The Local Voice Newspaper

The Local Voice Newspaper Udinga ukuthengisa ishishini lakho? Singakwenzela nje ngemali encinane. Tsalela 0760971993 or inbox okanye WhatsApp. Email: news2019@localvoicenewspaper@gmail.com

Amaziko empilo  eMpuma koloni ekufumaneka kuwo isitofu sokuthintela ukwanda kweHIV. Abhengezwe lisebe lezeMpilo ephondwe...
08/06/2026

Amaziko empilo eMpuma koloni ekufumaneka kuwo isitofu sokuthintela ukwanda kweHIV. Abhengezwe lisebe lezeMpilo ephondweni namhlanje.

Umxholo wangentseniUMongameli Cyril Ramaphosa uthethe nesizwe emalanga izolo malunga nomba wabemi bemanye amazwe. Oku ku...
08/06/2026

Umxholo wangentseni

UMongameli Cyril Ramaphosa uthethe nesizwe emalanga izolo malunga nomba wabemi bemanye amazwe. Oku kulandela imingcelele eliqela enyanzelisa ukuba balishiye eli ngaphambi kokuphela kwalenyanga.

Kwintetho yakhe uthe: Urhulumente uza kuthathela amanyathelo amaqela asebenzisa lemingcelele ukwenza ulwaphulo mthetho.

• Abantu mabangathatheli umthetho ezandleni kwaye mabangamisi abantu kwizitalato banyanzelise amaphepha mvume.

Uphinde wathi makungagxekwa abantu bamanye amazwe ngeengxaki zeli eziquka intswela ngqesho, indlala ebomvu nokungalingani.

UMBUZO

Uxolile yintetho kamongameli Ramaphosa ngemeko yabemi bamanye amazwe abahlala kweli?

Ucinga yintoni emayifundwe ngabantu beli kwintetho yakhe?

Ufikile wachaphazela into obuyilindele kuye njengenkokheli yelizwe elombethwe ziyingxaki?

Imozulu yanamhlanje 08/06/2026
08/06/2026

Imozulu yanamhlanje 08/06/2026

Ipolisa lidubule abahlanu kamva lazibulala eHENNENMANAbeNkonzo yeSipolisa kwiphondo laseFreystat  basothukile bekhathaze...
07/06/2026

Ipolisa lidubule abahlanu kamva lazibulala eHENNENMAN

AbeNkonzo yeSipolisa kwiphondo laseFreystat basothukile bekhathazekile emva kokuba ipolisa elizinze eHennenman kwelaphondo elisebenza njengomququzeleli wokhuseleko emaphandleni lidubule abantu abahlanu.

Kweli nani abathathu bathe bawunabela uqaqaqa logama ababini befumene ukonzakala. Emva koko elipolisa lijolise umpu kulo lazithuma koyise mkhulu ngesaquphe.

UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Thabang Lesia,usigxeke kabukhali esi senzo watsho edlulisa amazwi ovelwano kwintsapho zabachaphazelekileyo.

UMkomishinala uyalele ukwenziwa kophando nzulu ngokukhokelele kwesisiganeko.

Kuvulwe amatyala amathathu okubulala, elokuzama ukubulala kunye netyala lophando.

Akukabikho nkcukacha ezithe vetshe esele zikhutshiwe ngampolisa.

Kubanjwe ummi wangaphandle ngokubulawa kwabantu eGqeberhaNgummi welizwe langaphandle oneminyaka engamashumi amabini anes...
06/06/2026

Kubanjwe ummi wangaphandle ngokubulawa kwabantu eGqeberha

Ngummi welizwe langaphandle oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala onqakulwe wavalelwa ngokunxulumene nokubulawa kwamadoda amahlanu eMotherwell ngomhla wamashumi amane anesixhenxe kuCanzibe 2026.

Oku kulandela uphando olunzulu oluqhutywe licandelo lolwaphulo mthetho olunobuzaza eGqeberha. Ngethuba lisenza lomsebenzi wophando, abecuphi babambe umrhanelwa ngentseni yayizolo.

