Iphepha Lam

Iphepha Lam We are a Matatiele-based national news publisher. We print and distribute iphepha every Friday throughout the eastern half of the Eastern Cape.

"Izolo besendisithi ndiyafa 💔💔💔 I really do not know ukuba ndisinde njani!""Bendishushu izolo, it didn't sink in. Yohh n...
28/09/2026

"Izolo besendisithi ndiyafa 💔💔💔 I really do not know ukuba ndisinde njani!"

"Bendishushu izolo, it didn't sink in. Yohh namhlanje I'm so traumatised 💔💔💔 I'm in bed crying my lungs out coz abantu bafe phamb'kwethu!" kutsho uDJ wodumo waseEerste River, uDJ Asa, obepha KwaNdelu Shisanyama eLwandle (Strand) ngethuba kuthululwa irhuluwa neembumbulu kubantu abatsha ebebezonwabisa pha ngezithuba zoo-1 ekuseni ngeCawe.

Kubhubhe ishumi lonke labantu abatsha abaquka noKelvin Tatenda Clavah obeyingqonyela yenkampani yezoyolo nobumnandi, iSharkie Wave.

"Kwadutyulwa apho besikhoyo & I lost two people that i know! Unfortunately funeke umntu ngok' angahlali edawen yolonwabo because awazi into onodibana nayo. What a horrible week!" uqhube watsho uDJ Asa.

"Isamana isithi qatha! I really really am shattered man. The way i was praying ngok ndileli phez' kwabantu ndithi 'Yhini Bawo! Not namhlanje!” ayikho neChance yolila man because wtf [what the f**k], iPhone ilahlekile that time because of being scared iveske yawa 😭😭 Andifun' nohamba ndingayifumananga sana iPhone! Ndithe mayikhangelwe! Yohh ha a bethuna le nto besikuyo andiyazi!"

Ukanti abalandeli balo msasazi osinde ekufeni batyatyadule benjenje:

"Mayibe sisifundo esi Kuwe mntase sukela today ukuba you want to chill thenga utywala bakho kwaLiquor ungen' endlini utixe usele utywala bakho in peace. Ukozela kwakho, ungene ebhedini ulale. Ukuba ukufa kuyakufuna bhetele kukufikele usendlini then ukuyofela eTavern!" kutsho uThato Ramakepa.

UThuli Zamagaba yena uye wayikhaba nale yokuselela endlini ngoba akho ndawo ikhuselekileyo: "Le into ayifuni kuhonjiswa bethuna! Kwadutyulwa abantu eKZN endlini, bengekho seTavern! Besendlini! Ngoku bazakusilanda nasezinkonzweni nasemigidini! Akusekho buSafe nabuchule! UXolo sithandwa! UThixo akavumanga ngawe phephisa sisi!"

Ukanti indawo le yesiganeko, KwaNdelu Shisanyama ikhuphe upoposho olungxengxezayo nolukwathi bona abathengisi tywala, bathengisa inyama nokutya kuphela, bazakusebenzisana namapolisa kolu phando. Isibhalo sabo esipheleleyo sisoneke kwimifanekiso yeli nqaku.

KUYAFIWA ETYWALENI! Ukusukela eRhawutini ukuyokutsho eLwandle!Ubusuku bayizolo ibibubusuku obubi mpela kwabo bazithandel...
27/09/2026

KUYAFIWA ETYWALENI! Ukusukela eRhawutini ukuyokutsho eLwandle!

Ubusuku bayizolo ibibubusuku obubi mpela kwabo bazithandela ibhelu lomsele kwanobumnandi. Kubhubhe 27 yabantu etywaleni. Kwabhubha 6 kwezinye iziganeko zasezilokishini zabantsundu kweli.

Kwisiganeko sokuqala, eRhawutini, kwilokishi eyaziwa njengeWedela eCarletonville pha eDora's Tavern kumbonzeleke igquba lezijamankungwini ebezixhobe ngeeAK-47 zaze zathulula iimbumbulu kuye nabani na obezintyintya ngeenyembezi zikaVictoria kwesi sikroxo sikaDora!

