The Local Voice Newspaper

The Local Voice Newspaper Udinga ukuthengisa ishishini lakho? Singakwenzela nje ngemali encinane. Tsalela 0760971993 or inbox okanye WhatsApp. Email: news2019@localvoicenewspaper@gmail.com
(2)

Amadoda abethe atshisa inkwenkwana kuCentane avele enkundleni Basagcinwe eluvalelweni abarhanelwa abathathu(30-41) abaty...
19/09/2025

Amadoda abethe atshisa inkwenkwana kuCentane avele enkundleni

Basagcinwe eluvalelweni abarhanelwa abathathu(30-41) abatyholwa ngokubulala inkwenkwana eneshumi nesibini leminyaka ukudala uSenzo Zwane.

Kuvakala ukuba babethe batshisa ngePetroli ixhoba ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo kwilali Nkondwane kuCentane.

Namhlanje bavele enkundleni yamatyala okokuqala kulandela ukubanjwa kwabo ngamapolisa.

Ingxelo yamapolisa idize ukuba ixhoba elifunda kwisikolo Sithunzi primary belidlala ibhola namanye amakhwenkwe ngomhla wesiganeko ngethuba kufika indoda yambamba yambetha imtyhola ngokweba imali.

Isithethi samapolisa Lieutenant colonel Siphokazi Mawisa uthi ngethuba amanye amakhwenkwe esakhwankqisekile kwabanjwa enye kwakhona yabethwa nayo ngesityholo esifanayo.

ULt Col Mawisa uthi bathathwa ngenkani basiwa kumzi othile apho babethelwa oogqirha nezicaka batshiswa ngomlilo.

Ingxelo iveze ukuba omnye wamaxhoba wakwazi ukuzicima umlilo wabalekela ukuziqengqa logama omnye engakhange abenalo ithamsanqa lokubhungca.

Emva kwesisiganeko wabalekiswa esibhedlele eGcuwa kamva wadluliselwa kwisibhedlele Frere eMonti apho abhubhele khona ngoMvulo.

Uphando lwamapolisa lukhokelele ekubeni kubanjwe abarhanelwa.

UPetros Majola wequmrhu elilwela amalungelo abantu kweli phondo Khula Development uchaze esi senzo njengenkohlakalo enkulu.

"Lo mntwana usuka kwikhaya elingathathi ntweni. Kutyholwa ukuba umama womzi ekwebiwe kuwo imali nguye othe mababethwe batshiswe. Sisityholo ke esi angangxami umama," Kutsho uMajola kwiVidiyo ayixhome kwikhasi lakhe.

Okwangoku bekungekacaci abarhanelwa bazobuyela nini enkundleni yamatyala.

Isilumkiso ngomoya obhudlayo eMpuma koloni namhlanje
19/09/2025

Isilumkiso ngomoya obhudlayo eMpuma koloni namhlanje

Impazamo kaHome affairs eMthatha ibulele ikamva lomfana Umfana welali Madonisi eMthatha ukhala akathuthuzeleki emva koku...
19/09/2025

Impazamo kaHome affairs eMthatha ibulele ikamva lomfana

Umfana welali Madonisi eMthatha ukhala akathuthuzeleki emva kokuba isebe lezekhaya lenza impazamo kwisatifikethi sakhe sokuzalwa. Uvela eyintombazane endaweni yokuba yinkwenkwe.

USiyasanda Bango(25) uxakene nobomi wayeka phakathi kwisinala Milton Mbekela eQunu efunda ibanga leshumi, akaqesheki ngenxa yokungabikho kweSazisi.

Utyhola eli sebe ngokumehlisa limnyusa okwamanqindi osana kusukela ngoMay 2022 emva kokwenza isicelo sokulungisa le mpazamo.

"Kudala ndisiya kwaHome affairs eMthatha ukuqala ngo2022 andincedakali. Zonke izinto abebezifuna ndazizisa kodwa dololo ukulungiswa kwempazamo yabo. Balibulele ikamva lam, andiqesheki ndixhomekeke kumama ongaphangeliyo," Kubalisa uSiyasanda okhathazekileyo.

Kwinyanga ephelileyo uthi unikwe inombolo yasePitoli ukuba ayitsalele umnxeba yena kodwa naleyo ayincedisanga.

