IMonti News

IMonti News Eyes and ears of the Eastern Cape community

28/07/2026
KUBHUBHE ABANTU ABATHANDATHU KWINGOZI EMASIKIZI KU N2 KUFUTSHANE NE MOOIPLAASBafikelele kwisithandathu abantu ababhubhil...
28/07/2026

KUBHUBHE ABANTU ABATHANDATHU KWINGOZI EMASIKIZI KU N2 KUFUTSHANE NE MOOIPLAAS

Bafikelele kwisithandathu abantu ababhubhileyo kwingozi embi yendlela eyenzeke kwakusasa namhlanje ku N2 kufutshane neMooiplaas, ngaphandle kwedolophu iKuGompo.

Ngokwengxelo ekhutshwe liSebe lezoThutho eMpuma Koloni, le ngozi ibandakanye ukungquzulana okwenkunzi zebhokhwe phakathi kwemoto yohlobo lweVolkswagen Polo neRenault malunga nentsimbi yesixhenxe kusasa.

I-Renault ithe yabanjwa ngumlilo kwangoko emva kongquzulwano, nto leyo ekhokelele ekubeni umqhubi wayo, ekukholeleka ukuba ebengutitshala eQumrha Primary School, atshe de angabi sabonakala.

Abakhweli abane beVolkswagen Polo, kuquka indoda enye nabafazi abathathu, nabo basweleke kwindawo yengozi.

Ekuqaleni, iSebe beliqinisekise ukuba umntu omnye obekwimeko embi kakhulu usiwe esibhedlele eKuGompo City ukuze afumane unyango. Nangona kunjalo, emva kwexesha kuye kwaqinisekiswa ukuba lo wasetyhini usweleke kungekudala emva kokufika esibhedlele, nto leyo enyuse inani lababhubhileyo laba ngabathandathu.

Indlela uN2 isavaliwe ngelixa amaqela okuhlangula, okubuyisa izidumbu kunye nabaphandi beengozi besaqhuba umsebenzi kwindawo yesehlo. Abaqhubi beemoto bayacelwa ukuba baphephe ukusebenzisa le ndlela baze balandele iindlela ezizezinye kunye nemiyalelo yamagosa ezendlela.

ISebe lezoThutho eMpuma Koloni livakalise uvelwano olunzulu kwiintsapho nezihlobo babo bonke abasweleke kule ngozi imbi, lathi iinkcukacha ezingakumbi ziya kwaziswa xa sele zifumaneka.

24/07/2026

Ibinguphantsi - phezulu namhlanje eNgqushwa ngamagosa onyanzeliso mthetho kwanamaqumrhu karhulumente, bencedisana ukunyanzelisa umthetho nokukhusela uluntu.

Icandelo lokulahleka kwabantu nokuthengiswa kwabo libambisene nesebe lezengqesho, inkonzo yezothutho, Isebe lemicimbi yezekhaya(Immigration), ibhodi yentengiso yotywala, igunya bantu lezotshutshiso kunye nabakwantsasana baqhube ugqogqo kulengingqi.

Lamatile-tile akhokelele ekubanjweni kwabemi bangaphandle abangama-61 abangenazimpepha.
Abemi bangaphandle abafunyenwe nemipu engekho semthethweni.
Ukophula imithetho yezendlela nekhokele kumatikiti ali-12 axabisa ama R12 500.

Icandelo lokulahleka kwabantu nokuthengiswa kwabo lithi lizimisele ukukhusela uluntu, kwanokuqinisekisa ukjongana nengalo yomthetho kwabo bawophulayo.

***Ezinye zezinto ezifunyenwe ngamapolisa kugqogqo lwaseNgqushwa.
24/07/2026

***Ezinye zezinto ezifunyenwe ngamapolisa kugqogqo lwaseNgqushwa.

24/07/2026

Ezingenayo

Kubanjwe iqaqobana labemi bangaphandle elithengisa kwezinye zeevenkile ezizinze kwidolophu yase Ngqushwa namhlanje.

Amalungu akwantsasana aseNgqushwa ancedisana nalawo ase Tyhefu nase Moyeni ukubamba abababemi bangaphandle.

Ngelixesha kubanjwa legenge, kubonakale icandelo lezokufuduka nenkampani yoonogada I Viper advanced.

Liyaqhubeka...

23/07/2026

KUBANJWE OWASETYHINI ONEMINYAKA ENGAMA-60 NGEZITYHOLO ZOKUFUNYANWA ENEMFUYO EKURHANELWA UKUBA IBIWE.

Umama oneminyaka engama-60 ubudala ubanjiwe emva kokuba amapolisa efumene iibhokhwe ezisixhenxe ekurhanelwa ukuba zibiwe ngexesha lomsebenzi okhokelwe lulwazi oluqokelelwe ngamapolisa.

Ngokwengxelo ekhutshwe liSebe lamaPolisa loMzantsi Afrika (SAPS), amalungu eYunithi yeStock Theft yaseQonce ebambisene namapolisa waseZele, aqhube uphando ngoLwesithatu umhla wama-22 kuJulayi 2026, emva kokufumana ulwazi malunga neebhokhwe ekwakusithiwa zabiwa kummandla waseZele ngoMeyi walo nyaka.

Olu lwazi lwakhokelela amapolisa kwindawo yolawulo yaseLuxolweni, apho kwenziwa khona uphando kwaze kwafunyanwa iibhokhwe ezisixhenxe ekurhanelwa ukuba zinxulumene nelo tyala lobusela bemfuyo.

Lo wasetyhini ubanjwe waza wajongana nezityholo zokufunyanwa enemfuyo ekurhanelwa ukuba ibiwe kunye nokwamkela okanye ukugcina imfuyo ekurhanelwa ukuba ibiwe.

Amapolisa athi uphando lusaqhuba ngenjongo yokuqinisekisa abanini bemfuyo efunyenweyo kwanokufumanisa ukuba akukho bani na omnye obandakanyekayo kwesi siganeko.

Kulindeleke ukuba umrhanelwa avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseQonce namhlanje, uLwesine umhla wama-23 kuJulayi 2026.

UMkomishinala weSithili saseBuffalo City, uMajor General Christopher Wright, uncome intsebenziswano phakathi koluntu namapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho.

Uthe ulwazi olunikezelwa luluntu ludlala indima ebalulekileyo ekubanjweni kwabaphuli-mthetho, esongeza ngelithi amapolisa aza kuqhubeka nokusebenza namafama kunye nabanye abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba abo babandakanyeka kubusela bemfuyo bayabanjwa baze bajongane nomthetho.

27/04/2026

Ezingenayo

Kungquzulene okwenkunzi zebhokwe isithuthi samagosa endlela kwiphondo iMpuma Koloni kunye nebhasi.

Oku kwenzeke kuhola we ndlela u N2 kufuphi ne Jeffreysbay.
Iingxelo zesebe lezothutho kweliphondo zithi, okwangoku kusavaleleke igosa elinye lasetyhini phakathi kwesithuthi samagosa endlela.

Abeenkonzo zikaxakeka base kwindawo yexhwayelo ukuphonononga esisithwakumbe.
Iingxelo zikwadize ukuba, akukabikho mkhweli webhasi osadinga ukubalekiselwa esibhedlele kwangoku.

Lisaqhubeka......

Address

Mdantsane

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00
Saturday 09:00 - 17:00

Telephone

+27749409465

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when IMonti News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to IMonti News:

Shortcuts

Share