Nojikela Anele Media

Nojikela Anele Media Bhala noba yinton ofuna siku postele yona. Nendaba ziyafumaneka kwalapha

KUDUTYULWE IITITSHALA EZINTATHU eTABANKULU JUNIORUmnumzana Gcaba owayesaya kuba yititshala kwiskolo Samabanga aphantsi i...
22/01/2026

KUDUTYULWE IITITSHALA EZINTATHU eTABANKULU JUNIOR

Umnumzana Gcaba owayesaya kuba yititshala kwiskolo Samabanga aphantsi iTABANKULU JUNIOR uthe ephuma eziseleni wabe eybona ikanana

Lo ka Gcaba kuvakala ukuba wabanjwa ngonyaka ka 2024 ngezithyolo zokudlwengula abantwana besikolo de kwabe ufumana ibheyile kulo nyaka umiyo

Bathe bengekayazi ompukane eziluhlaza wabe sele egqibile lomfo!! nalapho kuvakala ukuba uthe ephuma eziseleni wabe ewuhlohla iimbumbulu owakhe umtshabalalisi waqonda ngqo apho Kunuka khona irhuluwa

Oku kuza emva kokuba lo ka Gcaba ethe wahletyelwa ngandlebenye ukuba bakhona abagqiba ngokumtshabalalisa ngokuthi bamosulele ngomkhovu inyama engayidlanga kwaye kukholelwa ukuba ngogxa bakhe awayesebenza kunye nabo kwesiskolo

uthe engena emasangweni eskolo wangqala ngqo endlwaneni yeNtaka apho afike khona wadedela ngothotho lwembumbulu abavileyo abawuvali umlomo kanti abafundi kuthwa bebehambela emoyeni labe phofu ilanga lime ngenkqayi.

Kuvakele izithonga nga kukugragrama kwezulu kanti lo ka gcaba uzigqibela iimiphefumlo kwigumbi leeTitshala , nalapho yena nenye iTitshala bethe badibana nezinyanya zabo kwangoko kwindawo yesigameko kanti ababini baphuthunyiselwe esibhedlela imeko yabo ingaginyisi mathe.

please follow 🙏

'eNgquza

Emakhaya Flagstaff eBisi 🫡
08/01/2026

Emakhaya Flagstaff eBisi 🫡

Address

Lidgetton
Howick

Telephone

+27604349089

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Nojikela Anele Media posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share