
11/07/2025
Ibeyimpumelelo intlanganiso ebiphakathi komasipala wase Emalahleni kunye necandelo le-Taxi kwii ofisi zika Uncedo Taxi Association.
Lentlanganiso ibisingathwe ngumasipala wase Emalahleni nalapho usodolophu walo masipala uCllr uNontombizanele Koni ebephelekwe ngamanye wamalungu ebhunga kunye namagosa alomasipala beyokufakana imilomo nabee-Taxi.
Umba ubuphambili ngumba wokuba lo masipala uzakuthi ufake ipaving kule taxi rank, umemelela abaqhubi bezithuthi zika wonke wonke ukuba bazame ukulayishela kwi park yalo masipala nanjengoko kuzakuthi kufakwe ipaving.
Oku kulandela isicela esafakwa ngabecandelo lee-Taxi kwintlanganiso ababeyikhwebile ku sodolophu walomasipala bephalaza imbilini yabo ukuba le rank xa kunetha igcwala udaka, kubangumgxobhozo, iimoto ziyatyibilika kwaye nabantu ababakhwelisayo bayangcola kunye neempahla zabo nto leyo ingabaphathi kakuhle, bememelela ungenelelo lalomasipala.
UKoni uthi sele zikhona izitena ze paving, akukhutshwanga kontraka kodwa izakuthi yenziwe ngabasebenzi abenza ipaving ukuze kupheliswe into yodaka echaphazela le rank, kwaye ne material izakuthi iziswe kule rank.
Ekwathi bazakuthi bavule ipark yalo masipala isetyenziswe zezi taxi ngelixesha kuqhuba umsebenzi ekwathembise ukuba inyanga izakuphela lomsebenzi ugqityiwe ukuze xa kufika ixesha le ndodla kube sele kugqityiwe.
Umnumzana uMzukisi Pendu ongunobhala ka Uncedo Taxi Association eCacadu uthi umasipala ubawezile kwisicelo abathi basiphakamisa kuba udaka belingumceli mngeni kuba abantu bebesiwa, belimala neempahla zabo zingcola.
UPendu uthi indawo yabo izakuthi icoceke ibekwizinga eliphezulu basebenzisane kakuhle nangakumbi nabantu abasebenzisa iitaxi bebulela kakhulu kumasipala wase Emalahleni ngokusabela ikhwelo labo.
Story and Photos: Linda Magazi