USiyasanda uthe"Andixolanga iindlela Home affairs ayiphethe ngayo lento. Yonke iminyaka bathi abayazi itheni ingalungiswa kodwa bathi akhonto ingekhoyo. Ndicela uncedo andisenalo ikamva, ndoxuthwe isidima sam, Ndimdala bekumele ndiyaphangela ngoku"

Unina wakhe uThandeka Bango woleke umsundulo ngelithi" Yiminyaka siquqa phaya ayilungiswa. Ubomi bomntwana wam bumile, usoloko ekhathazekile iintanga zakhe ziyaphangela yena akaqesheki ngenxa yeSazisi"

Imanejala yakwaHome affairs eMthatha uNomvuyo Mqotyana uthi unolwazi ngengxaki kaBango kodwa ixhomekeke ePitoli.

UMqotyana uthe " Xa sijonga nyani safakwa isicelo ngoMay 2022. Akukho nto kuthiwa ayikho ngokweSystem yethu. Siyenzile eyethu indima ingxaki ixhomekeke kundlu nkulu ePitoli. Kusavela ukuba zange yaphathwa oko yiminyaka. Isizathu asisazi kodwa ndizoyilandela ukuva kwenzekani"

Home affairs uthi zininzi izicelo abazifumanayo kodwa ingxaki yiPitoli hayi ioffisi yaseMthatha.

Imozulu yanamhlanje 19/09/2025
19/09/2025

Imozulu yanamhlanje 19/09/2025

Kusakhangelwa abadubule babulala unoteksi eRhawutini Awukaziwa unobangela wokudutyulwa kubulawe usihlalo wombutho weteks...
19/09/2025

Kusakhangelwa abadubule babulala unoteksi eRhawutini

Awukaziwa unobangela wokudutyulwa kubulawe usihlalo wombutho weteksi eRhawutini ngentlazane izolo.

UThami Moyo udutyulwe wabulawa eSoweto ngamadoda angaziwayo.

Iphephandaba Timeslive liqaphule isithethi sombutho uTheo Malele engqina ngokugetyengwa kosihlalo wabo uMoyo, watsho esithi isizekabani sokubulawa kwakhe asikaziwa kwaye siyinxalenye yophando lwamapolisa.

Ingxelo yesithethi samapolisa uLietenant Colonel Mavela Masondo idize ukuba lo sihlalo ubehamba ngesithuthi esiluhlobo lweToyota Hilux ngethuba ehlaselwa kwindawo yaseDiepkloof. Ingxelo ithi uvalelwe zizithuthi ezibini minibus teksi neToyota Hilux wadutyulwa amatyeli aliqela.

Ubhubhele kwindawo yexhwayelo ngamanxeba okudutyulwa.

Nangona lusaqhuba uphando kodwa amapolisa akrokrela ukunxulumana kwesisiganeko nodlame lweteksi oluqhubayo kweliphondo.

Ngokutsho kwamapolisa baqabele kumashumi amahlanu abantu asele bebulewe kulonyaka kuphela kulo mlo.

Amapolisa amemelela nabani onganeenkcukacha ezingakhokelela kubanjwe abarhanelwa aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufuphi okanye atsalele umnxeba kuCrime stop ku08600 10111 kungenjalo MySAPS App.

Ubume nemiqobo  kwidabi lokulwa HIV neTB eMpuma koloniUrhulumente wephondo leMpuma koloni uthi eli phondo lijongene nomn...
19/09/2025

Ubume nemiqobo kwidabi lokulwa HIV neTB eMpuma koloni

Urhulumente wephondo leMpuma koloni uthi eli phondo lijongene nomnqantsa kwidabi lokulwa ukunwenwa kwentsholongwane kaGawulayo HIV nesifo sePhepha.

Ngokwenkcukacha nabani zikarhulumente, eli phondo lime kumyinge ka11,4 % abaphila nentsholongwane kaGawulayo. Oku kuthetha ukuba ngabantu abanga896 528 abaphila neHIV kweliphondo.

Ibambela nkulumbuso ephondweni uMlungisi Mvoko uthi okuphazamisa kakhulu kukunyuka kwenani lokusuleleka kubantu basetyhini abaphakathi kwama40 ukuya kwi44 abafikelela ku43%, nani elo linyuke ngo5%, xa kuthelekiswa nenani likaZwelonke.

Kanti amadoda aphakathi kwama45 ukuya ku49 eminyaka ubudala, inani lime ku25% njengoko linyuke ngo2%, xa kuthelekisa nenani lizwelonke.

UMlungisi Mvoko ubethetha eMonti izolo(Lwesine) kwindibano yeBhunga lesifo ugawulayo(Eastern Cape Aids Council).

"Ungenelelo lwethu lujolise ekuvaleni umsantsa wabantu abayi1.1yezigidi abafikelela kunyango lwamachiza kunye nephulo lokufikelela kwizigidi ezihlanu zamaphulo okuphelisa isifo sePhepha.

