19/08/2026
π KUZA KUBANJWA UMSITHO WOSUKU LWEZEMFUNDO (INTERNATIONAL LITERACY DAY) NGOMSO KUQUMBUπ
Isebe leThala leeNcwadi noLwazi kuMasipala waseKumkani Mhlontlo liza kubamba umsitho wokubhiyozela uSuku lweZakhono zokuFunda nokuBhala (International Literacy Day) β Build-Up Event.
Lo msitho uza kuba lithuba lokubhiyozela ukubaluleka kokufunda, ukufumana ulwazi nokuxhobisa uluntu ngezakhono ezakha ikamva elingcono.
ποΈ ISabela FM iza kuba semsithweni ngosasazo lwangaphandle (Outside Broadcast) ukuze sabelane ngamabali, izimvo kunye nemisebenzi eza kwenziwa ngolu suku.
π
Umhla: 20 Agasti 2026
π Indawo: Qumbu Municipal Hall
β° Ixesha: 09H00
Kuza kubakho imisebenzi eyahlukeneyo equka:
π Uphononongo lweencwadi (Book Review) β IsiNgesi nesiXhosa
π§© Imidlalo yamagama (Word Puzzle) β IsiNgesi
π©πΎβπ¦― Ukufunda ngeBraille β IsiXhosa
π Izaci namaqhalo β IsiXhosa
ISabela FM iyazingca ngokusebenzisana namaziko asekuhlaleni afana neThala leeNcwadi lakuQumbu ekukhuthazeni ukufunda, ulwazi nokuphuhliswa koluntu.