Ubomi buka Aphendule

Ubomi buka Aphendule Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Ubomi buka Aphendule, Digital creator, 1053 Matshikiza Street, Queenstown.

30/03/2026

HE PROVED MY WEAKNESS
CONTINUE
Ngu 6pm ngoku ixesha ndilungiselela uya emsebenzini. Ndithe xa ndigqiba ndafowunela u Tukelo ba makazondithatha ndiphangeliswa nguye namhlanje. Ebevaka ke ba uyavuya ke ukundiphangelisa. Ndithe xa ndiphuma ekhaya bendiyibona imoto yakhe imise kude nakunasekhaya. Ndiye kwimoto yakhe ndafika ndavula icango ndangena.

Tukelo:"Jonga ndiyayazi ba undiqumbele kodwa bendifuna ubone baa ndikukhathalele andifuni uhlale usebenza e spur. Ndicela singalwi ngalento".

Ndathula.

Tukelo:"Ndiyakucela".
Mna:"Wenze njani"?
Tukelo:"Ndenze I research ndagcwalisa I form. Silinde nje impendulo ngoku".
Mna:"Uzifumenephi kaloku ii details zam"?
Tukelo:"Ayinamsebenzi leyo into enomsebenzi apha yileyokokuba kulonyaka izayo uya e University uyogqibezela I degree. Ukuba awufuni ke ndicela wenzele umamakho. Uya ubamdala Tigress alikho ixesha lolinda into ongayaziyo. Nomamakho akabikho mncinci uyakhula angasweleka, myeke akhe akonwabele. Ndiyayazi ba ungayenza lento".

Yhoo xa sithetha inyani unyanisile kodwa yena mxxm hayi wethu mandimyeke ndidiniwe nnakuqumba.

Mna:"Kodwa Tukelo iyafana andizokwazi u*ibhatalela".
Tukelo:"Yiyekele k*m lonto . Into omawuyenze kukuba mna no Mamakho siziqhenye ngawe. Khawufane ucinge kuleminyaka mibini izayo uzobayi auditor okanye accountant.

Ndancuma.

Mna:"Enkosi ndizokwenza njalo".
Tukelo:"Ndiyayazi".

Umise e parking lot sagxidika sobabini. Ume ecaleni kwemoto woyama nge bonnet wanditsalela kuye wajikelisa iingalo zakhe kwisinqe sam. Andisalwi ke ngoku ngoba iyafana unamandla amanintsi.

Tukelo:"Uzondikhumbula Mo's"?

Ndancuma.

Mna:"Andiyazi. Kufuneka ndikukhumbule na"?

Wancuma.

Tukelo:"Ewe henna".
Mna :"Ingxaki andiyazi ukuba ndizokhumbula ntoni. Awukandiniki sizathu sokukukhumbula".
Tukelo:"Yima ke ndikunike isizathu okanye khawume ndikubonise.

Undibambe isilevu wandincami ndamncamisa mna kuqala. Andikhathalelanga noba sijongwe ngubani. Qho xa sincamisana ndivele ndibengathi ndikwelam ilizwe. Indlela andibamba ngayo nendlela ashuk*misa ngayo imilebe yakhe iyandimangaza. Ebekade ephi kuyoyonke leminyaka.

Undiyekile.

Tukelo:"Ndifuna ubengo wam. Ungowam phof. Ndifuna ubengowam forever".

Undi hug.ile wandiqinisa.

Mna:"Nam"

Yima Yima woaawh! Hayibo ndiim Lo uvumayo? Hayi mani andim lo ebethetha. Okanye Yi kiss le indenza ndibene siyezi. Ndinalemizwa yoba ndiingabhubha xa enobamba omnye umntu ngalendlela andibamba ngayo.

Tukelo:"Ndingowakho".
Mna:"Ndicela uzungandiphoxi ndikuvulela intliziiyo yam ndiyakucela".
Tukelo:"Asoze babe".

Undincamise esibunzi.

Ndacinga lane kufuneka ndiphangele. Ndimyekile ndaya ndathi bye ndahamba. Benkungekho lula umshiya qha phi ke kufuneka mntu ephangelile.

Tukelo:"Tigress"!

Ndijikile ndamjonga. U blow u kiss wa wink.a ndithathe lo kiss ndambeka entliziweni yam . Wahleka.

Ndingene ngaphakathi ndanxiba I uniform yam ogqiba kwam ndayohlala ne colleagues zam ngoba si early. Wonke umntu okwi night shift ukhona ngaphandle ko Siya no Emihle. Bebekwi date shift. Hee no Palesa ulapha.

Pearl:"Yee Ntombi khandivasise emanzini wakho".

U Pearl ngomnye we colleagues zam. Ndimjongile ndibhidekile.

Pearl:"U Boniswa usixelele ba ukubone e parking lot kunye no big boss nincamisana".

Hayibo uthetha ngantoni ngoku u Pearl mna bendincamisana no Tukelo andiyazi eka big boss.

Pearl:"Uqale nini khona wena ukujola ngoba ungoyena ushumanekileyo apha".
Boniswa:"Wenzenjani"?
Mna: Andenzanganto"
Boniswa:"Hayi ikhona into oyenzileyo wena . U big boss pho? Lamntu umhle ukodlula u Mohammed".

U Mohammed ngu store manager. Kutheni indento ethi bayamazi u Tukelo".

Mna:"Nimazelaphi"?
Pearl:"Yehake Olu sothini singamazi nguye ophethe apha I shares ezinintsi zezakhe".

Uphethe ntoni ? Hee andiyikholelwa kengoku le. O ndiyayibona ke ngoku ba kutheni ezifumene lula inkcukacha zam iyabonakala ukuba u*ithathe apha bekutheni zendingayicingi nje lonto.