"Ngaba bafo beeZama-Zama aba benze le nto! Bendize apha nomhlobo wam, ebeyiBest Friend yam! Siziselela kamnandi pha ngaphakathi. Sive ngezithonga ngaphandle sakhawuleza sanaba phantsi nathi ngaphakathi. Ndigqibele ngoko ukumbona ephila umhlobo wam! Mna ndiye ndazifisa. Abantu bekhala, bebaleka bekwandinyathela nokundinyathela. Oko ndithandaza pha phantsi. Ndithe ndakuvula amehlo ndakhangela umhlobo wam, ndafumanisa ukuba udutyulwe. Udutyulwe entloko," kutsho indoda engumXhosa ehlala kule lokishi koonondaba ngale ntsasa.

Le ndoda iqhube yathi ayisosiganeko sokuqala esi kule lokishi yabo kwaye abahlali bayayazi ukuba ngabemmi bangaphandle, abakwasebenza ngokungekho semthethweni kwimigodi (iiZama-Zama), abenze obu bubi. Kule nyanga iphelileyo kwabulawa umntu kule lokishi kwaye umrhanelwa ngoko ibingomnye wabantu abadutyulwe phezolo. Kubhubhe 17 yabantu kwesi siganeko. Konzakala 15.

"Sinayo imifanekiso yaba benzi bobu bubi kwaye sizakubabamba kungentsuku zatywala. Kukhangeleka ngathi esi ibisisenzo sokuzibuyisela ngakumrhanelwa lo sasimcuphele isiganeko sale nyanga siphuma kuyo. Izenzo ezinje azamnkelekanga kwaphela!" kutsho umkomishinala wamapolisa aseRhawutini, uFred Kekana.

Ukanti kwisiganeko sesibini kwilokishi eyaziwa njengeLwandle, eStrand, eNtshona Koloni pha ezinzulwini zobusuku ngezithuba zoo-1am kukhale izithonga zemipu besajayiva, kumnandi kunjalo, KwaNdelu Shisanyama eLwandle. Iimbululu ezo zichane zaze zabulala i-10 yabantu. Konzakale i-11 yabanye. Ibiligazi namakhoba otywala kwisitalato sale tshisanyama (kumfanekiso).

Ukanti naseKhayelitsha eSite C pha kwisitalato iMthuma Street kumbonzeleka amadoda asuke athulula iimbumbulu ngakwimoto ebizimele ecaleni kwendlela. Belingekatshoni nokutshona ilanga. Ngentsimbi yesixhenxe. Kubhubhe i-4 kwaze konzakala omnye!

Nakwilokishi yaseJoe Slovo eKapa kudutyulwe kwabulawa amadoda amabini.

"Esa siganeko saseKhayelitsha besinento yokwenza neziyobisi sona. Pha eJoe Slovo ibingumba odibene nobundlobongela boonoteksi. ELwandle sisenza uphando kodwa sive ukuba kusuke kwathi gqi amadoda amabini emva kwesakhiwo aze athulula iimbumbulu. Sisazilandelela zonke ezi ziganeko," kutsho umkomishinala wamapolisa waseNtshona Koloni uSizakhele Dyantyi.

Siliphepha sithi tutwini kumasapho. Ingxaki ikhona kwiilokishi zethu. Kwaye inkulu.

*Umanekiso waseLwandle wenziwe wacaca ngeA.I.

22/09/2026

Mhla kwabulawa uKumkani uHintsa (uZanzolo). Kolu shicilelo owayesakuba yingqonyela yegunyabantu lezotshutshiso kweli, uBulelani Ngcuka, uye wachubela iindwendwe ngala mini kwadutyulwa ngayo uHintsa koka-1835 emva kokugrogriswa kusithiwa makanike amaNgesi iinkomo ezingama-50 000 namahashe ali-1000 kwaye anqande uMaqoma noTyhali (ababesokolisa amaNgesi kwiimfazwe zangoko). UHintsa wathi akazoyenza lo nto. Bamdubula bazabela nangomhlaba wakhe eMpuma Koloni. Aba babulali babekokhelwa nguBenjamin D'Urban (ekwathiywa iTheku ngegama lakhe!)

