11/10/2026
NKWENKWEZI.
34.
Ngosuku olulandelayo kuzovuswa uAmahle ukuba makalungise kuzohanjwa kuyiwe kaMakhelwane bavele bavusa nathi kengoku phofu ibiyimini yokuphekwa kwezidudu zotywala sivele savuka sayohlamba ubuso namazinyo ndondlula kulebed bendilele kuyo no Sanelisiwe kunye no Buhle ibinkulu kwaye besisonela uAmahle ebelele nabantwana bakulo Sanelisiwe no Bahle siye sancedisa ukubasa eziko ngeloxesha uAmahle ebehambe nabanye obhuti abathathu bebezalana apha ekhaya ukugqiba kwethu ukuncedisa ubasa sayongena endlini siyozizamela into yokutya besisebusy no Sanelisiwe kwafika Abantwana bakowabo.
The girl : Siwe kutheni lomntwana engafuni ukudlala nathi simenze ntoni?
Sanelisiwe : ubani?
The girl : ugirl.
Mna : uBahle wayethe akadlali nabantu angabaziyo benimxelele amagama wenu?
The girl : hayi.
Mna : ukuba ningamxelela nje amagama wenu uzodlala nani andimazi nam ukuba kutheni enjalo.
Sanelisiwe :(uhleke kancinci) inoba ucinga ngoba bazomgezela.
Mna : ngabantwana wethu akukhonto izokwenzeka kubo.
Sanelisiwe : ohh.
Ukugqiba kwethu ukwenza ukutya sibabizile satya sonke ndahlamba izitya sayococa kulandlu silala kuyo ungenile emva kwexesha uAmahle ezosula inyembezi.
Buhle : Kwenzeka ntoni amahle??
Amahle : cwaka.
Sanelisiwe : hayibo amahle ntombazana kuqhubeka ntoni ngawe wabuya ulila ?
Amahle : uMvelo usiphikile isisu.
Mna : Amen.
Sanelisiwe : yho!!
Buhle : Asozeee!
Amahle : usiphikile guys , usiphikile ndizokwenza kanjani kengoku kuba umama uzondingxolisa.
sithe singekathethi wangena umama wakhe ufike wajamela uAmahle.
Nokuzola : uyabona into osifake kuyo amahle??siyinto yokuhlekisa ngoku kulelali ubufuna ntoni endodeni endala kunawe?
Amahle : ndicela uxolo mama.
Nokuzola : ucela uxolo??ucela uxolo??umncinci kangaka Amahle uhamba usihlaza lento iphikiweyo kengoku ucinga ukuba izokondliwa ngubani huh?izinto zokondla umntwana zizokwehla phezulu ndiyakuzonda wena usisiqalekiso ebomini bam.
Amahle : mama.
Buhle : kodwa malumekazi ayondlela yokuthetha le uthetha ngayo uthi sisiqalekiso kanjani umntwana ,umoshile uAmahle uyambona uyazisola kengoku uzomthuka kude kubenini?kutheni lento unje
Sanelisiwe : hayi noko uya ngamandla kengoku ayizizo izithuko bekufanele ukuba uzithetha emntwaneni.
Nokuzola : nizele ninaa??yitshoni kaloku ukuba ndizofundiswa nini ukuqeqesha Abantwana ningakulinge nindiqhele kakubi mna niyandiva?
Mna : yho!
Nokuzola : ikhona into ofuna uyithetha nawe Entle wena mntu uzibona engcono kunaye wonke umntu apha ekhapha???
Mna : khange ndithethe nothetha kodwa uyandigxamvula ,nguwe kaloku umntu ebezibona ubungcono apha ekhaya xa ijika nawe ngoku into uzosigqagqanisela sonke ayizuhamba kanjalo kaloku Sisi wawuthe uyakwazi uqeqesha sisi sukhuphela ingcwangu yakho kuthi ngewuqeqeshe umntwana wakho uphume kuthi.
Khange athethe usuke wathula nje ukugqiba kwakhe waphuma uye waphuma uBuhle no Sanelisiwe kuba bebebizwa phandle.
Mna : Ndingakuphathela into etyiwayo Mahle?
Amahle : hayi Entle ndihluthi.
Mna : uxolo ngayo yonke into ethethwe ngumama wakho ndicela uxolo nyani uyayazi siqhele ukulwa kodwa ibingeyiyo indlela yokuthetha nawe kanjeya nawe uxolo Amahle uyeva.
Amahle : umama uyandizonda Entle.
Mna : suthetha kanjalo torho amahle yonke lento izodlula umntwana uyakwazi ukukhula ngaphandle koyise mna nabantwana basekhaya singumzekelo walonto kungcono bona bayamazi kancinci utata wabo mna owam wandibaleka ndingekazalwa kanje ngobhabha so yonke lento izodlula ndiyayazi usava kabuhlungu ngoku ungakhala kodwa ndithembe izodlula yonke lento.
Amahle : izodlula ukuba ndandik*mamele Entle ngendingekholapha ngoku xa kukho umgidi apha ekhaya ndizawube ndijongiwe abantu bazojongisana ngam bahleke why mna?
Mna : suyifaka kakhulu lonto engqondweni Amahle ndicela undimamele torho uzobaright.
Amahle : ndicela ukulala Entle.
Mna : Kulungile ndizohamba ndiyoncedisa phandle mna.
Amahle : okay .
Ukhwele ebhedini ,ndaphuma ndiyoncedisa phandle sisenza imisebenzi ebesiyalelwe ukuba siyenze emva koko saphakelwa ndithathe iplate ndiqonda ukuba mandiyonika uAmahla kudala kusile kaloku kwaye akakaphakamisi necephe namhlanje ndifike ndavula ndabeka iplate etafileni ndaya kuye ndiyomvusa.
Mna : Amahle vuka torho uzotya.
uye wathula wathi cwaka ndivele ndabuyelwa zingqondo zangalamini ndandivusa umama kanti uswelekile ndiye ndamtyhila uAmahle ebebile xhopho emanzi ndamdlikidla ebevuma wonke.
Mna :(ndatswina) hayi hayi hayi!!Amahle ncedani!!
Ndikhwaze ndenjenjalo bakhawul*ze bangena kwangoko abantu umakazi umtyhile ingubo ebenegazi kucaca ukuba liphuma emazantsi.
Nomakhosazana : oh kodwa Amahle wenzeni.
“ingathi ebezama ukukhupha isisu nje ”
Sikhawul*ze sajonga usanelisiwe ebephethe iphepha lepilisi.
Nokuzola : hambanobiza uMongezi aleqise umntwana esibhedlele bethunaa.
Utsho ephuma ngokwakhe ebaleka ndizame ukuvusa uAmahle kodwa ebengaphenduli kodwa intliziyo yakhe ibisabetha ngamandla.
Mna : usaphila bethuna masimsongeleni kakuhle simfunqule.
Benze ngalendlela ndibaxelela ngayo sabambisana ngaye siyomfaka emotweni ka malume kwakhela no mamakhe yaduma imoto yemka ndivele ndalila mna emva kokuba kutshonele imoto uye wandanga uBuhle ezama ukundithuthuzela.
Likes!share!comments!react!invite!❤️❤️❤️++