IMonti News

IMonti News Eyes and ears of the Eastern Cape community

UMan B. uqhubeka nokubeka  iMpuka Koloni kwizinga eliphakamileyoUsomashishini odumileyo was Monti, eMpuma Koloni uMan B....
23/12/2025

UMan B. uqhubeka nokubeka iMpuka Koloni kwizinga eliphakamileyo

Usomashishini odumileyo was Monti, eMpuma Koloni uMan B. Tyekana uqhubeka nokuzenzela igama kwezolonwabo, emva kokuwongwa ngembasa ye Best Cinematography kwividiyo engoma ethi "Thatha lento" nayenze no Dj Tira, Ornica kunye noMalume Womdantso.

Ukufumana kukaTyekana lembasa libhengezwe kumsitho we Eminent Video Music Awards nobubanjelwe eRhawutini kwiveki ephelileyo, laze lanikezelwa kuye ngokusesikweni ngeCawa eDrifters Raceway Theme Part, eMonti.

Lembasa inikezelwe kulo ka Tyekana ngumphathi we EVMA uDumisani Khanyile nobengawuvali umlomo ngegalelo lika Tyekana kwezobugcisa.
Ukufumana lembasa kuka Man B. ufika kanye emva kokukhupha umboniso bhanya-bhanya wake nobizwa ngokuba yi Rythm of the Street noboniswayo kwi Cinema eHemmingways.

Ngethuba uDumisani Khanyile ethetha kumsitho ububanjelwe eDrifters Raceway uthe uluhlu lwembasa efunyenwe ngulo ka Tyekana iyintsika ekwenzeni nawuphi na umboniso bhanya-bhanya.
"Icinematography ithwala iimvakalelo kwanentsingiselo nangaphambi kokuba amazwi okanye iingoma ziqondwe ngokupheleleyo," utshilo uKhanyile.
Ukwathe i-EVMA isekwe ngenjongo zokuphakamisa umgangatho womboniso bhanya-bhanya emculweni.

Ngethuba uTyekana echulumancile esamnkela elibhaso, uthe esi sisiqinisekiso esixelayo ukuba umsebenzi awenzayo uyabonwa.
" Oku kundibonisa ukuba iminyaka yokunyamezela nokusebenza inzima ayizange ibelilize. Ndiyathemba ukuba oku kuyakuvula amathuba amaninzi khbaculi abaseMpuma Koloni," utshilo.

Lo ka Tyekana ucebise namagcisa asekuhlaleni ukuba agcine ubungcali nentlonipho.

Ibali lika Man B liqhubeka ngokuba ngumzekelo wokuba amaphupha asekuhlaleni angakhula abeyimpumelelo xa ubani the wasebenza nzima .

21/12/2025
Izakuqhutywa ngolwesibini inkonzo yesikhumbuzo ka Lusanda Dumke, kwiholo iCity hall eMonti.
21/12/2025

Izakuqhutywa ngolwesibini inkonzo yesikhumbuzo ka Lusanda Dumke, kwiholo iCity hall eMonti.

‼️In loving memory of Lusanda Dumke

Memorial Service of our beloved Lusanda will be on Tuesday, 23rd December at City Hall, East London, BCM



MEC Sibulele Ngongo
Buffalo City Metropolitan Municipality

Zikhutshiwe lusapho iinkcukapha zokufihlwa kuka Lusanda Dumke.
17/12/2025

Zikhutshiwe lusapho iinkcukapha zokufihlwa kuka Lusanda Dumke.

17/12/2025

UMPHATHISWA WEZEMIDLALO U SIBULELE NGONGO UGQITHISE AMAZWI WOVEWANO KUSAPHO LAKWA DUMKE

UMphathiswa wezemidlalo, ulonwabo kunye nobugcisa eMpuma Koloni u Sibulele Ngongo ugqithise amazwi wovelwano ngakusapho luka Lusanda Dumke,nobengumdlali wombhoxo wabasetyhini odumileyo waseMpuma Koloni.

UDumke ibingumdlali obalaseleyo kumbhoxo weli wabasetyhini, nanjengoko ebedlalela iBlue Bulls kunye neqela lesizwe.

