03/08/2025
Ibali elandichukumisayo was ndandibukele losisi elithetha kwi social media on tik tok,lo sisi wadibana nalomfana eqhuba ipolo emhlophe ekwindawo yokusela ,lobhuti athi kusisi ucela uthetha naye phandle nyani lo Sisi aphume naye bayohlala emotweni lobhuti azothi kuye uyamthanda ucela abeyintombi yakhe yaphendula intwazana isithi ayilunganha into yokuvuma umntu ube ungamazi Kodwa lamfana wenza ngandlela Zonke ukwenza intwazana ivume ukuhamba naye ,bahamba ke bayotsho apho umfana ahlala khona xa ehlika usisi emotweni othuke umzi walomfana ukuba haybo bhuti kulomzi umkhulu kangaka uhlala wedwa athi ubhuti ewe bangene endlini lentwazana izive isoyiki athi ubhuti makayekele igazi kusekhaya bafike kwigumbi lokulala lalobhuti bahlale bancokola bengaphantsi kwengubo Xa bezolala lobhuti aphakame ngokungalindelekanga aye kwindlu yangasese ikhwaze lentwazana imbuza ukuba uright na? aphendule ngelithi ewe abuye emveni kweyure enye kwakhona angahlali xesha lide aphinde abuyele endlwini yangasese ixesha elingangeyure intwazana yaqalisa ukoyika Xa ebuya athi kulentwazana ikhona into afuna ukumxelela Yona ibuze lentwazana yintoni leyo athi umfana azangoyiki ,uthwele kwaye ethwele nje uthwele ngamantombazana amhlophe ,yabe isoyika intwazana ngoba nayo inebala elimhlophe athi umfana isizathu soba ungafanga ungoyena uzakuba ngumfazi wam ngoba amanye amantombaza athandana nawo ayafa wathi umfana uzakumbonisa lamagumbi mathathu angavulwayo
1 .kwakukho isikhova
2 inyoka
3 imizimba yalamantombazana abhubhileyo
Wayengcwangcazela ke umntanabantu elila laphela kanjalo ibali
Ndizive/ndifunde ukuthemba ilitye kunomntu kwaye ndazixelela ukuba akubalulekanga ukudibana nomntu ongamaziyo kwindawo ezifana nezikroxo zotywala
•ndafunda okokuba inyani ibalulekile ngoba umfana akazanga ayifihlele lentwazana