
20/05/2025
Inkosi uMaqoma kaNgqika. AH! JONG'UMSOBOMVU,
UNjalatya isijorha sika Nothonto!
uThole lenkunzi ZikaRharhabe,
uMadela kufa,
Thaf'elimnyama lokungcwaba iintshaba
uSotashe,
uFuluthel'iliwa,
uSiba limdaka
Inyok'emnyama ecand'iziziba,
Ingwe ebhavumla phezu kwentaba kaNdoda kudilik'imiqokozo kunyaluzel'amanzi eXesi neNxarhuni,
uSinge siya khona, mhla singayiyo
size singe asiyi kanti kumhla siyayo,
uSayama ngentaba kaMnqwazi,
uMafel'esqithini sabe lungu,
Ingwe yaseMthontsi ka Fordyce,
Isizuku-zuku sika SikaRharhabe,
uLwaganda ka Mlawu,
iXhalang'elamaphik'amdaka,
irhamncwa elidl'umzi liwukhanyele,
Isilo esijonga umlilo ucime.
Mehlo abukhali njengawokhozi
AH! JONGUMSOBOMVU!!!!
Lelinye lawo lamakroti maninzi kwaRharhabe eli. Yabalihlokondiba lobhiyozo kwabamhlophe ukukhothama kukaSotashe kuba babengalai buthongo behlayo esaphila. Into endiyithandayo ngalamaqhawe anje ngeNkosi uMaqoma nooNdabanduna zange bagqithise ngamandla kwabamhlophe, umhlaba wayesoxuthwa kuphendule ithambo qha. Hayi lento yangoku yoxoxa into engapheleyo sicenga inkokhele zethu ezingenamqolo eziphethwe kwangawo lamadlagusha ukuba lomhlaba wethu asoze sixole ungekabuyi. Abantu into yomhlaba bayithatha kancinci, umhlaba sisdima sethu siyindlu entsundu, ngamandla ethu ngaphandle kwawo asinto.
Lomhlaba woxuthwe kunye nemfuyo le ibubutyebi bethu, kwaphalal'igazi bambi benziwa izicaka zabelungu kusokhiwa lento kuthiwa yi South Africa ngegazi lokhokho bethu., Isintu sethu sonyeliswa sayilento engenasdima siyiyo namhlanje nathi sisengamakhoboka wabamhlophe. AmaGorha anjengoo Maqoma nooNdabanduna akhetha ukufa kunoba amkele uphathwa ngondlebe zikhany'ilanga. Ewe kwagqibele wona amadlagusha kodwa oludabi alunophela sisekhona klomhlaba wobawomkhulu. Manditshaye.