Lusikisiki Iindaba

Call Directions Website Contact the business

Lusikisiki Iindaba Lusikisiki iindaba

sizibophelele ekunikezeni iindaba ezichanekileyo, amagqabantshintshi afanelekileyo kunye nenkqubo engenabungozi ebantwaneni kwaye ayithethi intetho enentiyo okanye inkcazo yobundlobongela .

 Ubuyile uKhongolose (ANC) kooMasipala ebengazungena nyulo kuwo kuquka nase Ngquza. Umbutho olawulayo i-ANC uliphumelele...
15/10/2026



Ubuyile uKhongolose (ANC) kooMasipala ebengazungena nyulo kuwo kuquka nase Ngquza.

Umbutho olawulayo i-ANC uliphumelele ityala lokusilela ukufaka abagqatswa abangenele unyulwa looMasipala.

  Ezingenayo: URhulumente weli sele elirhoxisile utyikityo uluvumela abemi bangaphandle bafumane iimpepha kwisebe lwezek...
09/10/2026



Ezingenayo:

URhulumente weli sele elirhoxisile utyikityo uluvumela abemi bangaphandle bafumane iimpepha kwisebe lwezekhaya ezibagunyazisa ngokupheleleyo eMzantsi Afrika.

Kodwa abemi baseMzantsi Afrika basamile ngelithi bazoqhubeka besilwela ilizwe labo eliphuphuma ngabemi bangaphandle kwaye besithi kuzokwaziwana.

  Agalelekile Amajoni eGoli kusasa namhlanje ukukhusela abokufika kweli. Ukanti nanjengoko uRhulumente weli utyikitye um...
09/10/2026



Agalelekile Amajoni eGoli kusasa namhlanje ukukhusela abokufika kweli.

Ukanti nanjengoko uRhulumente weli utyikitye umthetho ovumela abokufika bafumane iimpepha zokubangabemi beli lo Mzantsi Afrika , kudaleke umsindo nobangele abemi baseMzantsi Afrika benze umngcelele ojolise kwa Home Affairs kwiindawo ngeendawo.

Ukanti iphondo lakwa Zulu Natal kunye nase Rhawutini zinqenqeza phambili nalapho kubonakala kuvalwa izitolo zabokufika. Namhlanje u Rhulumente eGoli utyale amawaka waka wamajoni angabonakaliyo xa kubulwa Amanina eMzantsi Afrika.

07/10/2026

Ilizwe liyahamba!

  Anikele ngezipho ezingamawaka waka amapolisa aseLusikisiki aze ashiya abantwana besindwa zizisu kukuhlutha, abanye bes...
18/09/2026



Anikele ngezipho ezingamawaka waka amapolisa aseLusikisiki aze ashiya abantwana besindwa zizisu kukuhlutha, abanye besima ngeentloko yimincili.

Amalungu eLusikisiki Public Order Police (POP) abonakalise ukuba umsebenzi wamapolisa awupheleli ekulweni ulwaphulo-mthetho, ngokundwendwela i-AFM Goso Cluster Home Orphanage ngoLwesithathu, umhla we-16 kweyoMsintsi 2026.

Amapolisa afike ephethe ukutya, iimpahla nezihlangu, ezinikwe abantwana abangama-30 abahlala kweli khaya. Le minikelo yenziwe ngamapolisa ePOP ngokwawo, ngeminikelo yokuzithandela.

Kodwa ke, utyelelo belungaphelelanga ekunikezeleni ngezinto. 👏🏾 Amalungu ePOP achithe ixesha nabantwana, bedlala, becula kwaye bedanisa, nto leyo eyenze ukuba kubekho ixesha lolonwabo nobudlelwane phakathi kwamapolisa nabantwana.

Abaphathi beli khaya babulele kakhulu ngenkxaso, besithi kusekho imfuneko yezinto ezisisiseko zokunceda aba bantwana kubomi babo bemihla ngemihla.

