08/10/2021
Date: 08 Oct 2021
Abahlali base Ntabankulu bathi malibhangiswe ikhasi lonxibelelwano lika Facebook elibizwa ngokuba"Ezase Ntabankulu"
Ziyabethabethana izimvo nge group ka Facebook ebizwa ngokuba "Ezase Ntabankulu.Ngokwengxelo ebhalwe phantsi elikhasi lonxibelelwano lityholwa ngokutshintshiselana ngamagama arhabaxa (Izithuko) nalapho abanye bebanga ngelithi bathukwa ngeemeko zamakhaya abo,Izinxibo kuquka nezigulo.
Kwinyanga ephelileyo kuqhambuke umbhodamo ngexesha owasetyhini ogama lakhe liyindaba yakwamkhozi ethetha nabamajelo endaba ku ZIYAPHOTHULWA ebhenca imeko aphila phantsi kwayo ngenxa yelikhasi lonxibelelwano nalapho wama etshatshalazeni ephalaza imbilini yakhe emva kwezithuko athi wazifumana ethukwa ngobume bakhe bempilo.Kungoku nje ingxenye yabahlali base Ntabankulu bathi malivalwe elikhasi nanjengoko lizisa uxindzelelo lwenqondo kubahlali balandawo
and share
report to you