25/10/2025
AKAGOWI UYAFOKOFA UMHLAZA WEBELE
MTHATHA-
IbinguMmbo nomXesibe, izithwala-ndwe nezinxiba-mxhaka, inginginya nenyambalala yabantu bephuma mbombo zone zeli.
Injongo ibikukuxhobisana, ukuvulana ingqondo nokususana inkungu emehlweni malunga nobungozi bomhlaza webele(Breast Cancer).
OngoMsunguli noMququzeleli weliphulo uNkosikazi Lumka Voko-Boya, uxelele inginginya ngamahla ndinyuka ahlangabezane nawo ngexesha edlikidlwa ekwaxikixwa lelibhedengu nemene-mene lesisifo.
"Ndifuna ukubongoza abantu abangamadoda bayithathele ingqalelo yonke into abayivayo nabangayiqondiyo emizimbeni yabo", utshilo.
Phakathi kwezitatanyiswa ebezizimase elitheko singabalula onguSomaqhuzu weshishini labangcwabi, ohloniphekileyo uMnumzama Madolo ophuma kwiDololo Funeral Service. Naye ubelixhoba lalomhlaza iminyaka evisayo, kodwa wayibetha yayoxela. Ukwaqhwabele izandla ongasekhoyo uGqirha Sanda, uGqirha Mda kunye noGqirha Jafta ngegalelo labo kwimpilo yakhe.
Ukanti nePalamente ibimelwe nguMphathiswa uThokozile Sokhanyile, naye uchaphazele umba obaluleke kakhulu wokuvalwa kwenzala xa sele esisifo sithe samhlasela ngamandla umntu.
Obewisa intetho, uGqirha Michael Odonkor uxelele izihlwele ngokubaluleka kohlolo, esitsho kananjalo ukuba umntu nokuba akeva nto emzimbeni kuhle ukuba aye kuzihlola.
Abaxhasi belitheko bakhuphe izinwe, bebinza ngezinto abanaoo ukunika inkxaso kweligqiyazana lakwaVoko-Boya, uSis Lumka.
Abafake isandla singakhankanya uMasipala wasekuhlaleni(KSDM), umbutho weetitshala(SADTU) nobumelwe nguAyanda Tyantsi ophuma kwiSebe iPoly Gabada, Link Pharmacy, Spargs Superspar Kei, Aminachem, kunye neBrotherhood ebimelwe nguMhlekazi uYanda Makhongwana.
Lo mnyhadala nobukwelona zinga liphezulu uqale ngohambo lwenyawo(Walk), ukusuka kwibala laseRichardson Park ukuya kwiholo yesixeko sedolophu yaseMthatha. Kuye kwaguguthwa isitalato iDan Pasiya, kwangenwa kwisitalato saseLeeds, ukuya kwagqityelwa keOwen, kwayongenwa eholweni.
Intatheli yelijelo
MZUKISI MANGWANE
25 EyeDwarha 2025