Eli nyathelo libonise ngokucacileyo ukuba ubuntu abupheleli emazwini bubonakala ngezenzo. ❤️

 UMongameli u Cyril Ramaphosa akaziva ncam.Kulindeleke aphumle okwexeshana uMongameli weli emva kokuba ebuye engaziva nc...
16/09/2026



UMongameli u Cyril Ramaphosa akaziva ncam.

Kulindeleke aphumle okwexeshana uMongameli weli emva kokuba ebuye engaziva ncam ngokwempilo xa ebekumhlangano weBRICS obubanjelwe eNew Delhi, India.

Ukanti ingxelo ithi ukusukela ngoku ngabaphathiswa belilizwe ekulindeleke bagcine isihlalo sika Mongameli singaphumi iintambo zesigcawu.

Ndicela sonke sithandazele impilo ka Mongameli wethu.

  Umbutho weANC ukhatyelwe ngaphandle kunyulo oluzayo ingakumbi kummandla waseNgquza nase Sajonisi. INkundla yoNyulo yas...
16/09/2026



Umbutho weANC ukhatyelwe ngaphandle kunyulo oluzayo ingakumbi kummandla waseNgquza nase Sajonisi.

INkundla yoNyulo yaseMzantsi Afrika isichithile isibheno se-ANC malunga noluhlu lwabagqatswa olungazange lugqitywe ngexesha elibekwe yi-IEC.

Oku kuthetha ukuba abagqatswa be-ANC abachaphazelekayo abayi kubakho kwivoti kunyulo loomasipala olucwangciselwe umhla we-4 Novemba 2026.

ePort St Johns naseNgquza Hill izinto ziya zibashushu ingangabonwa i-ANC kwi Ballot paper.

Kwezi municipalities zimbini, i-ANC ayizukuba nabo abagqatswa kwiivoti ze-ward ne-PR ngokwesigqibo esichaphazele olu luhlu. Ingxelo ithi ngooMasipala abayi 6 abangazubonakala benevili elinomkhonto ngenxa yokusilela kombutho ukufaka abagqatswa ngexesha ebelibekiwe.

Ingxabano ibikukuba i-ANC ithi ulwazi kunye namaxwebhu ayesele efakiwe kwi-Online Candidate Nomination System ngaphambi komhla wokugqibela, kodwa iingxaki zobugcisa zenza ukuba bangakwazi ukucofa iqhosha lokugqibela elithi “submit as final.”

I-IEC yona yathi umba awukho nje ekufakeni iinkcukacha kufuneka inkqubo yokungenisa igqitywe ngokusesikweni ngaphambi kwe-5pm.

Ngamafutshane:
Iifomu zikhona.
Amagama akhona.
Iinkcukacha zikhona.
Kodwa iqhosha elithi “SUBMIT AS FINAL” lona lathi:

“Hayi bo, mna andisebenzi namhlanje!”

INkundla ke yathi umhla wokugqibela ngumhla wokugqibela, yaza yasichitha isibheno se-ANC.

Le ngxaki ichaphazela abagqatswa abali-181 kwiindawo ezintandathu, nangona umba wasePort St Johns naseNgquza Hill ungowona ubaluleke kakhulu kubahlali bale mimandla kuba i-ANC ingayi kuba negama kwivoti kwezi municipalities.

Kwaye ibali alikapheli i-ANC ithe iza kuthatha elinye inyathelo lesibheno emva kwesigqibo seNkundla.

Ngoko ke lo mboniso usaqhubeka. I-IEC ithi “deadline is deadline,” i-ANC ithi kukho imiba yobugcisa, yona iNkundla sele ikhuphe isigqibo.

09/09/2026



Umbane ulungisiwe eNdimbaneni nakwiindawo eziliqela kwaye kuyaqhutywa nokulungiswa nakwezinye ekusele kulixesha ungasebenzi.

Kodwa nani yekani ukutsweba nokuphula umthetho oh hayi nani.

Address

Lusikisiki
4820

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Lusikisiki Iindaba posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Lusikisiki Iindaba:

Share

Category