Pearl:" Ungandixeleli ukuba ubungayazi".
Mna:"Bendingayazi".
Palesa:"Nothetha ngantoni kanti xa nihleli nobabini? Kungenzeka ungomnye walamantombi awadlalayo ufuna ukudlala akushiye apho. Khange akuxelele ngoba akakuthembanga. Ndiyawazi lamadoda A
afana naye".

Ndivele ndaphakama ndahamba. U Tukelo inintsi into ekufuneke eyicacisile apha.
U Tukelo ebethe zendimfowunele xa ndiphuma emsebenzini. Noba kungobani ixesha uzoza. Ndingumntu wakhe yonke into endiyifunayo ndizoyifumana. Ngoku lixesha lophuma ngu 00:00am. Ndikhuphe I fowuni ndamfowunela akayibamba. Ndamphinda akayibamba . Uzoyimba sekukudala ndizama yho.

Tukelo:"Yes"
Mna:"Iphelile I shift yam".
Tukelo:"Eish okay ndiyeza".

Ucime I fowuni. U Tukelo into endiyiqapheleyo kuye akakwazi u bhabhayisa wasoloko ecima I fowuni ingathi nguye obefowunile. Andikambu*i lento yakhe yokuba ngu Big boss ndifuna umbuza xa ndimbona. Ndilinde into engange 15 mins ndabona imoto yakhe ingena e parking lot. Ndiqokelele izinto zam ndayakuyo. Ndingenile ndambulisa ndajonga efestireni.

Tukelo:"Akho nalo kiss yhoo khange ndimkhunjulwe apha".

U start imoto yahamba akhonomnye umntu othethayo kukhala umculo qha.

Tukelo:"Okay ndenzentoni ngoku"?
Mna:"Awenzanganto".
Tukelo:"Ndiyayazi kwabe ujonge efestireni ikhona into endiyenzileyo ".

Ndathula.

Tukelo:"Awuzothetha"?

Ndathula.

Tukelo:"Okay".

Wenze I U turn waphuma elokshini. Yintoni ngoku"?

Mna:" Undisaphi"?

Wathula. Unyuse I volume yomculo wase wacula. Sise Sandton ngoku. Icacile Siya kwa Mokoena. Andiyikholelwa ke le . Umise imoto wagxidika wanditixela ngaphakathi wayongena endlini. Hee Uyagula lo. Ndimfowunele wayibamba.

Tukelo:"Oluvayo".
MnA:"Unditixelele ngaphakathi emotweni yakho".
Tukelo:"O nyani? Bendicinga ndihamba ndodwa mna kuba bendibona ungandiphenduli ngoku bendithetha nawe".
Mna:"Ingalonto Kanti lento"?
Tukelo:"Ewe".
Mna :"Okay Vula imoto ndizothetha".

Ndive u peep kwalayita nezibane zemoto.

Mna:"Enkosi".

Ndigxidike emotweni ndayongena endlini ndifike esela I beer. Hayibo nyani ngelixesha? Mandingathethi nto ngoba uyabonakala ba unomsindo.

Mna:"Ndicela I apile".

Uye kwi fridge wakhupha I Apile walihlamba wandinika. Sijongene ke ngoku akhomntu uthethayo.

Tukelo:"Uzothatha okanye"?
Mna:"Kutheni ungandixelelanga ukuba ungu mphathi wam".

Hee wase wabhideka ngoku

Tukelo:"Umphathi wakho"?
Mna:"Ewe apho ndisebenza khona".
Tukelo:"O lonto Modimo. O yilento unomsindo wayo le Oluvayo"?
Mna:"O so awuyicingi ukuba ndinelungelo lokuyazo kuba ungu boss okanye awundithembi ngoku"?

Yeah .

Tukelo:"Ehh Bathong ibingeyiyo lonto. Bendifuna undithande ngaphandle kwezinto endinazo".
Mna:"Kodwa ngewundixelele".
Tukelo:"Unedrama yazi"
Mna:"okay ndicela undigoduse ngoku sigqibile uthetha".
Tukelo:"Andifuni ndiyolalamna ngoku".

Utsho ebeka I empty le beer wahamba. Bekutheni Na uThixo aze andenze ndithande lomntu uyagula lo xeim. Ndimlandele ndifike elele ebhedini ucime nezibane. Ndisilayitile ke mna.

Mna:"Ndiyakucela umama u*ikhathazeka".
Tukelo:"Uyayazi uphangele"?
Mna:"Ewe".
Tukelo:"Uyalazi ixesha lophuma"?
Mna:"Ha.a"
Tukelo:"Lala ndizokukhapha ekuseni".

Ndikhwele ebhedini ndalala uye wandin cuddle Salala undivuse ekuseni ngo 4am ndahlamba ubuso ndanxiba iimpahla Zam ndenzelwa ukutya ndatya ndahamba. Si late sileqa u 6. Ndifike ekhaya u Zintle esitya e kitchen umama usalele nam ndiye ndayoziqutha ndalala

30/03/2026

HE PROVED MY WEAKNESS
INSERT 8
Bendine mini ende okanye mandithi ubusuku obude. U Tukelo ndimazi into engangeveki kodwa sendimthanda kakhulu. Qho xa sifumene ixesha siyancamisana asikayiniki gama ke le siyenzayo. Ayindimanga lo . Azange ndabalula kanje kwamanye amadoda. U Tukelo ngumntu wokuqala uk*myeka andincamise,andihage aphinde andibambe ngelihlobo andibamba ngalo. Kumjolo endandikuwo ndandingafuni uncanyiswa ndinga haga qha.

Okanye Ndimthanda kuba enemali hayi asoze umama wandikhulisa kakuhle. Hee u Tukelo akayeki ukundimangaza yazi. Umnkile wabuya ne jean ne crop top wathi mandinxibe akafuni ibonakale ba andilelanga kulo Siya. Ndizamile umbuza ukuba uye wathini k*mama. Use wathi ukuba ubu*ile uMama ukuba bendiphi ndithi kuye ndilele kulo Siya.