*UNgcuka ubhentsise le mbali kumsitho wokubekwa kweNkosi uNdaba kaNdaba Mgudlwa eQumanco kule mpelaveki siphuma kuyo

21/09/2026

Kule mpelaveki siphuma kuyo, pha eQumanco Great Place (Cofimvaba) kunikezwelwe ngobukhosi kuNkosana uNdaba kaNdaba Mgudlwa . Inkqubo ibibhexeshwa nguPutco Mafani kwaye ibinezithethi ezifana nooBishop Mbethe, Saki Macozoma, Bulelani Ngcuka nooDalimvula Matanzima. Tyebisane amehlo ngolu shicilelo lale nkosana, nibaze needlebe ngakulo mbongo ubujoliswe kulo nyana kaNkosi Zwelenqaba Dumisani Mgudlwa.

*Ividiyo le ithwetyulwe nguMamcirha weMbumba yamaNyama

Idutyulwe yabhubha imbethi-manqindi yodumo, uZolani Tete, ngokuhlwa!Pha ngezithuba zecala emva kwentsimbi yesithandathu ...
21/08/2026

Idutyulwe yabhubha imbethi-manqindi yodumo, uZolani Tete, ngokuhlwa!

Pha ngezithuba zecala emva kwentsimbi yesithandathu ngale njikalanga, imbethi-manqindi yodumo u- Zolani Tete (38) kwakunye nalowo kuthiwa sisinqandamathe sakhe (27) bebelinde iGate ivuleke ukuze bangene ngemoto apho ebehlala khona eNU 17 eMdantsane ngethuba kumbonzeleka izijamankungwini ezinxibe iibhalaklava eziye zathulula uthotho lweembumbulu kwimoto kaZolani. UZolani uye wazama ukuqhwesha ngokunyathela amafutha angene eyadini ngethuba bedutyulwa kodwa bebesele bemchanile. Imoto iye yangena eyadini kodwa yena khange alenze ixesha. Uye wabhubha.

Sibhala nje kugcwele abantu phamb' kwalo mzi (kumfanekiso esiwoneke apha). Umzimba kaZolani usandokuthathwa ngabakwaForensic kwaye intokazi le ebehamba nayo yona ibalekiselwe esibhedlele isaphefumla.

Ezi ndaba zisentsha kwaye sisalindele iinkcukacha ezithe vetshe emapoliseni nakusapho.

UZolani Tete ebeyintshatsheli yelizwe ye-IBF junior-bantamweight title (2014–2015) kwakunye ne-WBO bantamweight title (2017 - 2019). Ikwanguye owenza iRekhodi yeHlabathi yokunabisa enye imbethi-manqindi kungekapheli nemizuzwana eli-11.

Kwezi veki zimbalwa siphuma kuzo uZolani ebesandokwenza iividiyo apho ebecacisa ukunqunyanyiswa kwakhe kwezamanqindi ngenxa yokutyholwa ngokutya iziyobisi zamandla. Wanqunyanyiswa into engangeminyaka emine kwaye bekulindeleke abuye kulo nyaka (2026); naye ebesithi usemandleni kwaye uzakubuya ngamandla. Ngelishwa khange kube njalo. Bamdubule ngokuhlwa.

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni, u Oscar Mabuyane uphefumle wenjenje ngesiNgesi asakuva ezi ndaba "I am devastated by the shocking and senseless killing of our champion, Zolani Tete. Tonight, the Eastern Cape lost one of its finest sporting sons. Zolani emerged from the streets and boxing gyms of Mdantsane and fought his way to the summit of the world boxing. Wherever he fought, he carried with him the pride of Mdantsane, the Eastern Cape and South Africa!"

Indoda ibanjelwe ukudlwengula umkayo oligqirha!NgoLwesihlanu, pha ngezithuba zentsimbi yesibini ezinzulwini zobusuku (2a...
19/08/2026

Indoda ibanjelwe ukudlwengula umkayo oligqirha!

NgoLwesihlanu, pha ngezithuba zentsimbi yesibini ezinzulwini zobusuku (2am) indoda yakwilokishi iRefeng-Kgotso, eZastron eFreystata, imbonzeleke kwayo irhatshuke mpela imfuna apha umkayo. Imfumene kwelinye igumbi ephahla / esenza umsebenzi wakhe wobugqirha. Umyeni ufike wathi makuyiwe kwigumbi lokulala.

