Vukani Community Radio

Vukani Community Radio VCR FM "Chris Hani District Broadcaster" on 90.6, 98.4, 99.9 Fm
(3)

Vukani is a community owned tool for gathering, dissemination of information and encourage maximum community participation in development.

Ibeyimpumelelo intlanganiso ebiphakathi komasipala wase Emalahleni kunye necandelo le-Taxi kwii ofisi zika Uncedo Taxi A...
11/07/2025

Ibeyimpumelelo intlanganiso ebiphakathi komasipala wase Emalahleni kunye necandelo le-Taxi kwii ofisi zika Uncedo Taxi Association.

Lentlanganiso ibisingathwe ngumasipala wase Emalahleni nalapho usodolophu walo masipala uCllr uNontombizanele Koni ebephelekwe ngamanye wamalungu ebhunga kunye namagosa alomasipala beyokufakana imilomo nabee-Taxi.

Umba ubuphambili ngumba wokuba lo masipala uzakuthi ufake ipaving kule taxi rank, umemelela abaqhubi bezithuthi zika wonke wonke ukuba bazame ukulayishela kwi park yalo masipala nanjengoko kuzakuthi kufakwe ipaving.

Oku kulandela isicela esafakwa ngabecandelo lee-Taxi kwintlanganiso ababeyikhwebile ku sodolophu walomasipala bephalaza imbilini yabo ukuba le rank xa kunetha igcwala udaka, kubangumgxobhozo, iimoto ziyatyibilika kwaye nabantu ababakhwelisayo bayangcola kunye neempahla zabo nto leyo ingabaphathi kakuhle, bememelela ungenelelo lalomasipala.

UKoni uthi sele zikhona izitena ze paving, akukhutshwanga kontraka kodwa izakuthi yenziwe ngabasebenzi abenza ipaving ukuze kupheliswe into yodaka echaphazela le rank, kwaye ne material izakuthi iziswe kule rank.

Ekwathi bazakuthi bavule ipark yalo masipala isetyenziswe zezi taxi ngelixesha kuqhuba umsebenzi ekwathembise ukuba inyanga izakuphela lomsebenzi ugqityiwe ukuze xa kufika ixesha le ndodla kube sele kugqityiwe.

Umnumzana uMzukisi Pendu ongunobhala ka Uncedo Taxi Association eCacadu uthi umasipala ubawezile kwisicelo abathi basiphakamisa kuba udaka belingumceli mngeni kuba abantu bebesiwa, belimala neempahla zabo zingcola.

UPendu uthi indawo yabo izakuthi icoceke ibekwizinga eliphezulu basebenzisane kakuhle nangakumbi nabantu abasebenzisa iitaxi bebulela kakhulu kumasipala wase Emalahleni ngokusabela ikhwelo labo.

Story and Photos: Linda Magazi

11/07/2025

📻 with MamCheezy brings you Dj Cee N Tee - Resident Dj.

What's your favorite song of the week?Bhala ingoma oyithandileyo kule iveki izawudlalwa kwenye yeenkqubo zethu.
11/07/2025

What's your favorite song of the week?

Bhala ingoma oyithandileyo kule iveki izawudlalwa kwenye yeenkqubo zethu.


10/07/2025

📻 with Asanda Maliwa brings you Cllr Asanda Sizani : Ward 02 Councillor: Enoch Mgijima Local Municipality talking about "Amaphulo ancede ulutsha kwindawo yaseLinge kwaWard 02 e-Enoch Mgijima Local Municipality, nalapho kuxhamle abantu abangaphaya ko-400."

10/07/2025

📻 with Dj Abza brings you Captain Namhla Mdleleni - SAPS Spokesperson: Chris Hani District talking about "SAPS Komani Recruitment Drive."

BREAKING NEWS - Azikabuyeli kwisimo sazo izinto kwidolophu yase Ngcobo nanjengoko ezinye iivenkile zivulile ezinye zival...
10/07/2025

BREAKING NEWS - Azikabuyeli kwisimo sazo izinto kwidolophu yase Ngcobo nanjengoko ezinye iivenkile zivulile ezinye zivalile.

Kusenjalo, nabo bathengisa ngokubeka izitendi abakangeni emsebenzini.

Kanti, konke oku kuza emva kokuba izolo idolophu le ithe yavalwa ngenxa yezikhalazo zabahlali zokuba iinkonzo aziyi kubo, kwanokuba igqiza elikhokhele kumasipala iDr AB Xuma malilahle umasipala lo abephantsi kolawulo (Under Administration).

Isikhokhelo phantsi koThembinkosi Butshingi bavakalisile ukuba abazuyeka ukwenza oku de babe bayasabeleka nanjengoko sebengasafuni kwanto edibanisa nomasipala lo.

Story and Photos: Nondumiso Mpaka

10/07/2025

📻 with MamCheezy brings you Cllr Thembalakhe Tasana - Ward 09 Councillor: Sakhisizwe Local Municipality talking about "Ward 09 Community Dialogue."

10/07/2025

📻 with MamCheezy brings you Thembinkosi Butshingi - SANCO Chairperson: Dr AB Xuma Sub-region talking about "Shutdown in Ngcobo continues."

Which song best describes your mood today?Bhala ingoma echaza ngcono imo okuyo namhlanje izawudlalwa kwenye yeenkqubo ze...
10/07/2025

Which song best describes your mood today?

Bhala ingoma echaza ngcono imo okuyo namhlanje izawudlalwa kwenye yeenkqubo zethu.


09/07/2025

📻 with Asanda Maliwa brings you Nkosi Gwazinamba Mathanzima - Deputy Chairperson: Eastern Cape House of Traditional Leaders and Mesuli Cwele - Secretary: Eastern Cape Youth Council talking about "Ubuzaza nendlela yokukhwebula ulutsha kwiziyobisi kwiindawo esihlala kuzo."

09/07/2025

📻 with Dj Abza brings you Azile "Hlamvana" Qoyiya - Umdlali Weqonga talking about "Ibali titled: Ukholo Nethemba."

09/07/2025

📻 with Chuma Mdeuka brings you Xolisani Mhlungulwana - Professional Life Coach, Chief Coordinator of Edukasi Mentorship talking about "Rest, Reflect, and Refocus: This Is Still Your Year."

Address

P. O Box, Arthur Tsengiwe College, Cala
Sakhisizwe
5455

Opening Hours

Monday 08:30 - 17:00
Tuesday 08:30 - 17:00
Wednesday 08:30 - 17:00
Thursday 08:30 - 17:00
Friday 08:30 - 17:00

Telephone

+27478770095

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Vukani Community Radio posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Vukani Community Radio:

Share