Khange ndikwazi nozinza kulendlu oko ndizama ucingana nento eyenzeke izolo. Ndiyayazi akandidlwengulanga okanye andigalelele iziyobisi kodwa ayifani nam into yovele ndilale ndilale umntu endincokolela. Undigodusile wamisa kude nakunasekhaya.

Mna:" Tukelo enkosi ngobusuku bayizolo bek*mnandi".

Ndimjongile wancuma.

Tukelo:"Ndim ofaneluba uthi enkosi kuwe Tigress. Undinike ithuba lokubonisa ukuba andingomntu ombi".

Ow hayike unyanisile ke kwelicala hayi bendimjonga ndingxamile ngokuy hahaha.

Mna:"Uzoyeka nini undibiza Tigress"?

Wahleka.

Tukelo:"Ndizoyeka mhla waze wayeka uzenza iraki, ukuthetha nje nam, wayeka inkani okukugqibela ndizoyeka mhla wayeka ukulwa imizwa onayo for mna".

Ndajonga ecaleni. Hee ndiyabonakala ukuba ndiyamthanda na? Ndiyazazi ndinayo imizwa yakhe. Kodwa ndiyoyika u*inikezela.

Mna:"Yehake khoyeke u*ixelela wethu Tukelo andinayo imizwa for wena".

Ndithethe lonto ndingamjonganga .

Tukelo:"Okay ndijonge uphinde uthethe lento uyithethayo".

Ndimjongile . Kofuneka ndiqine kengoku.

Mna:"Andinamizwa yakho Tukelo".

Ndikhawuleze ndajonga phantsi.

Tukelo:"Eeh usenenkani nangoku. Into endiyaziyo ubuzasoze undincamise kanjeya kanti awundithandi".

Yeah unyanisile.

Mna:"Ndiyahamba ngoku".

Ndivule icango lemoto.Wandibamba isandla .

Tukelo:"Yima Ndiyayazi ukuba besivumelene nge date 1 qha, kodwa Oluvayo andikwazi ungakuboni bendicela ukukhupha ndikuse kwi restaurant. Ndiyakucela".

Ndamjonga indlela andijonge ngayo indenzela inzima andikwazi nokuthi hayi.

Mna:"Sizothetha".
Tukelo:"Ayingo hayi Mo's".
Mna:"Ayjnguyanga no ewe".
Tukelo:"Okay".

Wancuma. Uyeke isandla sam. Ndase ndavaka kabuhlungu. Andiyazi okukwam ba ngoba. Kodwa uthe xa endiyeka ndakhathazeka kancinci.

Mna:"Bye Tukelo. Ndicela uxelele u Ogi ndizomfowunela phambi koba ndilale.

Ungakholelwa ukuba khange avume u Tukelo ukuba ndibone u Ogi. Uye wathi ukuba udinga ixesha lakhe ndizombona xa ephilile. Hee andimazi noba uhlalaphi u Ogi kodwa ndimthembile u Tukelo.

Tukelo:"Okay ndizokubona ke".

Ndehlile emotweni ndabaleka ndaya ekhaya.
Ifowuni yam yakha ndama.

I'd caller:"Tukelo Mokoena"

Yehake bendinaye ngoku ngoku ngoku andikafiki nasendlini. Ufunantoni ngoku.

Mna:"Hi"?
Tukelo :"Yeka ubaleka uzowa".

Ndibhekile usame kulandawo.

Mna:"Uyagula yazi wena".
Tukelo:"Undithanda ndinjalo ne"?

Ndahleka.

Mna:"Akhonto onoyenza na okanye uye emsebenzini"?
Tukelo:"Akhonto eyogqitha lomntu ndimjongile".

O-K-A-Y. Ndincumile ndacima I fowuni.
Ndijikile ndamjonga. U blow u kiss ndancuma. Ndaphinda ndabaleka . Ndifike endlini uMama ephunga iti. Ndiye kuye ndambulisa . Undibulisiye naye encumile.

Mna:"Hee kutheni wancuma kangaka"?
Mama:"Ndizothini ndingancumi umntana wam ekuugqibeleni wenza into entle ".

Okay andiyazi ke ngoku. Khange ndilale endlini izolo ngoku yena u busy uyancuma uthi ndide ndenza into entle. Intle na into yolala kwa Tukelo? Bekufaneluba uyandingxolisa ngoku.

Mama:"Hee ndiyakubona ba udidekile. Ndithetha nge collage application. Yilento ubulele kulo Siya izolo nina nobabini beni apply".

Hee uthetha ngantoni na u Mama ndiyazama ngandlela zonke ukuzenza ingathi Ndiyayazi lento athetha ngayo. U Tukelo kofuneka eyicacisile ke le.

Mna:"Ewe Mama siyazama sidiniwe ukuba Zi waitress".

Waphakama wandanga.

Mna:"Mama andikathathwa ndisalinde uphendulwa".
Mama:"Ndiyayazi sewungenile mntanam kaloku wawupase kakuhle."
Mna:"Okay. Mama uhambe njani kula meeting yayizolo"?

Wandibalisela andifuni uxoka andimamelanga tuu ndisacingana nalento ndiyixelelwe nguMama yase collage indibhidayo. Ndizama ngandlela zonke uk*mamela umama qha phi ke ndiya ndibanomsindo nyani.

Mama:" Kwakho nengxabano ke yoba ngubani ozogcina imali yecawa kuba u Nompilo eyityile imali . Yazi kudala ndizibuza ukuba uyithathaphi imali u Nompilo eyokuthenga I leather sofa. Hee Kanti lomthakathi utya imali yecawa".

Ndivumile ndicele uya ekamireni yam wavuma uMama. Ndingene e kamireni ndavala icango ndafowunela u Tukelo.

