11/11/2025
Bhalisa iziko lakho le-ECD namhlanje!
ISesame Workshop, ikhaya leTakalani Sesame ibhiyozela iminyaka engamashumi amabini nesihlanu ngokumema bonke ootitshala ukuba babhalise amaziko oPhuhliso lwaBantwana abasaQalayo (ECD) kwiSebe lezeMfundo eliSiseko SIMAHLA, ukuqinisekisa ukuba iziko lakho lifezekisa yonke imiqathango yelizwe kwaye libonelela ngendawo ekhuselekileyo, nelungele wonke umntwana. UMphathiswa weSebe IeMfundo esiSiseko, uMphathiswa Siviwe Gwarube, uthi oku kuyinxalenye yokubeka abantwana phambili kananjalo nokubakhela isiseko esiqaqambileyo nesomeleleyo, ngokubambisana! Ngoko ke, nokuba une-crèche, ipre-school okanye iafter-care enabantwana abasixhenxe nangaphezulu, ubhaliso lunyanzelekile.
Ndwendwela apha https://user-registration.dbecares.gov.za/ ukuze ubhalise iECD yakho namhlanje.