03/10/2025
U Tata womntwana naye uzokwazi ukuthatha ikhefu yokukhulisa umntwana ngokulinganayo no Nina womntwana.
INkundla yoMgaqo-siseko yaseMzantsi Afrika ikhuphe isigqibo esibalulekileyo esiza kutshintsha indlela amalungelo abazali ajongwa ngayo kweli lizwe. Ngokwesigqibo esitsha, abazali bobabini nokuba bangamadoda okanye ngabafazi, nokuba bahluke ngobuhlanga, ngesini okanye ngeemeko zobomi banelungelo elilinganayo lokuthatha ikhefu labazali elingangeenyanga ezine kunye neentsuku ezilishumi.
Oku kuthetha ukuba ixesha lokuba ngumzali elalikhona ngaphambili apho umama wayenikwa iinyanga ezine zokukhulelwa nokubeleka, utata efumana iintsuku ezilishumi kuphela, ngoku liza kwabelwana phakathi kwabazali ngokulinganayo.
Baza kukwazi ukuvumelana ngokwabo ukuba ngubani oza kuthatha ixesha elide okanye elifutshane, ngokuxhomekeka kwiimeko zabo zosapho.
INkundla ithi esi sigqibo senziwe ngenjongo yokukhuthaza ubulungisa, ubulingane kunye nokukhathalela umntwana ngendlela efanayo ngabazali bakhe bobabini.
Le nkqubela ibonwa njengephulo elikhulu lokuphuhlisa amalungelo oluntu, kwaye ibonisa ukuba imisebenzi yokunyamekela umntwana asiyonto yowesifazane kuphela, kodwa luxanduva olufanayo phakathi kwabazali bobabini.
Ngoku ke, ukus**a kuthi ga phambili, ukutshintsha iintsana, ukukhulisa abantwana kunye nokubandakanyeka kubomi babo, akusayi kusala kumama yedwa.
Oku kulindeleke ukuba kube nefuthe elihle ekukhuliseni uluntu olulinganayo nolunothando.