"Iinkqubo zethu zokuhlangula impilo zabantu ziqinisekisa ukuba umyinge ka95 pesenti wabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo luqaliswa umyango lweART," Kucacisa ibambela nkulumbuso uMlungisi Mvoko.

Kulentlanganiso kubalulwe ukubaluleka kokuphuculwa kokugcinwa kwabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo behleli kunyango ngokunikwa iimfundiso zokwenza njalo.

Kuphindwe kudityaniswe inkqubo yokulwa TB kunye novavanyo lwentsholongwane kaGawulayo .

Urhulumente ubalule ukubaluleka kokujongana emehlweni noonozala balengxaki abaquka ukumitha kwamantombazane aselula ngeminyaka ingakumbi aphakathi kwe10 ukuya kwi19 eminyaka ubudala ekuyinto echazwa njengenkxalabo enkulu.

UMlungisi Mvoko uthe " Ukumitha beselula kuboxutha ikamva kubabeke emngciphekweni wokosulelwa yiHIV, ukwanda kwendlala kunye neengxaki zempilo nezasekuhlaleni.

Urhulumente uyavuma ukuba ukushokoxeka kwemali ngumqobo nomceli mngeni ukugcina ezinkqubo zezempilo

Banqunyanyisiwe ootitshala abatyholwa ngokulala nabafundi eSt John's College eMthathaIsebe lezeMfundo eMpuma koloni  lin...
18/09/2025

Banqunyanyisiwe ootitshala abatyholwa ngokulala nabafundi eSt John's College eMthatha

Isebe lezeMfundo eMpuma koloni linqumamise ootitshala abasixhenxe abatyholwa ngokuthandana nokumithisa abafundi kwisokolo St John's College .

Ingxelo ekhutshwe lisebe namhlanje idize ukuba banqunyanyiswe de kuqosheliswe uphando ngezityholo ezinobuzaza.

Ebutsheni baleveki abafundi baqhube unkqankqalazo benyanzelisa ukuthathelwa amanyathelo kootitshala abangamanxanwa esondo neengcuka ezambethe ufele lwegusha.

Uphando kulindeleke luqale ngoMvulo weveki ezayo ngokutsho kwengxelo kwesebe.

UMphathiswa welisebe ephondweni uFundile Gade uthi njengendlela yokuqinisekisa ngozinzo esikolweni, abafundi bakhululwe bagoduke ukuze babuyele esikolweni ngoMvulo. Kanti abafundi bebanga leshumi bavunyelwe ukuba baqhube ngokubhala imvavanyo zabo.

UGade uqhube wathi imitsi yenziwe ukuqinisekisa ukuba akho kuphazanyiswa kwemviwo eziqhubayo.

"Imithetho yelizwe iyicacisa mhlophe imfuneko yokukhusela abafundi kulo naluphi uxhatshazo.

"Umgaqo siseko ukhusela abantwana kuyo nayiphi into egwenxa. Ngokomthetho weSouth African Schools Act ootitshala kulindeleke babe ngabazali. Njengesebe siza kuxhasa amaxhoba," Kutsho uGade.

Phakathi kwezityholo eziphakanyiswe ngabafundi ngethuba lentlanganiso nesebe ziquka ukuxhaphaza ngokwesondo, urhwaphilizo esikolweni, ukunqongophala kokutya, uxhatshazo olungakhokelela ekufeni nezinye.

Kusungulwe iqela ngumqondisi wesithili elizophanda ezi zityholo.

Isikolo St John's College eMthatha sikhuphe imbalelwano ebhengeza ukunqunyanyiswa kwezifundo ukuqala namhlanje (Lwesine)...
18/09/2025

Isikolo St John's College eMthatha sikhuphe imbalelwano ebhengeza ukunqunyanyiswa kwezifundo ukuqala namhlanje (Lwesine) ukuya ngoLwesihlanu waleveki.

Okulandela uqhankqalazo lwabafundi betyhola ngokuxhatshazwa ngokwesondo ngabafundisi ntsapho.

Bakwatyhole ngelithi banyanzeliswa bakhuphe izisu.