Walile ke umfazi. Indoda ayafuna nokuva, yamtsalela kwigumbi labo lokulala nalapho aye wakhulula waze wakhulula nomfazi wakhe phamb' kokuba azonwabisa kumhlaba ongezantsi womkakhe. Asakugqiba esi senza uye wathi natya walala wathi cum. Umkakhe washiyeka emfixiza ngumothuko nomsindo.

Uye wahlala impelaveki yonke imtya le nto yenziwe ngumyeni wakhe waze ngoMvulo, lo wale veki, pha ngentsimbi yesixhenxe (7am) wavukela emapoliseni nalapho aye wabe uvula ityala lokudlwengulwa ngakumyeni wakhe.

Ityala lale ndoda (ena-50 ubudala) liqhutyelwa kwinkundla kaMantyi yaseZastron. Ukukhusela igama lexhoba lokudlwengulwa igama lomyeni liye lingapapashwa kwiingxelo ezikumilakunje.

19/08/2026

IVIDIYO: Indoda yále imali yesigwili!

Kula makhasi onxibelelwano kuthe ndi iividiyo zomfo waseRhawutini owaziwa ngelika BI Phakathi oye ahambe esenza iividiyo zakhe esipha abantu abahlelelekileyo izithonga zemali. Bambi baye bakhale. Bambi baye bangayikholelwa. Bambi benze umbulelo ongazenzisiyo. Kodwa zange khe wakho othi "andiyifuni!" Konke oko kutshintshe kule veki emva kokuba lo mfo wakwaPhakathi eye wagagana nenkuntsela yomfo obezipholele engceni, ethathe ikhefu 'kumsebenzi' wakhe wokuzithuthela inkunkuma ngeTrolley yakhe ayothengisa leyo naleyo. Zibonele kule vidiyo ukuba uyále njani le mali.

"Nay' imali! Nay' imali!" kutsho uPhakathi.

"Heh boss, no! No! No! No!" kutsho le ndoda izipholeleyo emva kokuthiwa jwi ngeR1200 eziR100 eziluhlaza.

"Yimali yokwenyani! Thenga ukudla!" uqhube watsho uPhakathi!"

"No, no, mna ndiyifuni!" kutsho le ndoda inwabuluka ivuka engceni phamb' kokuba iyigibisele kumnikazi wayo le mali ngelithi mna yena uneTrolley yakhe azenzela imali ngayo.

ICawe yamaRhabe icela uxolo ngesiganeko sangoMgqibelo!"Ngethuba sisaqhuba uphando lwethu ngokungqonge esi siganeko simbi...
18/08/2026

ICawe yamaRhabe icela uxolo ngesiganeko sangoMgqibelo!

"Ngethuba sisaqhuba uphando lwethu ngokungqonge esi siganeko simbi kangaka, besingathanda ukuthi uxolo kusapho ngentlungu eye yabahlela ngexesha labo lokuzilela le mbokodo eyayinegalelo leminyaka ngeminyaka kule cawe. Nokuba ibiyintoni na unobangela wesi siganeko; izenzo zokuwushiya apho umngcwabo, asivumelani nazo kwaye zisityabeka ngesimnyama singamaKrestu," kutsho uMfundisi uB.Z. Mkentane wamaRhabe aphantsi kwesithili saseAmathole, iUniting Presbyterian Church in Southern Africa.

La mazwi aza emva kothotho lweengxelo ezimalungu ukuziphatha kakubi kwamalungu wale cawe yaseRhabe asuka kwisiphaluka saseTyhume, eD**eni, kwisifihlo sikaBukeka Hilda Maxela (77), uMashweme, ebekumele ungcwatywe ngamalungu wale cawe nosapho eHopefield, eD**eni, kodwa ngenxa yokungavisisani nosapho amarhamente aye awushiya apho loo mngcwabo ekhokelwe ngumfundi wabo uD**e.

ICawe yaseRhabe yalile ukungcwaba uMashweme!Umzimba kaBukeka Hilda Maxela, uMashweme, ubusandokuphuma emkhenkceni sele u...
17/08/2026

ICawe yaseRhabe yalile ukungcwaba uMashweme!

Umzimba kaBukeka Hilda Maxela, uMashweme, ubusandokuphuma emkhenkceni sele uqala ukunyibilika ekhayeni lakhe laseD**eni nalapho amalungu osapho ebelungiselela ukuyombeka kwikhaya lakhe lokugqibela.

