11/02/2024
EKAPA AKUBULAWA UMNTU ONEZINTO ZAKHE KUPHELA UKUBA NJE NANI NA.
Ndikhe ndibone abanye abalandeli xa sifake amabali abantu abadutyulwe babulawa. Uninzi ke luye luthi awubulawa njeee eKapa isuke ikhona into oyenzileyo. Andiphikisani nabo kuba luluvo lwabo. Kodwa bantase eKapa uyakwazi ukufa ungenzanga nto, ubulawelwe nje izinto zakho. Uyakwazi apha ukuthengiswa ziitshomi zakho kuba zisithi ungcono kunazo eloxesha uyazizamela, zikufunele abantu bakubulale uhamba nazo emva zithethe izinto ezingavakaliyo xa ubuzwa.
Lanto yokuba bheka iindaba zakho ukuba wenza njalo uyasinda, ndiyayiva. Kodwa uyakwazi apha uthi uziyela emsebenzini ukhuthuzwe emva koko udutyulwe okanye uhlatywe ubhubhe. Bafike ootsotsi kwakho bangene banirobhe bawugqiba badubule ubhubhe. Nditsho ukuphuma usiya eMasomaliyeni awuyazi nokuba uzobuya na kuba ootsotsi bathe bhazalala, baxhaphakile.
Uyokhwela itaxi okanye avanza zisuke zinqoze ulapho kuvele kudubuleke wena ubhubhe okanye ushiyeke ungxwelerhekile. Kona kona ndiyavumelana nani iKapa lidinga amajoni nomthandazo. Khona wayaphi uMboro, niyakhumbula niku Day Zero wasuka ngapha ahlala khona wazonithandazela. Yade yanetha emva kokuba ezile?