22/12/2023
INSERT 74
Mna:"mhm akusanuki kamnandi sana ndase ndalamba kakhulu"
Uye wayeka lento ayenzayo weza k*m fike wandanga emva koko wandincamisa wasuka
Sipha:"uvukeleni ke ngoku hayi uyakwazi umkhupha umntu emdleni"
Mna:"nawe nje khange utsho ukuba ndingavuki uba ubutshilo ngendingazanga,ndiyahamba ndibuyela ezingubeni."
Uye wandijonga wancuma
Sipha:"Hayi bbe hlala phantsi sele ku ready ukutya i breakfast in bed ndizoyenza ngenye imini"
Ndiye ndahlala phantsi ke nam uphakile ke uBhutiza satya okukutya kwakhe kungena ncasa kubhetere oku akufani nokuya kwakuqala wayekuphekile wayekupheke kunetyiwa enintsi kutshe notsha.
Yhoo phambi koba ndilibale sineveki ezimbini sibuyile e Durban kwak*mnandi bethuna andifuni ungatsho kwakungekho nesiphazamisi ndabuya noko ingqondo ikhala umoya iyacaca yinto ekwakukudala ndiyifuna. O kwicala lika Siphamandla no Phumzile baxolelana i bond iphinde yangamandla waye wathi ke u Phumzile uyekile undijonga ngenye indlela ngoba uyabona ukuba ukhathaza iwele lakhe andimthembi ke mna.
Sityile emva koko ndavasa izitya ke mna yena wayovasa kuba mna besele ndivasile. Ndithe ndogqiba ndayohlala kwigumbi lokuphumla ndabukela i tv. Uzile ke e fresh enuka kamnandi wafika wahlala ecaleni kwam wabeka intloko yakhe emathangeni wam wajonga kwi tv. Kuye kwavuleka umnyango wangena sana u Phumzile unayo ke lonto akanqonqozi xa engena apha.
Sipha:"Bafo sele ulapha"
Utsho esiya kuye
Phumzile:"Yhuu uyamncanca umfazi Bafo"
Sipha:"Ngowam lomfazi ndimncancayo ngendisiva ukuba uthethela enye into "
Phumzile:"Ndiyavuma ngowakho kodwa uyayibaxa mani yhoo"
Baye bahleka andiyazi nehlekisayo kulento yabo okanye ndiya bhora na?
Uye wahlala phantsi
Phumzile:"Molo mfazi wakuthi"
Mna:"Molo Bhuti "
Sipha:"Kushushu kamnandi ke namhlanje khawubambe nantsi ebandayo"
Ndiye ndajonga lo umnyama ungu Siphamandla.
Sipha:"bbe sude undijonge kanje ibizezokugqibela uyeva khange ndizithenge"
Phumzile:"ingathi le i pregnancy izodika xa ingafuni notywala obu"
Sipha:"Iyhoo Bafo suyithetha ingathi akade azale"
Mxm ndibajonge nje ndaphakama ndayothatha i ice cream ndayohlala phandle ndayitya. Ndithe ndisazihlelele yeza i chom yam ithethela phezulu ndiphakame ngoko ndamkhawulela sahagana ixesha elide noko bendimkhumbula lomphefumlo uvele wandisusa ndisathe nca kamnandi kwesisifuba sakhe somileyo hahaha
BUHLE:"Yhuu undenzela nje isifuthu-futhu khawusuke k*m, ude uthi folokohlo esifubeni sam ingathi awunandoda kodwa unayo"
Mxm
Mna:"Yehake caba ndimkhulu na"
Uvele wandijonga
BUHLE:"Awuziboni ukuba ungakanani na wena ingathi uyi Hippo chomi"
Hayibo uyaphosa bethuna noko esi isisu sindiphethe kakuhle andikhomkhulu tuu qha uphethwe kukusa lomntwana
Mna:"Mxm"
Uye wahlala phantsi naye emva koko wakha kule ice Cream