Ngentsasa yangoMgqibelo, umhla we15 kule yeThupha, amarhamente aseRhabe, asuka kwisiphaluka seTyhume aye athontelana ayokungena kwaMashweme, eD**eni. Kuthe kungephi, pha ngezithuba zentsimbi yethoba (9am), kwakusasa, kwathi gqi kwala malungu ale cawe ephuma kwaMashweme okwamanxila agxothwe esikroxweni sotywala ekuseni.

"Reformed Church Tyhume Circuit refused ukungcwaba ilungu leminyaka, elina 77 years ngenxa yokufuna ukuphatha [inkqubo]. Bafuna umzimba uqale emangcwabeni. Ifamily yona ifuna ukungcwaba after [inkonzo]. Hay' ke uReverend D**e wathi "NEVER!" watsala amalungu akhe kwaphunywa ngo 09:10 am. Bemka!" kutsho uNozi Mayeza-Nqabeni olilungu losapho ebelisuka eRhawutini.

Usapho luye lwaziqhubela inkonzo lahamba layokumbeka ngokwalo emangcwabeni uMashweme lo. Kukwakho nengxelo ethi iCawe le khange ivele kulo mzi ngoLwesihlanu ukuze kugqityezelwe amalungiselelo.

"Imbeko yaphuma ngefestile kudala eRhabe shem. Abanantloni zohlukumeza abantu in their darkest hour ogqiba bayomisa ngani 'ngongabinambeko' esithubeni!" kutsho unyana wombhali wodumo (uK.S. Bongela) ongu- Kumkani Sonwabile Mkhwane Bongela

Nangona uninzi lwezimvo ngalo mba zikhaba izenzo zale cawe, bakhona abathethelela le cawe, ngelithi izicwangciso zemingcwabo zaziwa ngawo wonke amalungu wecawe kwaye azisuke zitshintshwe lusapho ngemini yomngcwabo.

"Zonke kodwa ke inkonzo zibanaso isigqibo esiye sithathwe ekusebenzeleni umntu kwelicala lomgcwabo, ibasisigqibo ekuvunyelwana ngaso ngama rhamente onke ebandla including umfi lo angasiphikisi ephila phofu 🤷🏾‍♂️ngoku x**a si uplayer wa kuye engasekho phofu nibe nina family nijikela ibandla 🤷🏾‍♂️kuthi connection yonke yabumelana ngexesha elingu 9to 11 but ifamily ziyaliphosa🤦🏾‍♂️sometimes hlambi ngenxa yezomeko kodwa if sasivene ngexesha asikwazi ukuva nge family unless izinto zingapha kwamandla🤷🏾‍♂️so I’m so interested before kugxekwe icawa zazisithini izigqibo? zale kuba kufuneka ibe yinto icawe eyathatha isigqibo ngayo leyo kwilungu ngalinye lalo 👏🏾futhi ayenziwa program licala elinye iza neyayo icawa then nekhaya lecele izinto zayo kuvunyelwane 🤷🏾‍♂️kungafiki kusasa umntu wekhaya thina sifuna kwenziwe ngoluhlobo then icawa ine rite yokuthi hayi ke siluphumo apho qhubani ngolohlobo," kutsho uNtsimb'ayigobi Mdashe kumakhasi onxibelelwano," kutsho uMzyvukile Mgxashe kula makhasi onxibelelwano.

Nangona evakala kakuhle uMgxashe, eyona nto yonyanyekayo ngesi siganeko bubutyhifilili bobuxelegu bala magosa ale cawe nalo mfundisi wabo wokwenza isigqezu somngcelele ophumayo oshiya usapho olo luzilileyo. Isimenyo esi besinganyanzelekanga. Njengezicaka zobuKrestu eyabo indima ibikukuba bathule, balandele inkqubo, bathandaze/bacule, osogqiba bayokubeka ilungu labo (leminyaka ngeminyaka) kwikhaya lalo lokugqibela.

Ingxelo zikwathi ayikokokuqala esenza iWalkout ekumilakanje lo mfundisi wale Tyhume Circuit; kuthiwa yinto yakhe qho xa kungekho mvisiswano.

