04/09/2026
INTLAWULO AYITHETHI UKUTHI UMNTWANA NGOWAKHO
Intlawulo ayithethi kuba kuhlawulwa umntwana! Uhlawula inyala eli ulenzileyo, lokungena esibayeni sikayise wentombi, wayiqhatha wade wayiwisa ibele intombi yakhe. Uhlawula loo ndelelo ke ngelithi ngxeeee!
Lonto ayithi unelungelo kuloomntwana, umntwana lo ngokwesiXhosa akanguye nowalentombi, ngowabazali bayo. Yiyo lento kusithiwa umntwana wentombi ngowakowayo! Yiyo lento abantwana bentombi kudala babesithi Mama/Tata kumakhulu nakutatomkhulu, aze athi sisi kunina omzeleyo.
Ukuba ufuna ibango kuloomntwana, ubuye uthi ngoku kuxoxwa intlawulo, uvele ube sewubaxelela abakowenu uba mabacele kuyise walentombi ukuba usose unyuka nengalo, ukhuphe ilobolo umzeke unina, okanye ucele ukuthi umntwana abe ngowakowenu umcela ke nge/ngeenkomo abazakuzibiza. Kulapho umntwana azokwazi ukwenza amasiko wakowenu nokusebenzisa isiduko sakho wena yise.
No wonder my dad calls my grandmother by Sisi and my great grandmother and great grandfather Mama & Tata.