Mna:"Kunini mane ndijika kwakho ubaphi na"
BUHLE:"Hayi kaloku chomi ndiyajola mna bendisajongene nomntu wam. Heee yesana ndifuna ukubalisela ukuba umama ufumene indoda ndifike ephaya endlini izozenza utata ekhaya awunayo i beer ndithobe eligaqa lilapha k*m"
Mna:"Sisendlini chom yima ndiyokuthathela"
Ndiye ndaphakama ndayothatha le beer ndifike emaninzi ama empty kesana kodwa kuthwa utywala abukho sendlini ndithathe i carry pack eyi1 ndaphuma nayo khange bandihoye sana bebethethela phezulu ndibuyele kwi chomi yam ndamnika
Mna:"Ke lonto soloko unezigaxa sana mntase umbhaqe nini ndenziba awuhlali phaya wena uhlala kwakho"
Buhle:"chomi bendiyobona umama xa ndifika akekho kukho inkothovu yexhego elinentshebe mna ndimcingele kobhuti bakhe aba ndingabaziyo kanti hayi sana sisinqandamathe sakhe"
Hahaha
Mna:"Kutheni ingathi awufuni nje masiyogxotha"
Buhle:"ndimgxothile mna kaloku ebezama undiqobisela mos ufuna ndimbize Tata xa engubani ndingathi ndingamazi utatam
ndizothi Tata kuye undikhuphele imvubu caba ebezandibetha xeim"
Mna:"hahaha ngoku uligwala unje noba wenze njani"
Uvele wandibetha
Buhle:"ndikhwaze umeza kaloku bandincedisa andabisabethwa ndamgxotha wathi saa emva koko esacingafansa akhonento oyinyubayo. Umamakho kesana ukhethe indoda kunam uthi ndingaphinde ndiye kwakhe ngoba ndiyaqeqesha mna"
Hahaha
Sincokole ke wade wahamba ndabuyela endlini ndafika ecoca xeim umntu wam enxile enjalo mna ndiye ndapheka umphokoqo uthe wovuthwa ndaphaka ke satya
Sipha:"Yazi bbe u Phumzile uthi uyahamba apha e kapa"
Ndiye ndamjonga ke so ufuna ndimbuze ke ngoku
Mna:"uyaphi?"
Sipha:"Gauteng sele emfumene nomsebenzi umntana ndithe makamshiye apha kuthi kuba sele eqhele oo Baphantsi ayongxaki mos noba angashiyeka"
Mna:"No bbe akho ngxaki angamshiya nzomhoya ngoba bazazohlala nathi kodwa lonto ixhomekeke emntaneni ba uyafuna na ukuhlala nathi"
Uvele wanvuma watya ke wagqiba emva koko waqokelela izitya mna ndazihlamba noko ebengazozihlamba enxilile ixesha lona belisavuma bekusemini uye wayolala yena mna ndayophumla phambi kwetv ndasose ndabukela buzekamnandi ubuthongo k*m ndavele ndalala. Ndothuswe ngu Siphamandla endincamisa ndivukile wandinika i pizza
Mna:"Phelile umphokoqo?"
Sipha:"Hayi bbe qha ndonqene ukunika wona usuke ufuna i pizza "
Mna:"Kuphi okwakho?"
Sipha:"Ndisahluthi mna .sele nditixile xa ugqibile uzuzolala va ndiyakuthanda mkam"
Mna:"Oky nam ndakuthanda "
Undincamisile wahamba ndashiyeka ndisitya emva koko ndakhe ndahlala emva koko ndayovasa ndanxiba iimpahla zolala ndayongena egumbini lethu lolala ndafika elele ndamombathisa kakuhle ndalala phoff ubuthongo abukho ke ndiguquguquke ndizama uvusa lo andihlalise wase akavuka ndiye ndacimela ke ndazilalile bude bandiquka ubuthongo ndalala.