Tukelo:"Noba nndiyaphupha".
Mna:"Uye wathini kuMama"?
Tukelo:"Uthetha ngantoni"?
Mna:"Izolo uye wathini kuMama"?
Tukelo:"Oh yeah ndicela uzungabinomsindo ke xa ndigqibokuxelela".
Mna::"Thetha".
Tukelo:"Eish okay izolo uye walala ndase andazazi ukuba mandithini. Bendimcingela umamakho ukuba ukhathazekile ndikhawuleze ndafowunela u Sister wam ndamxelela yonke into ndamcela ukuba afowunele umamakho azenze u Siya. Ndithe azathi uzochitha ubusuku kulo Siya kuba nifuna ukugqiba u apply e collage. Ndicela ungandishowuti.
Mna:"Uzothini ukuba uyewafumaniseka ukuba khange ndi apply"?
Tukelo:"U apply.ile nje".

Kwathetha umntu ngasemva.

Tukelo:"Kufuneka ndihambile ndizokufowunela later".

Wacima i fowuni.

Uthetha ngantoni? Uthetha ukuthini xa esithi sendi apply.ile.? Okanye undenzele? Kodwa nini kanjani? Kufuneka sidibene.

Comments please

30/03/2026

Molweni Family ndiyaphila mna I hope niya Phila nani. Isithembiso sisahleli 5 inserts per day ndicela ze ni comment.e nani ke☺️☺️

28/03/2026

Molweni family ndilufumene ke uncedo enkosini kakhulu. Uqala Monday ukubheka phambili ndizofaka 5 inserts ngemini I bonus izoxhomekeka kwi comments ndicela ke ze sisebenzisane.

Enkosi.

26/03/2026

Molweni ngenkulu intlonipho ndicela nindikhangelise umsebenzi ndihlala e Komani noba unjani ndiyawudinga kakhulu. Noba umntu undifune I drink kwenzele andifake akhongxaki ndingayizama lomali. Oko ndizama ufaka I cv zam akho mehluko .

Ukuba ukhona umntu onondinceda ongandi inbox uba uyoyika uvela kule post . Enkosii

25/02/2026

HE PROVED MY WEAKNESS
CONTINUE
Mna:"Yonke into ivele yantle".
Tukelo:"Enkosi. Yhoo khange ndikwazi nokufowunela indlela ebendinexhala ngayo".

Ndahleka.Hayibo Yi dinner qha ayingomtshato wakhe. Uyayibaxa sana.

Mna:"Hayi nyani"?
Tukelo:"Ewe andithi Yi date yam yokuqala azange ndayenza asoze ndingabinaxhala".

Ndahleka . Cacile ba siyafana.

Mna:"Uyindoda . Una 25 kodwa azange waya kwi date"?
Tukelo:" Ewe azange ndakhupha intombi mna".

Ndancuma.

Tukelo:"Zithini iiplans zakho asoze uhlale uyi waiter ubomi bakho bonke Mo's"

Andiwuthandi le lombuzo andiwubuza woman ingathi uyandithuka kodwa nyani asoze ndihlale ndiyiyo.

Mna:"Ewe Tukelo andizohlala ndiyi waiter ubomi bam bonke. Kudala ndifuna ukuba yi Accountant okanye I financial advisor qha ke yimpilo. Ndacinyelwa yi bursary ngoku bendisenza unyaka wam wesithathu. Ngoku ndigcina imali kwenzele ndizozifundisa".

Uvumile.

Tukelo "Bekutheni ize icime I bursary".
Mna:"Andiyazi ke andifuni uxoka ngoba ndandiqhuba kakuhle kakhulu yase yacima. Ndathi ndizama uphanda ngoba qha ke azange ndifumane sizathu".
Tukelo:"Kutheni ungafakanga esinye isicelo se bursary".
Mna:"Ndase ndaphekelwa ngamandla ndaqonda mandimjonge umsebenzi ndizibhatalele. Ndicela siyeke uthetha ngalento".
Tukelo:"Okay".

Uphinde wandincokolela ngosapho lwakhe. Ndigqibe ukutya kwam . U Chef weza ne dessert.
Andiyazi nalento ndiyityayo ndiva I apile qha.

Tukelo:"Ndivule ke ukuba uyawathanda ama Apile . Le dessert ndiyenzele wena ke".

Ow ndiyayibona kengoku u Ogiyonke umncedisile.
Ndancuma.

Mna:"Imnandi. Enkosi".
Tukelo:"Yenziwe ndim ke".
Mna:"Uyaphosa".
Tukelo:"Nyani andiyazi igamalayo kodwa ndingene Ku Google".

Ndahleka.
Ade angene Ku Google hayi xeim ebefuna ibentle Mo's .

Mna:"Awozoyitya wena"?

Utye amacephe amabini wayiyeka.

Tukelo:"Andizoyitya andiyithandi I dessert mna".

Okay.
Ndigqibe I dessert yam. Emva koko sajikeleza le le garden siyibuka I Gadi. Siyagezelana siphinde sihlekane k*mnandi kunjeya. Sahlala phantsi wajonga amanzi.

Mna:"Abadinwa"?

Nditsho ndikhomba ababantu be violin.

Tukelo:"Ndibabhatele asoze badinwe . Akhonto udinwa yimali".

Okay iyavakala ke ngoku. Kodwa ababantu noba badiniwe bekunini ngoko bedlala le violin. Ungqengqe engceni ngomqolo wajonga kwisibhakabhaka nam ndangqengqa.

Tukelo:Buhle obubusuku ane"?

Utsho evula ingalozakhe ndalala esifubeni sakhe.Yenina si comfy nasi isifuba. Ndiya ndikhululeka phambi kwakhe.

Mna:"Ewe".
Tukelo:"Ndicela ujonke ezankanyezi uyazibona ba zisichazelantoni"?
Mna:"hayi ,Wena"?
Tukelo:"Ewe ezinkanyezi zisibonisa abantu abazoncamisana".
Mna:"Ayikho lonto".

