Ziyaphothulwa News Channel

Ziyaphothulwa News Channel Your local news Channel ,bringing you news live

08/10/2021

Date: 08 Oct 2021

Abahlali base Ntabankulu bathi malibhangiswe ikhasi lonxibelelwano lika Facebook elibizwa ngokuba"Ezase Ntabankulu"

Ziyabethabethana izimvo nge group ka Facebook ebizwa ngokuba "Ezase Ntabankulu.Ngokwengxelo ebhalwe phantsi elikhasi lonxibelelwano lityholwa ngokutshintshiselana ngamagama arhabaxa (Izithuko) nalapho abanye bebanga ngelithi bathukwa ngeemeko zamakhaya abo,Izinxibo kuquka nezigulo.

Kwinyanga ephelileyo kuqhambuke umbhodamo ngexesha owasetyhini ogama lakhe liyindaba yakwamkhozi ethetha nabamajelo endaba ku ZIYAPHOTHULWA ebhenca imeko aphila phantsi kwayo ngenxa yelikhasi lonxibelelwano nalapho wama etshatshalazeni ephalaza imbilini yakhe emva kwezithuko athi wazifumana ethukwa ngobume bakhe bempilo.Kungoku nje ingxenye yabahlali base Ntabankulu bathi malivalwe elikhasi nanjengoko lizisa uxindzelelo lwenqondo kubahlali balandawo


and share
report to you

Date: 03 Sep 2021"Sisebenzisa umkhukhu onamagumbi amabini njengendlu yangasese"Inqununu yesikolo samabanga aphezulu i Si...
03/09/2021

Date: 03 Sep 2021

"Sisebenzisa umkhukhu onamagumbi amabini njengendlu yangasese"

Inqununu yesikolo samabanga aphezulu i Sinakho esikwilali yase Cacadu cebokuhle e Ntabankulu kwa ward 11 kwimpuma koloni u Zwelandile Mgoqi uthi bafumana ubunzima kwesaskolo nanjengoko singekho kwimeko yezikolo zodidi lwalemihla.Oku kuvele ngexesha iqumrhu elizibiza nge "Yhoza ka Bhengu Foundation" livakatshele kwesasikolo kwinyanga ephelileyo ngeliyonikezela ngeziqhusheki ii sanitary pads kubantwana abangamantombazana.

Esi sisikolo ngabula ingxelo esaqala ukufundisa ngomnyaka ka 2018 sisokhiwa ngabahlali balandawo ngelifunela ikamva eliqaqambileyo abantwana babo kodwa ngenxa yemingeni emininzi isikolo esibhekene nayo yenza ibenzima inkqubo yokufunda nokufundisa.Ethetha nabamajelo eendaba u Mgoqi ubalule iningeni emininzi ababhekene nayo equka ukungabiyelwa kwesikolo ntoleyo eyenza singakhuseleki,Ukunqongophala kwamatanki amanzi,Amagumbi okufundela nezindlu zangasese.

"Kuye kunyanzeleke xa kukho lootitshala unengxaki yesisu ndiyibhalele incwadi yokuthatha ikhefu ngenxa yokungabikho kwamagumbi angasese ntoleyo ilibazisa inkqubo yokufunda,sisebenzisa umkhukhu onamagumbi amabini njengendlu yangasese nawo owabethelelwa ngabahlali ekufuneka xa abantwana beyozinceda sibalandele sibagade ngeliqinisekisa ukhuseleko"utshilo

Ebuzwa ngongenelelo lwesebe lezemfundo kulemeko uthi,kutshisa amanqina kukwehla esenyuka exela amanzi olwandle ememelela ungenelelo ngakwisebe kodwa kude kubenamhlanje akukabonakali migushuzo

"Kudala ndithumela iimbalelwano kwisebe kodwa unangoku andikafumani mpendulo ingqalileyo"


Zisazophothulwa, please like and follow the page  Ziyaphothulwa News Channel nibenempelaveki emnandi
03/09/2021

Zisazophothulwa, please like and follow the page Ziyaphothulwa News Channel nibenempelaveki emnandi

24/08/2021

Date: 24 Aug 2021

"Ndoyika nokuphuma phandle ndibonwe ngabantu ngenxa yokuhlekiswa ngemo yam yempilo ku Facebook"

Umbhinci igamlakhe eliyindaba yakwamkhozi welali yase Mnceba cebokuhle e Ntabankulu kweliphondo lempuma kapa umemelela ungenelelo emveni kokuzifukamisa ethe tsh*tshilili kwikhasi lonxibelelwano i Facebook kwi group ezibiza "Ezase Ntabankulu"elilivo kuhlekiswa ngobume bakhe bempilo.

Encokolela abekhasi lezendaba u ZIYAPHOTHULWA mamhlanje lombhinci ubhawutshe uba ukufukamisa kwakhe ngalomba kubengase angathi vuleka mhlaba ndingene kwayena wayinto ezigingcela kwigumbi lakhe kuba elilivo kwasekuhlaleni."Ndibalisele i Chommie zam nge status sam kwaye onto bendingacingeli ukuba yinto abazohambe bethetha ngayo,ndonakele kuba nditsho kwasekuhlaleni xa kukho into ethethisayo ndihlala ndithukwa ngobume bam bempilo"utshilo

Uthi kwamthatha ixetsha ukuzamnkela yena kuqala ukuba unesifo esithile ngoku ukuhlala ekhunjuzwa ngontweyo yeyonanto imdidisayo ekuzamnkeleni nokuqhubeka phambile nobomi "Ndiyazazi uba ndiphila nesisifo andidingi mntu uzonabe endikhumbuza sixela nje ndi delete nezo Account zam ku Facebook,ndingumntu obeceba ukuqala itsh*tshini edolophini kodwa andiyiboni isenzeka ontweyo kuba andiboni kukhona umntu unondixhasa ngenxa yoba abantu abaphila nesisifo bachwethelwa ecaleni"

Uphando ngelinqaku lusaqhuba.....

Welcome to your trusted News Channel Coming to you live with your local stories
21/08/2021

Welcome to your trusted News Channel
Coming to you live with your local stories

Address

Kuntabankulu

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ziyaphothulwa News Channel posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Ziyaphothulwa News Channel:

Share