24/12/2025
Amapolisa angotsotsi abanjelwe i“extortion ”eMthatha.
Kuyabonakala ukuba ingalo yomthetho ayikhethe bala lamntu,amapolisa oMzantsi Afrika abambe avalela amapolisa amabini,ngezityholo zolaphulo mthetho “extortion”.
Kutyholwa ngelithi ngomhla wama21 ngeCawe pha kwintsimbi yeshuni elinanye ngentseni amapolisa athe alunywa iindlebe,esaziswa ngamapolisa amabini akwiminyaka engama 24 nama 30,azityela itheko kulaphulo mthetho.
La mapolisa akwicandelo lika Public Order Policing (POP),kuvakala ukuba ebeyivathe yonke iyunifomu yesipolisa ,ngexesha egqugqisa kwiindawo ezithengisa utywala kwilali yakuKhambi,ehamba efuna iimpepha zokushishina kwezindawo andule ukufuna utywala ngesiganyavu.
Amapolisa weMthatha Crime Prevention Task Team,kunye nawe Sithili kwiStock Theft Prevention Task Team alandele emkhondweni.
Ekufikeni kwawo kwabe sekungenelela nawe National Intervention Unit (NIU),afika kanye xa ophopho bezipholele kwisithuthi ebebehamba ngaso esiluhlobo lwe Toyota Corolla embala uluthuthu.
Omye kubo ufunyaniswe nomkhono wekati womsebenzi.
La mapolisa azakuthi aphumle eziseleni de kubengumhla wama 30 kulenyanga,apho ayakuthi avele ayakufaka khona isicelo sebheyile emva kokuba ethe avela phambi kweNkundla kaMantyi ngoMvulo esi s**a kuwo.