Wancuma.

Tukelo:"Nyani jongisisa. Izobasithi aba bancamisanayo".

Ndahleka . Andiboni nalonto ke mna.

Tukelo:"Ungathini uba ingasithi aba bancamisanayo".

Ujonge k*m

Mna:"Ingasithi abatheni"?

Ndiyayazi lento athetha ngayo enye indawo k*m ifuna umncamisa kakhulu.

Tukelo:" Abancamisanayo"

Khange ndimphendule.
Sijongene. Sancamisana . Ngoku akufani nakuqala. Ndiyayonwabela. Undiphakamisile wandibeka phezulu kwakhe. Azange ndancanyiswa kamnje ebomi bam. Si slow ingathi sihambelana nomculo.

Izandla zakhe zihamba wonke umzimba wam. Ndive ngesandla sakhe singena ngaphantsi kwelokhwe. Mane e brush iimpundu zam. Ndiva into endingazange ndayiva. Undijikile nguye ngoku ophezulu kwam mna ndingaphantsi. Isandla sakhe sisengaphantsi kwelokhwe. Uqale was brush I cookie yam naso ndisiva ngapha kwe panty ndakhawuleza ndabuya ezingqondweni. Ndabamba isandla sakhe.

Mna:"Tukelo not apha".

Uye wasisusa isandla waqhubeka
wandincamisa. Emveni kwemizuzu embalwa siyekile ke . Wasuka phezulu kwam. Uphefumlela phezulu futhi une b***r hayibo.

Tukelo:"Azange ndancanyiswa kanje"

Utsho ejonge phezulu.

Mna:"Nam"

Hee andikholelwa ba ndim Lo uthethayo.

Tukelo:"Khafane ucinge uncanyiswa kanje imihla ngemihla".

Andamphendula.

Mna:"Ndicela amanzi".

Nditsho ndiphakama. Naye uphakamile wathi masingene ngaphakathi. Singene e kitchen waya kwababantu badlala I violin ndicinga uthe kubo mabahambe. Ungene ngaphakathi , ndihleli kwesisitulo side sisecaleni kwe khabhathi.

Tukelo:"Ufuna amanzi etap okanye abandayo".
Mna:"Unawo ama Apile"?

Wahleka.

Tukelo:"Bendicinga ufuna amanzi nje".
Mna:"Ndijikile ndirhalela I apile".

Wahleka. Bendifuna amanzi kuba bendifuna ayeke uthetha lento ebeyithetha. Ibizobafani ukuba bendithe ndifuna I Apile.

Tukelo:"Okay".

Uvule I fridge akho handles funeka utyhale kancinci amacango e fridge izovuleka. Yhoo babe ibindim bendingazocinga nalonto. Uthathe I Apile be beer. Nditya iApile yena isela I beer ujonge k*m woyame nge khabhathi. Akathethi ujonge mna qha.

Mna:"Yintoni"?
Tukelo:"F**k".

Ubeke I beer yakhe weza k*m wathatha I apile lam walilahla kude wandincamisa. Yhoo nkosiyam lendlela bendiziva ngayo ngokuya iphinde yabuya. Undifunqule wandisa e lounge wandibeka phezulu kwe sofa sancamisana phaya. Hee ingathi ndi on ngoku. Ukhulule I zip ye lokhwe yam naye akandibanga shirt . Hayibo ukhululeke nini yena. Uncamisa intamoyam ke ngoku ndiva kamnandi nyani kodwa kufuneka ndiyinqandile lento.

Mna:"Yima...yek..Tuk.."

Hee andikwazi nothetha kofuneka ndimyekisile. Ndiyambona apha ezantsi une b***r nyani mandiyinqande ingekayi kude lento.

Mna:"Ndili Vir...."

Andikwazi uthetha. Hayi mani ndiqinile ndizoyilwa lento.

Mna:"Ndili virgin ndicela uyeke".

Umile wandijonga.

Tukelo:"Uyintoni"?
Mna:"Undivile".

Usukile phezulu kwam wathi uyeza. Inoba kuzokwenzeka ntoni ke ngoku. Ubuyile emveni kwemizuzu embalwa ndisahleli kwi couch.

Tukelo:"Uxolo bendingayazi".

Bendingayilindelanga ke le . Uye wahlala ecaleni kwam sazithi cuddle. Undincamise esibunzi .

Ndivuke ekuseni andikhose kamireni yam. Ayicingi ba yenzekekile lento. Hee andinxibanga nale lokhwe bendiyinxibe izolo. Ndinxibe isikipa esimhlophe esikhulu k*m. Hee Kwenzeke ntoni izolo. Khange ndisele notywala nje ngoku sendingakhumbulinto. Undenzeni u Tukelo. Kufuneka ndihambile ndiyozijonga e toilet.

Tukelo:"Hayi mani uyasinda yhoo ndiku*ise nge kiriva apha".

Uyandothusa kwakhona.

Mna:"Yeka lento yakho yondothusa. Kwenzeke ntoni izolo? Undenze ntoni"?
Tukelo:"Yehlisa umoya Tigress. Sincokole kancinci izolo walala kwingalo zam khange ndikwazi ukuvuse ubuleli kamnandi. Ndiye ndaku*isa apha eKamireni asenzanganto.

Okay.

Tukelo:"Ndithembe ukuba besenze into ngewungakwazi nohamba".

Ndahleka hayibo ade athethe kanje.

Mna:"Umama khange ndimfowunele iphi I fowuni yam noba ukhathazekile".
Tukelo:"Phola ndimfowunele".

Hayibo .

Mna:"Wena umfowunele? Uphilile"?

Wancuma wasela iti yakhe.