Ngokutsho kwesithethi samapolisa ephondweni uBrigadier Nobuntu Gantana ,amaxhoba adutyulwa abulawa kwisitalato Mnenga, NU 10 eMotherwell.
Amathathu kuwo afunyanwa kwigumbi lokuhlala logama elinye lafunyanwa kwigumbi lokulala.

Ixhoba lesihlanu labhubha emva kokungeniswa esibhedlele ngeliyofuman unyango.

Amaxhoba afaniswa njengoMpendulo Sjadu (17), Sonwabise Mkhweta (17), Luvuyo Crowly (17), Ibrahim Said (18), kunye noVuyisani Pinini (18).

Umrhanelwa ujongene namatyala amahlanu okubulala kwaye kulindeleke avele enkundleni yamatyala eMotherwell ngoMvulo.

UMkomishinala wamapolisa ephondweni Lieutenant General Vuyisile Ncata uncome iqela lophando ngokuzinikezela emsebenzini kubanjwe umrhanelwa.

Kugwazwe kwabulawa owasetyhini ngomnye "besilwa" ngendoda eMthathaOwasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anethoba(...
04/06/2026

Kugwazwe kwabulawa owasetyhini ngomnye "besilwa" ngendoda eMthatha

Owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anethoba(39) ubudala utyholwa ngokugwaza abulale omnye oneminyaka engamashumi amathathu anesine(34) ubudala kwilokishi yaseNgangelizwe eMthatha.

Ngokutsho kwamapolisa esi siganeko senzeke kwiyadi abahlala kuyo kwisitalato Gcolotela kulelokishi kubusuku bangoLwesibini.
Unozala walo mlo yinto echazwa njengonxantathu wothando(love triangle).

Ingxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa kummandla waseMthatha uKaptein Welile Matyolo idize ukuba kuqhambuke ingxabano kwesisibini emva kwezityholo ezithi indoda yomrhanelwa ithandana imuncisane iilekese nelinina libhubhileyo.

UKaptein Matyolo uqhube wathi umrhanelwa uthe rhuthu imela wahlaba umfi amanxeba aliqela wanabela uqaqaqa kwindawo yexhwayelo.

Umrhanelwa ubanjwe izolo kwaye bekulindeleke avele enkundleni yamatyala eMthatha namhlanje ngetyala lokubulala.

UMkomishinala wamapolisa kwisithili seO.R.Tambo uMajor General Norman Madishana uthe" Abantu mabafunde ukusombulula ingxaki ngoxolo njengoko udlame lungesiso isisombululo. Ndisigxeka kabukhali esi siganeko solwaphulo mthetho"

Imozulu yanamhlanje 04/06/2026
04/06/2026

Imozulu yanamhlanje 04/06/2026

Isaziso esibalulekileyo!!!
03/06/2026

Isaziso esibalulekileyo!!!

Kukhangelwa owasetyhini waseSibangweni owalahleka eMontiAmapolisa aseLibode abongoza uluntu luwancedise ukufumana owaset...
03/06/2026

Kukhangelwa owasetyhini waseSibangweni owalahleka eMonti

Amapolisa aseLibode abongoza uluntu luwancedise ukufumana owasetyhini oneminyaka engamashumi amane ubudala owalahleka kunyaka ophelileyo.

Ngokutsho kwamapolisa uNorolela Gcotyelwa waseSibangweni eLibode wagqityelwa ukubonwa eMonti ngomhla wama25 Kwinyanga yoMnga 2025.

Isithethi samapolisa uKaptein Welile Matyolo uthe uNorolela wayesebenza njengomabhalane kwisikolo sakuTsolo de yangunyaka ka2022.

Nabani onolwazi malunga nendawo akuyo uyacelwa aqhagamshelane namapolisa aseLibode athethe nomphandi uDetective Constable Lubuzo ku071 475 2181okanye isikhululo samapolisa elikufuphi kungenjalo atsalela Crime Stop number ku08600 10111.

Imozulu yanamhlanje 03/06/2026
03/06/2026

Imozulu yanamhlanje 03/06/2026

Address

Umtata
5099

Telephone

+27760971993

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when The Local Voice Newspaper posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to The Local Voice Newspaper:

Share