Lo mdlali waseMonti eMdantsane, usutywe kukufa izolo emva kokulwa nesifo somhlaza.

Umnyango wezemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni uthe igalelo lika Dumke ekukhuleni kombhoxo wabasetyhini kunye nokuzinikela kwakhe ekugqweseni, kuya kukhunjulwa ngentlonipho.

“Oku kukulahlekelwa okubuhlungu kuluntu lwezemidlalo. ULusanda Dumke ebengaphezulu komdlali wombhoxo, ebengumdlali okhokeleyo kwaye engumzekelo kunye neqhayiya leMpuma Koloni,” utshilo uMphathiswa uNgongo.

Usuku lokungcwatywa kuka Dumke luzakubhengezwa ethubeni lusapho.

PHUMLA NGOXOLO LUSANDA DUMKE

UNXUNGUPHELE UMZANTSI AFRIKA KUKUBHUBHA KUKA LUSANDA DUMKEUnxunguphele uMzantsi Afrika ziindaba zokubhubha komdlali opha...
16/12/2025

UNXUNGUPHELE UMZANTSI AFRIKA KUKUBHUBHA KUKA LUSANDA DUMKE

Unxunguphele uMzantsi Afrika ziindaba zokubhubha komdlali ophambili kwiqela lombhoxo leli, uLusanda Dumke.
Ezindaba zidizwe liqela lakhe iBlue Bulls ngentseni yanamhlanje.
Ubeyinkokeli yeliqela ukuqala ngowama-2023.

UDumke nobeyinzalelwana yedolophu Yaku centane ubhubha eneminyaka engama-28 ubudala, kwaye sutywa kukufa emva kokulwa nesifo somhlaza.

Iqela le Blue Bulls lidlulise amazwi wovelwano ngakusapho luka Dumke. Othethela eliqela uThando Manana uthe, "uLusanda ebengeyonkokeli nje kuphela kwe liqela, ebekwakhuthaza amalungu we liqela kunye nawoMzantsi Africa."

Usuku lokubekwa kwikhaya lokugqibela kweliqhawe luzakubhengezwa lusapho.

PHUMLA NGOXOLO LUSANDA DUMKE.

15/12/2025

KUBHUBHE ABANTU ABATHANDATHU, KONZAKALA ABALISHUMI ELINESITHANDATHU KWINGOZI YEMOTO.

Kubhubhe abantu abathandathu ngethuba kusonzakala abalishumi elinesithandathu, kungquzulwano lwezithuthi ezimbini kwindlela u T30 eNgqeleni.
Lengozi yenzeke emva kwemini izolo, phakathi kwesithuthi esiluhlobo lwekhombi nebesithwele abantu abalishumi elinesibhozo kunye nesithuthi esiluhlobo lwe Hundai,sona sithwele isithathu sabantu.
Phakathi kwabantu ebebekhwele isithuthi esiyi Hyndai, kubalwa nomntwana oselula.
Kutyholwa ngelithi ezizithuthi zingquzulene okweenkunzi zebhokhwe ze zavutha zombini.

Ingxelo zesebe lezothutho eMpuma koloni zithi phakathi kwabantu abathandathu ababhubhe kwesisehlo, kuquka abaqhubi bezizithuthi bobabini nabakhweli abane.

kutyholwa ngelithi ngenxa yobuzaza bomlilo, amanye amaxhoba abhubhileyo atshe ngamandla kwaye awasabonakali ukuba ngobani na.
Amaxhoba onzakeleyo abalekiselwe kwizibhedlele i Nelson Mandela Academic ne Mthatha General Hospital.

Othethela isebe lezothutho kwiphondo le Mpuma Koloni u-Unathi Binqose uthe,"Silisebe sihlab`ikhwelo kubaqhubi ezindleleni ukuba bahlale bevundlile ezindleleni,kwaye baqhube ngobunono."

Elisebe likwathumele amazwi wovelwano kwiintsapho wesisithwakumbe.
Kuvulwe ityala lokubulala ngokungenazinjongo kwisikhululo sabakwntsasana saseNgqeleni.