Mna:", Tukelo ndithetha nawe".
Tukelo:"Oluvayo ikhe iphele imini ungenamsindo na? Phola ke ukuba ukubu*ile ukuba bek*mnandi na kulo Siya umxelele ba ewe. Yiza ke uzotya".

Undishiye ndibhidekile.

Ixesha ngu 7am noko kuleveki ndingena ebusuku. Ndiphakamile ndahlamba ubuso ndapura umlomo ngamanzi ndaya e kitchen.
Ndahlala phantsi ndatya. Siye sagqiba utya u Tukelo wayovasa mna ndahlamba izitya ndabuka lendlu.

Tukelo:"Uyayithanda lendlu"?

Utsho endihaga wandincamisa nentamo.

Mna:" Kakhulu .Intle mani".

Ndiphendula ndingamjonganga.

Tukelo:"Yeyakho ke".

Utsho endincamisa isidlele wayongena e kitchen. Ndimve kakuhle. Ndikhawuleze emva kwakhe.

Mna:"Uthini . Uthetha ukuthini xa usithi yeyam"?

Wancuma.

Tukelo:"Ndihlala apha . Lonto ithi yeyakho ungeza naninina ufuna".

Uyandibhidisa ke ngoku. Asikajoli hayibo izolo ebethe yeyetshomi yakhe Mo's.

Mna:"Kodwa ubuthe kuhlala itshomi yakho izolo"

Ujike weza k*m.

Tukelo:"Okay . Lendlu yeyakhe . Ndiyithenge kuye izolo elinye. Andikamniki yonke imali ndimnike I half bendilinde wena undixelele ba uyayithanda kwenzele ndizoyibhatala yonke".

Undincamisile wayokhupha amanzi efridge wasela. Andizazi noba ndithini ndivele ndancuma.

Big shout out to my newest top fans! 💎 Sibonga Madlebe, Nokuzola Bokwe, Connie , Sibonokuhle Billy, Maphelo Magwa, Khany...
24/02/2026

Big shout out to my newest top fans! 💎 Sibonga Madlebe, Nokuzola Bokwe, Connie , Sibonokuhle Billy, Maphelo Magwa, Khanyo Vani, Millicer S Mabhedla, Imange Fanele, Sakhe Sakhe, MthembuKazi Jimana, Akhona Mtyapii, Iminathi Moeti, Zanele Witbooi, Azk JX Wabo, Mamello Lieke, Iminathi Baddy

Drop a comment to welcome them to our community,

24/02/2026

HE PROVE MY WEAKNESS
CONTINUE
Besesiphumile ke ngoku elokishini sisiya e Sandton. Mna me Sandton azange ndacinga ukuza apha. Izindlu zalapha zonke zintle. Imoto imise kwindlu yokugqibela entle . Inkulu , imhlophe one gate e silver. Lucille I gate wafaka imoto ubhuti oqhubayo umise kufutshane nendlu. Wandivulela icanvgo ndaphuma emotweni . Ingca I green Intle ayifani neyase lokshini yho ndithe ndisabuka wandivulela icango ndangena. Yhoo azange ndabubona ubuhle obunje. Indlu imhlophe yonke ngaphakathi. Iisofa simhlophe zinkulu andifuni nothetha ngezitepsi .

Lobhuti wathi mandihlale phantsi uyeza u U Tukelo.

Tukelo:"Uyayithanda lendlu"?

Andothuka.

Mna:"Tyhini Tukelo ungaphinde uyenze lento uyenzayo uyandothisa".
Tukelo:"Uxolo".

Usondele k*m . Wama. Undijonge ezantsi wanyuka ngam.

Mna:"Yintoni"?
Tukelo:"Wenzani k*m Mancwane"?

Ndimjonge ngamehlo abuzayo.

Tukelo:"Umhle".

Ndi blusher.

Naye mhle. Unxibe I jean ka G-Star raw, izihlangu zika Gucci ne shirt emhlophe e design.iweyo kunye ne waistcoat. I waistcoat iyafana ne lokhwe yam ngombala. Ugoqe imikhono ye shirt wakhulula amaqhosha amabini la aphezulu . Ubukeka e sexy futhi e simple.

Mna:"enkosi. Umhle nawe nje ".

Waphinde wandijonga. Akathethi kengoku. Kofuneka ndithethe noba yintoni kwangoku angekawi.

Mna:"Yindlu yakho le".

Ushuk*mise intloko.

Tukelo:" Yeyetshomi yam . Undiboleka yona kuba eyam ikude apha".
Mna:"Oh kengoku u Ogi usendlini yakho"?
Tukelo:"ewe".
Mna:"Bendicinga siya kwi date kutheni undizise apha"?

Ndithetha ndidlala ngamehlo.

Tukelo:"Uyathanda uyenza ne lento ? Udlala ngamahlo? Ungaphinde uyenzeke ke ngoba yindidika".

Xa engubani ?Ungu Tatam?"

Tukelo:"Yafuna ubuka lendlu"?

Utsho ekhupha isandla epokothweni esizisa k*m. Ndimbambile ke. Undibonisile ke lendlu. Yonke into ekulendlu intle.

Tukelo:"Ngoku masiye ngaphandle. Emva koko siye kwi date yethu".

Uvule I sliding door.

Tukelo:"Sesifikile".

Yenina hee. Kukho I tafile eyenziwe red and white. Inawo nama flower amanye ajikeleze le tafile. Kukhala nomculo otsho kamnandi hayi ezi gqom nezo gubhu. Ndithe xa ndilaqaza oh ababantu babini bame phaya ngabo aba badlala I violin. Kuhle xeim andifuni uxoka. Undivile isitulo . Ndithe enkosi ndahlala phantsi. Ndisamangele yilento ndiyibona apha. Igadi Intle sana icocekile. Kukho nendawo ehamba amanzi ingathi ngumlambo.

Mna:"Ngubani owenze kwanje apha".
Tukelo:"Ndim".

