?
Nokwakha: nantsi phone kutheni awuboni ngok
Lunga: niphikisana nganton?
Aphiwe: "encumile" besathi ndizoku phonela ndicela sihlaleni kunye sityeni sonke namhlanje.
Lunga: ohk yinton wabuya wonwabile emsebenzin?
Nokwakha: mhmm ulumkele nale besike sayixoxa emini mhlawumbu ufumene umntu wolilela.
Aphiwe: ohh hayi wethu mama
Lunga: phoke ndonwabile nam xawonwabileyo wena egameni kungaliwa.
Nokwakha: "esebeza" uzunyabe wena uyotyelwa ulibele kubasisibhanxa uboke uthathi phone ujonge izinto ezi.
Lunga: hayi hayi mama khawume
Nokwakha: uzandicinga ngenyimini khame ndithule.
To be continued 😊

11/08/2022

Chapter 72

Aphiwe:(wavuka ngentseni lungiselela abantwana baye skolwen sogqiba walungisa intozakhe waya emsebenzin washiya lunga nomamakhe besalele)

Nokwakha: ndavuka ndilambile ke namhlanje akhokutya apha Lunga lunga!!!
Lunga: yinton mama ekusen kangaka ufunani.
Nokwakha: kanti kuphekwa nini kulendlu sityanton kanti?
Lunga: undikwazela lonto kanti kangaka why ungabuzi aphiwe andingomfazi mna ndingenaph ekutyeni.
Nokwakha: ohk isisombululo salento ndinaso kungcobo sifune umntu uzoncedisa apha endlini ngosebenza nopheka ngombufazi wakho livile shm mntanam uphi kungok.
Lunga: asimdingi njee mama aphiwe ukhona for nton xasizoqasha abantu k*mosha njee ngemali🤦
Nokwakha: uphi ngoku uyambona wena khonucing uzotya ntoni njemba eshiye engakuphekelanga.
Lunga: uyayaz andihoyanga kutya emini aphiwe. ohk ohk sizamfuna khandiyeke ndilale mna.
Nokwakha: hayi ndiyamazi mna zozama bani khonumntana endimaziyo elalini kudala efunumsebenzi.
Lunga: uqalile ngezizinto zakho mama wenza esikanontle ngoku 🙄
Nokwakha: hayi ndimdala mna for uzozinto aphinde. Afunulwa no aphiwe ndenzela nina indlela lula.
Lunga: ohk akukho ngxaki zothetha no apbhiwe ndimbuze uyafuna siqashe umntu ( sogqiba wabuyela ezinguben)

Nokwakha: (ubuza ubuza ntoni kulo aphiwe wakhe khamendibize thembi mna) hello thembi unjani
Thembi: ndaphila mama kunjani?
Nokwakha: uyakhumbula ndikuchazela ngonyana wam lona uyi lawyer enkulu kule kapa.
Thembi: ewe ndambon lona wawusithi unomfazi olovila
Nokwakha: yenakanye udinga umntu uso cleanel indlu and unemali uzabhatala lemayi uyifunayo.
Thembi: ndiyaphangela njena mna mama and unomfazi wakhe njena lunga
Nokwakha: ndithe yizangapha ngomso ukuseni unga worry ngemali zakwenzela yonkinto mna xawufike apha ungafumana nomsebenzi ongcono ke sana.
Thembi: ohk andinamali yokuza ngomso mama
Nokwakha: zayithumela ngok sanalwam wena ungoyena makoti wam 😊ungabina stress
Thembi: kulungile mama mandilungise intozam ke sobonana xandifika apho ngomso.
Nokwakha: ohk nontombi"esifa yimincile eculanayedwa" game on benditheni kuwe aphiwe😏😏 uzophuma uphele uthi tuuu ku lunga andifuni nokubona ischitho ezonifakela sona sesoba ulunga angakufuni nokubona rhaa andiphiwanga tuu lomntana ndingamazi bona ngowaphi and ngazilakhe linzima izinyanyazakhe zistrongo ak*melanga ndimthathe kancinci lo aphiwe uphucuka qhoo ndimphethe sendisithi ndimgqibile.
To be continued

10/08/2022

Chapter 71

Aphiwe: mama sisheke sobabin kengoku khawutsho kutheni ungcolile ude uzibethekise.
Nokwakha: ngxaki yakho ucinga ubhadlile wena aphiwe uyabona ulunga ngumntanam uzotshata nentombi ethandwa ndim not wena.
Aphiwe: "ehleka" uyaziqhatha ke not esenam uyabona legame uyiqalayo awuzuyimela zayidlala double mna.
Nokwakha: uzobona wena uzophuma kulendlu ushiye lunga nabantwana bakhe not lemigqakwe yakho.
Aphiwe: lemigqakwe uyithanda ukufake unyanakho and notatazala wam uyayithanda.
Nokwakha: cacile awundazi ntombindim khona kuphi kokwenu ugoduka nini xakutheni?
Aphiwe: mhlakadikwamna wena akhonto ozondenza yona nokwakha.
Nokwakha: " layita fown record aphiwe engambon" uthi xawundi bizayo aphiwe.
Aphiwe: ndithi nokwakha ligamalakho lomzi mos elo.
Nokwakha: ohk andilwi nawe mna aphiwe kutheni uzondi bizagegama makoti.
Aphiwe:" egqashula ngumsido" hayi khawuphume k*m ndacela hlala endlini kanyana wakho.
Nokwakha: " ehleka" ndimgqibile mandilunde ulunga😎

(Kufika kunga evela kuyodibana no vusi ngendaba ka aphiwe)

Lunga: mama uphi aphiwe
Nokwakha: andimazi akekho kamureni mna ndisapheka.
Lunga: aphiwe aphiwe!! Haibo intloni umama apheke kodwa ukhona and uyambona uyaqaqanjelwa.
Aphiwe: uxolo zopheka ngomso torho.
Lunga: ohk ndicela sithetheni hlali phantsi nobabin.
Nokwakha: bifo sithethe celumamele apha lunga."wadlali record aphiwe engazazi noba makathin"
Lunga: ohk aphiwe cacisa sewukwaz ubiza umama gegamalakhe wena ngoku sogqiba uthi lelakhe.
Aphiwe: lunga ayiyo lento ucinguba yiyo ngumama ondiqale wandithuka.
Lunga: ngathi uyaqatsela ngok udelela umtywalile emin ngok umbiza ngegama caba yintangayakho.
Aphiwe: uxolo lunga bendinomsindo
Lunga: noba sewunomsindo kangakanani ungaze umbize gegama or umenze ebenjena umama and and ndidikiwe nguwe aphiwe yherr.
Aphiwe: nobuyavuya yilento ubuyifuna lemama.
Nokwakha: bendithen kuwe aphiwe huh
Lunga: us**a ubalekela kugugu okwingath mna ndiyidoda eyoyisakalayo zindaba zomzi wayo.
Aphiwe: why undimameli xanditheth lunga
Lunga: akhonto zoyimamela uyadelela wena ngomso upaka konke okuthi wena uphume ugoduke.
Aphiwe: ndigoduk ndiyephi lunga andizuhamba mna.
Nokwakha: goduka uyakokweni kanti awunakhaya nah sisi.
Lunga: andikwaz nobuyephi nobubuyele apho ndadikufumana khona asoze alok ngumzali wam lona ungamhloniphiyo
Aphiwe: "was**a wasitsho isikhalo uyotshona room yabantwana"
To be continued 💔

Address

Gariep
9744

Telephone

0620341539

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Kuba ndadazile posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category