Imozulu yanamhlanje 18/09/2025
18/09/2025

Imozulu yanamhlanje 18/09/2025

18/09/2025

Big shout-out to my newest top fans! Bongiwe Shologu, CC Tee Wamatolo, Zimfefe Rara Sangqu, Tsotang Lebenya, Ezethu Ngcobozi, Slivia Duma, Songezile Mqadi Mbinyashe Qhusheka, Kolunga Konke, Siyabulela Nkwalase, Luyanda Luya, Bulelani Gcora, Tsilang Boitumelo Nokonwaba, Thandiwe Ncedos Letlhage - Bana, Nosiphiwo Gxeni, Lungiswa Langeni, Odwa Leeds Manyakaza, Olwetu Dingaan, Gogodla Zimkhitha Zìngìsà, Aviwe Novoh Mamqadie Mjikwa, Thandi Mafenuka, Lihle Cihoshe Macibe, Masixole Dingana, Kayise Maka-Oyama Mavumengwana, Busie Busie, Tubeho KaWushe Ngcobozi, Grace Phauw Nothununu, Ndiyafika Tati, Stheshy Wo Faku, Sinesipho Snera Mgandela, Lelethu Zintoyinto Leza, Siv Raf, Coloured Ungamjaji Iingxaki Azifani, Xolisa Xego, Tandy Mangcitsh Tearz, Lwando Lwandos, Mazandie Zetie, Zamabie Nossybabalo Mtayi, Mamgebe Sibula Tandie, Nomah Nkinkqa, Lwandile Malwazini Xhala, Makiyana Licoh Jolakazi, Ncedo Zee Mnono, Masande Dlulane, Zee Ntandokazi KaJola Msongelwa, Mahle N Makhwenkwe, Philiswa Grawe, Nqabsei Nqanqa, Mzukulu Ka Jimxgawule Ngqotho, Zenande Gedi Mafaku, Cmondz Masenzwa Ka-Sicwetsha

Umxholo wangentseniUkuxhatshazwa kwabafundi abangamantombazane  ngootitshala ezikolweni kuthathe olunye unyawo.Kusuku lw...
17/09/2025

Umxholo wangentseni

Ukuxhatshazwa kwabafundi abangamantombazane ngootitshala ezikolweni kuthathe olunye unyawo.

Kusuku lwaphezolo abafundi baseSt Johns College eMthatha baqhube uqhankqalazo besithi badikwe kukuxhatshazwa ngesondo kwesi sikolo.

Batyhole ngelithi amaxhoba anyanzeliswa ukuba akhuphe izisu akukhulelwa.
Ezi zityholo ziphakathi kwezinye eziqulethwe luxwebhu lwezikhalazo zabafundi.

Lo mkhuba kudizwa ukuba uyenzeka nakwezinye ingakumbi ezilalini logama abazali besazi.

Kwenzeka oku nangona ibhunga elibizwa South African Council of Educators(SACE) lisithi ukulala kotitshala nomfundi akuvumelekanga kuyagxothisa.

UMBUZO

Yintoni ebangela lingehli izinga lootitshala abaxhaphaza abafundi ngokwesondo esikolweni nangona umthetho ungayivumeli lonto?

Luthini uxanduva lwakho mzali xa umntwana wakho efika esithi ufunwa okanye ulalwa yititshala?

Unawo amava ngalomkhuba, ungasibalisela.

Iyaqala namhlanje ikomishoni ephanda izityholo zikaMkhwanaziUmkomishinala wamapolisa KwaZulu Natal Lieutenant General Nh...
17/09/2025

Iyaqala namhlanje ikomishoni ephanda izityholo zikaMkhwanazi

Umkomishinala wamapolisa KwaZulu Natal Lieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi uza kuba ngumntu wokuqala namhlanje ukuvela phambi kwekomishoni yophando evizwa Madlanga Commission of Inquiry ngalentlazane yanamhlanje.

Le komishoni ikhokelwa yiJaji edla umhlala phantsi uJudge Mbuyiseni Madlanga.

Injongo zayo kukuphanda izityholo ezavezwa nguMkhwanazi ezithi amapolisa aphezulu aquka UMphathiswa uSenzo Mchunu baphazamisana nenkqubo yokusebenza kwamapolisa kwaye baqhogene nezenzo zamaqela emiguvela.

USenzo Mchunu usachola iinqoba kwakhe emva kokunikwa ikhefu lokungabikho msebenzini de kugqitywe uphando.

NgoJuly walonyaka uNhlanhla Mkhwanazi wathetha waqeveza washiya angalaziyo ngokubola bhutyu kwenkonzo yezobulungisa, ezobuntlola nezinye kweli ntoleyo yachukumisa abaninzi.

Nangona wagxekwayo ngabanye ngokupapasha ezi zityholo kwigqugula noonondaba kodwa abanye bamqhawabela izandla ngenyathelo lakhe.

Le komishoni iza kuthatha iinyanga ezintathu inike ingxelo yokuqala kodwa epheleleyo iza kukhutshwa kwinyanga ezintandathu.

Address

Umtata
5099

Telephone

+27760971993

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when The Local Voice Newspaper posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to The Local Voice Newspaper:

Share