Hayi akacingi tuu.

Tukelo:" Ndibhatele abantu ukuba bayenze. Kodwa ndim umntu oze necebo ba maybe njani".
Mna :"Intle".

Nditsho ndilaqaza.

Tukelo:"Kanje ngomntu ohleli phambi kwam".

Ndimjongile, akawasusi amehlo wakhe k*m.

Tukelo:"Singa order"?

Order? Sise restaurant na apha? Ndimjongile ndibubhideka. Uncumile waphakamisa isandla weza umntu enxibe oku kwababantu baphekayo.

Tukelo:"Sicela I roasted rice, roasted chicken kunye ne salads ezikhoyo ecaleni. Mna ndicela I Castle Lite u Sisi I orange juice. Ziphelele"?

Ubuze ejonge k*m ndavuma. U Chef uthathe I order wahamba.

Tukelo:" Bendixhala ke koba izihlangu kunye nelokhwe azizokulingana andiyazi I size yakho".
Mna:"Hayike usebenzile qha izihlangu ziyandiqinisa".
Tukelo:"Ow uxolo ungazikhulula".

Yes. Akhange ndizulise ndizikhulule ngoko nangoko. Yhuu bezindibulala. Siya bond. Sithetha ngayo yonke into le. Ingathi sendimazi iminyaka emibini. Into endingayithetha ngaye uyaluthanda usapho lwakhe. Uthetha ngalo kakhulu. Uyamthanda u brother wakhe u Itumeleng, uthetha ngaye kakhulu.

U Chef ufikile wasinika ukutya kwethu. Watya.

Mna:"Yima asizothandaza na"?

Andingomntu okhonzayo kodwa soloko ndithandaza phambi koba nditye. UMama wandifundisa njalo. Undijongile othukile.

Tukelo:"Okay uxolo".

Sibambene ngezanga. Ndenze umthandazo omfutshane. Ebelambile ngoba ukugqibe msinya ukutya. Kwesam isitya kusasheke ukutya okunintsi.

Mna:"Yhoo ubulambile ne"?
Tukelo:"Ewe bendinemini ende khange ndibenalo ixesha lotya".
Mna:"Oh ngumsebenzi"?

Ndimbuze ndiluma inyama.

Tukelo:"Hayi, wena. Ungatsho uthi bendiyintombi apha. Bendikhathazekile ngobubusuku namhlanje.

18/02/2026

HE PROVED MY WEAKNESS
INSERT 7
Njengokuba beku hleliwe u Ogiyonke uye k*mama wamxelela nge test ekufuneke eyifundele kengoku uzohamba . UMama uqale akavuma kodwa upheld sevuma ngoba ndimbonisile ukuba u Ogi funeka epasile wade wavuma. Ngoku u Ogi ulungiselela uhamba ayohlala nomntu endimazi iveki enye qha mkq.

Mna:"Uyavuya ne"?
Ogi:"Andivuyi ngento ye drugs kodwa ,leyoba ndiyahamba apha ndiyohlala ne boyfriend yakho ndiyavuya futhi uyabonakala ba unemali".
Mna:"Ayo boyfriend yam leya Yi tshomi qha".
Ogi:"Ewe ndiyavuma kodwa Yi boy kengoku uyayazi ba I Boy-Friend yakho".

Ndidlale ngamehlo.

Mna:"Ewe ke. Jonga ke Ogi ndicela uzumamele u*i phathe kakuhle uTukelo uyasinceda apha.
Ogi:"Okay".
Mna:"Njengokuba ungafuni undixelela ukuba ezi drugs ba u*ithengiselwe ngubani . Ndicela uzumxelele ke u Tukelo kuba naye engu mjita".
Ogi:"Sendimxelele yonke into endiyaziyo".
Mna:"Nyani"?
Ogi:"Ewe. Phoff undenze ndathetha khange andinike choice".
Mna:"Utheni"?
Ogi:"Hayi Sisi andizokwazi ukukuxelela vele Wena uyazi ba ndiyamthanda futhi ndiyavuma ba ujole naye".

Hee

Mna:"Khandiyeke tuu".

Pha ngo 10 kufike imoto yazothatha u Ogi. U Mama no Zintle sekukudala besecaweni. Ndikhuphe u Ogi.

Mna:"Uphephe ke . Wohlukane ne drugs ndizokufowunela xa oko".
Ogi:"Okay Sisi"
Mna:"I love you".
Ogi:"I love you too".

Sihagene. Ungene emotweni yahamba. Ndayongena endlini.
Andiyazi noba ndilele nini . Kodwa ndivuke ngokh u Lihle andishukimisayo. Hee ndilele kwisofa yhoo.Ndilibele noba ebethe ufuna uthetha nam . Ndikhawuleze ndayohlamba amazinyo ogqiba kwam ndayohlala ecaleni kwakhe.Ubukele I TV uyaphunga nophunga kwelilanga yho. Ndimbulisile akandihoya wavele wandijonga.

Elihle:" Ndikhumbula ubukela ibhola nawe. Ndikhumbula ukuxelela indlela oyi raki ngayo. Ndikhumbula uhleka nawe.Ndikhumbula nokukugezela, Ndikhumbula nokukuxelela uba uyadika, Ndikhumbula uphikisana nawe, Ndikhumbula nokuthi uli bhityazana lasekhaya, Ndikhumbula noba ngu brother wakho, ndiyakukhumbula Oluvayo".

Ndase andayazi noba mandithini ndivele ndajonga phantsi ndadlala nge zandla.

Mna:"Nam ndiyakukhumbula Elihle. Uxolo ngo....".

Wandithulisa.

Lihle:"Suxolisa mntase. Ndiyayazi kunzima kanjani kuwe uxolisa. Undixelele u Zanele yonke into. Kuyoyonke into bendifuna uxolise kuye hayi k*m.Akhaphinde uve ingathi u Zanele uzakuthethela mna. Ndizosoloko ndingubhuti wakho akhonto izotshintsha apho uyeva"?

