Gqeberha News Update

Gqeberha News Update News in and around NELSON MANDELA METRO daily
(1)

12/05/2025

Amapolisa ase Gqeberha angqinile uba ngumntana onenyanga eziyi 18 othe watshona kwi swimming pool e Lovermore heights ngolwesihlanu,ngokwengxelo esuka kwisithethi samapolisa ase Gqeberha u Andre Beetge ithi,amapolisa aye afumana umnxeba ngentsimbi yesixhenxe,nalapho umntana ebesebalekiselwe kwisibhedlela sase Greenacres hospital kodwa engasekho,amapolisa ase Walmer aye axelelwa uba lomntana ubalekiselwe nge Ambulance ukuze azofika esibhedlela

06/05/2025

Amapolisa ase Gqeberha athi ngamadoda amahlanu angene ambonzeleka kwisakhiwo sokhonzela ze arobha ebamba inkunzi abantu abangaphaya kwe 50,ngokwesithethi samapolisa u Andre Beetge uthi,ngokuhlwa kwangomvulo kwindawo ebizwa nge Betherlsdorp,kungene amadoda amahlanu kwinkonzo ibiqhuba ze alalisa abantu ngezisu nalapho bathe baxuthelwa I phone zabo,ze amadoda lawo abaleka ngemoto yomfundisi eluhlobo lwe Toyota Rav4 nethe kamva yafunyanwa ithwe tya e Chatty

ziyakhala eGqeberha😳😳😳
05/03/2025

ziyakhala eGqeberha😳😳😳

Lifikile eloxesha apho inkokheli zemibutho izathi bhazalala ikhankasela imibutho yayo,ngeminye yemibono esizakuyibona le...
13/09/2021

Lifikile eloxesha apho inkokheli zemibutho izathi bhazalala ikhankasela imibutho yayo,ngeminye yemibono esizakuyibona le ikwi foto kwezindawo izabe ihamba ezinkokheli

Vaccination sites  zale weekend
11/09/2021

Vaccination sites zale weekend

30/08/2021

Amapolisa alibhengezile igama lomntu wesibini nothe wasweleka kwingozi ebiquka uSodolophu wale Metro uMnu Nqaba Banga, ngokokutsho kwesithethi samapolisa sithi lo uswelekileyo libhinqa elineminyaka eyi 44 negama elingu Nonzwakazi Maho,lengozi yenzeke kwindlela engu R75,kanye kwi corner eyi St Leanord kunye ne Uitenhage Road,nalapho uhlobo lwemoto oluyi Audi lingqubene nohlobo lwemoto oluyi Mercedes Benz ngo 23:30 ebusuku,abantu ababini ebebekhwele kwi Audi baye baphulukana nemiphefumlo yabo kulengozi,ze obekhwele kwisithuthi esiyi Mercedes Benz nongu Sodolophu uye wonzakala, ngokokutsho kwamapolisa athi ayayiphanda lengoz,izolo uMnu Nqaba Banga ebesenza utyando nanjengoba ophele ngaphakathi

Kucholwe ID BOOK ka Siyanda Jutshana ku Jikeleza, ingxelo ka driver ithi uhle  e police station endala kuba ebezakhwela ...
30/08/2021

Kucholwe ID BOOK ka Siyanda Jutshana ku Jikeleza, ingxelo ka driver ithi uhle e police station endala kuba ebezakhwela Avanza eya e location,nabani na omaziyo anga fowunela le number ingu 0838814582,inzame zoba akhangelwe ku Facebook ziwe namthanyana nanjengoba egqibele kudala ungena ku Facebook

Umbutho ophetheyo kwelizwe i African National Congress (ANC)icela kwabo banofaka isandla kwingxowa yabo abayibiza ngokub...
30/08/2021

Umbutho ophetheyo kwelizwe i African National Congress (ANC)icela kwabo banofaka isandla kwingxowa yabo abayibiza ngokuba yi ANC CROWD FUNDING, ngokokutsho kweli qela lesizwe kwikhasi labo bathi abo banganazo intsiba bayacelwa uba benze njalo baphose lonto banayo

Kubonakele amajoni ezulazula kwizitalato zase Motherwell ngalentsasa,kwabo bawabonileyo bathi ebehamba nje kungekho nto ...
26/08/2021

Kubonakele amajoni ezulazula kwizitalato zase Motherwell ngalentsasa,kwabo bawabonileyo bathi ebehamba nje kungekho nto ayenzayo

Ngalentseni yanamhlanje ono Taxi base Plettenberg bay bebevale indlela engu N2 bengavalumeli nanye imoto igqithe,ingxelo...
24/08/2021

Ngalentseni yanamhlanje ono Taxi base Plettenberg bay bebevale indlela engu N2 bengavalumeli nanye imoto igqithe,ingxelo ithi bebekhalazela imali yabo ye Covid19 abangakhange bayifumane ku Rhulumente

24/08/2021

Omnye wabalandeli​ bethu usibhalele ngalentsasa ecela uncedo nakubani ongamnceda uthi ulambile akananto yokutya seyizintsuku imeko imbi kuye, kodwa uthi kuyo yonke lonto ucingela usana lwakhe oluncinici uthi ukuze libenento esuswini ulinika amanzi lincance wona,yena akanangxaki ingako uyanyamezela sicela nabani na ongahle ancede esi sibini uba anxulumane nathi thina sakumdibanisa naye,uSisi use Wesley estate ngokuhlala SIYACELA SIYABONGOZA NABANI NA ONENTO ANCEDE LOMZALI,ASIBHALELE ECALENI OKANYE KWI COMMENT BOX

24/08/2021

Amapolisa afumene indoda ibhubhile ngentseni yangomvulo
Ingxelo esuka emapoliseni ngomlomo ka Sgt Majola Nkohli ithi,amadoda amabini ebephikisana malunga nesiko lokwaluka,ingxelo ikwathi kulompikiswano kuye kwaxatyelwa indoda eneminyaka eyi 22 ze yafunyanwa ibhubhile kwisitalato sase Bheshebha e Kirkwood, amapolisa athi kubanjwe indoda eneminyaka eyi 28 ze kwafunyanwa nesixhobo eso sisetyenzisiweyo,indoda leyo izavela kwinkundla kaMantyi ngomso

Address

Port Elizabeth

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Gqeberha News Update posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Gqeberha News Update:

Share