Siliphephandaba siye sathumele imibuzo kundlunkulu wamaRhabe. Akukaphendulwa. Kwaye sakuyipapasha kwiphepha lale veki ukuba ifike kwangexesha.

Iqobokazana laseTyiweni, eMatatiele, elakrakrisela uMongameli waseMelika! Kule nyanga yamanina sithi makhe siniphathele ...
12/08/2026

Iqobokazana laseTyiweni, eMatatiele, elakrakrisela uMongameli waseMelika!

Kule nyanga yamanina sithi makhe siniphathele ibali lobugorhakazi.

Pha koka-2007 uLinda "Dudu" Mabhena (42) oyinzalelwane yakwilali iTyiweni, ephantsi koMvenyane eMatatiele, wayegqibezela izifundo zakhe zeeMasters of Law kwiYunivesithi yaseAberdeen eScotland ngethuba egagana nenkunzi yetyala elalibandakanya uMongameli waseMelika, uDonald Trump ubuqu. UMongameli lo waseMelika ukwangumnikazi webala lokudlala igalufa eScotland phantsi kweTrump International Golf Links yakhe.

Umasipala waseAberdeen nenkampani yabucala iAberdeen Renewal Energy Group babeceba ukwakha ifama ephehla umbane ngomoya (iWind Farm) kufuphi nebala eli legalufa likaMongameli Trump eAberdeen Bay. Kumgama nje ongange-3.5km. Waphambana wasisifu ngumsindo uTrump esithi "unoootshe! akho mntu uzakukwakha ifama phamb' kwebala lam, ngoba oko kwakubhoxa inkangeleko yebala lam legalufa!" Yiba nomfanekiso-ngqondweni kaDonald Trump esilwela loo "view" yakhe kanokutsho eScotland.

UTrump wade wabarhuqela kwiinkundla zamatyala. Kulapho ke wagagana nale ntwazana yaseMvenyane eyayincedisa ibhunga laseAberdeen ekulweni uTrump. Kwaliwa, kwaliwa, into engangeminyaka esibhozo phamb' kokuba ooLinda baliphumelele eli tyala; bafumana nemvume yokwakha le fama ukusukela koka-2015.

"Ndandiqala ngqa ukusebenzisana neeWind Farms ngoko kwaye inxalenye yomsebenzi wam kuzo yayikukulwa uDonald Trump!" kutsho uLinda owakhuliswa eMvenyane naseMthatha ngabazali uPindiwe Mgijima-Mabhena (owayengutitshalakazi) noMike Mabhena (owayeligqwetha).

ULinda waqala amabanga wakhe aphantsi pha eSt Joseph's Primary School eMthatha phamb' kokuba abazali bakhe, ababekwangawo namatshantliziyo omzabalazo, bafudukela eRhawutini nalapho uLinda wagqibezela khona isikolo eNational School of Arts eRhawutini. Uphume kuMatriki ethwele iiDistinction ezine ezamngenisa lula kwiYunivesithi yaseKapa (UCT) nalapho wafundela isidanga seBachelor of Laws koka-2003 ukuyokutsho koka-2006. Ndlela le awagqwesa ngayo wade wajizwa nangesibonelelo-mali sokuyokufunda iMasters zakhe phesheya, eScotland, apho ke wadibana neembila zikaDonald Trump zithutha kwisiXeko saseAberdeen.

Sele wabuya ngoku phesheya uLinda kwaye uziqhubela inkampani yakhe yokuphehla amandla wombane eyaziwa njenge-DLO Energy Resources esebenza ngeeprojekthi ezinkulu kweli laseMzantsi, eBotswana naseNigeria apho atshatele khona. Inkampani yakhe iphala phambili kwaye singabalula nokwakha iiLongyuan Mulilo wind farm eDe Aar.

"Sisajonge lukhulu siyile nkampani eqhutywa ngamanina, sesiqale nokunwenwela ekusebenzeni kwezeGas, asset management, operations and maintenance," uqhube watsho uLinda.

Kule nyanga yamanina sithi "Shine!" Linda Mabhena-Olagunju! Siliphepha laseMatatiele siyazidla ngale ntwazana yaseMvenyane.

Address

109 High Street
Matatiele
4730

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Iphepha Lam posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Iphepha Lam:

Shortcuts

Share

Category