Ndavuma.

Lihle:"Yiza".

Uvule iingalo zakhe.

Mna:"Andizenzi ii hugs".

Wahleka. Unditsalile ngenkani wandi hug.a. Sihleli ke sobabini saqale sathetha ngebhola le idlala kwi TV. Uyi Kaizer Chiefs mna ndiyi Pirates khawufane ucinge izinto esiyilwayo xa sibukele ibhola.

Ixesha liyakhawuleza ngoku ngu 2:30pm. U Lihle uhambe pha ngo 1:30pm. Uye wafowunelwa wathi k*m kufuneka emkile. U Tukelo akakathethi nam ke oko kusile. Ne lokhwe ayikafiki . Sendiqala no khathazeka ngoku. U Emihle ke ebesendleleni ezayo ezondenza intloko mna ngapha ndicingana na le date ngenzeka asizoya ngoba u Tukelo uthule akandifowuneli.

Ngo 3pm kufike omnye umfana onxibe izinto ezimnyama.

Him:"Miss Oluvayo"?
Mna:"Yes".

Khange athethe uvele wandinika I box wahamba. Hayibo?

Mna:"Hey, ndizoyenza ntoni lento? ndithetha nawe"!

Khange andihoye uvele waqhuba imoto mkr. Ndivale icango ndaya ekamireni yam. Ndivule le box . Hayibo khanizobona! Ndibona ntoni na? Azange ndayibona into enje. Andiyiyo I fan yelokhwe kodwa le andisoze ndingayinxibi. I silver , imfutshane ine zip emqolo iqala e mqaleni iphele kwimpundu yesana. Ayindibambi kakhulu, Intle mani. Yhooo izihlangu yesana zintle andifuni nothetha ngazo nazo zi silver.

Ndithe ndisabuka lelokhwe zangena iitshomi zam kesana bahamba no Palesa. U Emihle no Siya ba screamer .

Emihle: "Yesana zisuka kuye"?

Baphinda ba screamer

Palesa:"Zonke"?

Ndavuma.

Emihle:"Yhoo hayi lomntu wakho une style Mo's"
Mna:" Ewe unaso".
Palesa:"Kodwa ayinguwanga lo Oluvayo".

Wathatha ilokhwe wayijula pha ingathi ulahla iphepha elimdaka. Samjonga.

Palesa:"Ndixela I design dress mna ayizozakho. Ndicinga ba lomntu uzama ukutshintsha. Akamthandi u Oluvayo lo unguye. Ukutshintshela k*mntu ongenguye. Ufuna wena ufane naye".

Yintoni ingxaki yakhe ?

Emihle:"Andiqondi ba yilonto, yiza Olu ndizokwenza intloko kwangoku engekafiki".
Mna:"Ah masimlinde tshomi aqale andixelele uzozangabani ixesha ".

Khawufane ucinge usuke unxibe avele angezi umntu.

Siya:" hayibo uyeza tshomi izile mosi ilokhwe nezihlangu".

Yazi unyanisile usiya akanoze azise ilokhwe Kanti akazoza".

Mna:"Khome ndibhale umama ndimxelele ba ndiyahamba".

Ebendixelele kwa early ukuba kuzophuma icawe bangene I meeting omhlambi ndingahamba engeka fiki. Ndiye ndayosa ke emva koko ndabuya Ku Emihle andenze intloko.
Emizuzwini embalwa wabe segqibile. Yenina ndi H-O-T yemani ndimhle andifuni ungatsho. Wenze iinwele Zam Zane curls ingathi ndifake I weave. Eyy into yobanenwele ezinde ezintle.

Ndinxibe ilokhwe yam nezihlangu ndamhle ndanjeya. Hee ndase andazazi noba ndimlo okanye ngomnye umntu. Hee ndingathini uba uPalesa unyanisile. Hee ba nyani uzama unditshintsha. Hayisuka unomona wethu.

Siye salinda u Tukelo. Ukulinda kuyandibulala kemna. Ngu 6pm ngoku. Akandifowunelanga, akandibhalelanga. Noba akasezi sana. Ndase ndanaso sesifuthu-futhu.

Palesa:"Useza na umntu wakho"?
Mna:"Uzothini lona apha"?

Bekufanele ndibuze bekunini lombuzo unditshisa.

Siya:"Vayo sumhoya lo bubusuku bakho obu myeke".

Andifuni ubanomsindo ke namhlanje. Yhoo hayi akezi u Tukelo.

Mna:"Ndicinga ukuba u Palesa unyanisile yazi kunini ndinxibile lomntu akade afike".

Ndikhulule izihlangu ingase ndikhale kakhulu. Qha ke andizikhaleli izinto ezingena msebenzi mna.

Palesa:" Nangoku ndinyanisile khulula Sisi".

U Emihle no Siya bamjonga kakubi.

Siya:"Ndicela uhambe apha uze nomoya omdaka andiyazi noba uzothini ngoba asizotshomi zakho".
Palesa:"Yhoo ndiyahamba mxm"

Emihle iphume naye. Sava ngo Emihle Se screamer ngoku . Guys yizani nantsi imoto izokuthatha. Ndakhawuleza ndabethelwa yintliziyo.

Mna:"Yintoni"?
Emihle:"Kukho I black G63 ngaphandle"
Mna no Siya:"Into"?
Emihle:"Nyani nyani yizanobona".

Ndikhawuleze ndanxiba izihlangu nyani unyanisile. Siphumile sasondela kulemoto. Kuphume ubhuti omde omnyama wandivulela icango. Ndakhawuleza ndahaga iitshomi zam . Ndakhwela emotweni yahamba.

Address

1053 Matshikiza Street
Queenstown

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ubomi buka Aphendule posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share