Namhlanje ibutho Lookhetshe lenze ugqogqo kwindawo ebizwa ngokuba kuse-Ezingonyameni,e Quigney e Monti ngalentsasa.Oku k...
15/12/2025

Namhlanje ibutho Lookhetshe lenze ugqogqo kwindawo ebizwa ngokuba kuse-Ezingonyameni,e Quigney e Monti ngalentsasa.
Oku kulandela ukubanjwa komnini walendawo ngokunxulumene nezityholo zokuthengisa abantwana abaselula.

UMNYHADALA WE BUFFALO CITY BEACH UNIKA ITHEMBA LOKUVUSELELWA KOQOQOSHO LWEMPUMA KOLONI I-Buffalo City Beach Festival ebi...
15/12/2025

UMNYHADALA WE BUFFALO CITY BEACH UNIKA ITHEMBA LOKUVUSELELWA KOQOQOSHO LWEMPUMA KOLONI

I-Buffalo City Beach Festival ebibanjelwe eOrient Beach Swimming Pools ngoMqibelo ibe sisiganeko esibalulekileyo esinempembelelo entle kuqoqosho lwalenginqgi, kwaye itsale inani elikhulu labantu abasuka kwiindawo ezahlukeneyo zeBuffalo City nakwiindawo ezingqongileyo.
Ubuninzi benani labantu ebebezokuzonwabisa kulomnyhadala ibe bubungqina bokuba imisitho yolonwabo inendima ebalulekileyo ekukhuthazeni urhwebo nokuvuselela uqoqosho lwaseMpuma Koloni.

Umnyhadala ubuququzelelwa ngusomashishini owaziwayo e-Monti, uManB nowenze kwacaca ukuba injongo ephambili ibikukudala amathuba oqoqosho, ingakumbi kubathengisi basekuhlaleni, amashishini amancinci kwakunye noluntu olujikelezileyo.
Abathengisi bokutya, iziselo kunye neemveliso ezahlukeneyo bakwazile ukwenza ingeniso ebalulekileyo, nto leyo ethe yaphakamisa umgangatho wokuphila kubaninzi babo.

Ukubanjwa kwalo mnyhadala kwakhona kutsale abatyeleli, nto leyo ekhuthaze inkxaso kumashishini ajikeleze ulwandle i Orient, kuquka iindawo zokuhlala, ezothutho kunye norhwebo lwasekuhlaleni.
Iingcali kwezokhenketho zithi imisitho enje ngale inegalelo elibonakalayo ekwandiseni ingeniso nasekudaleni amathuba emisebenzi.

Abaculi abadumileyo abafana noZuko SA, uBetusile Mcinga, uLindo Mtangayi ,uZakwe kwakunye nabanye abaninzi bongeze umtsalane kulo mnyhadala,besonwabisa abalandeli babo ngomculo.

Ngexesha ethetha noonondaba umququzeleli walomnyhadala u Man B uthe:

“Oku sisiqalo nje. Siyabulela kakhulu ngenkxaso esiyifumeneyo, yaye siyathembisa ukuba lo mnyhadala siza kuwuqhuba minyaka le.”

I-Buffalo City Beach Festival ithathwa njengenyathelo elibalulekileyo lokwakha uqoqosho oluzinzileyo eMpuma Koloni, ibonisa ukuba ukhenketho nemisitho yolonwabo zingaba zizixhobo ezinamandla zokudala amathuba emisebenzi, ukutsala utyalo-mali nokuphucula umfanekiso we-Monti njengendawo enokukhula koqoqosho.

 Ayaqhuba amalungiselelo wokuqala komnyhadala i Buffalo City Beach Festival, noququzelelwa ngusomashishini wase Mpuma Ko...
13/12/2025



Ayaqhuba amalungiselelo wokuqala komnyhadala i Buffalo City Beach Festival, noququzelelwa ngusomashishini wase Mpuma Koloni nobizwa ngo ManB.

Bayaphokoka abahlali abazokuzonwabisa kulomsitho.

Lisaqhuba.............

11/12/2025

Address

Mdantsane

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00
Saturday 09:00 - 17:00

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when IMonti News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share