17/10/2025
Iseluvalelweni Indoda etyholwa ngoku Dlwengula eQanduqandu ku Ward 93.
Imibutho ngemibutho ibidibene kwi nkundla yamatyala apha ekhayalelitsa
I Anc ,Sanco EFF , Neighborhood kunye ne Cpf Community Police forum yalapaha e Khayelitsha apho khona bekukho amanima amaninzi kunye ne Nkokheli enguCeba u Vusumzi Phimpi ongu Ward Councilor wakwa ward 93.
Phambi kokuba abekhona nalo mbikisho bekukho intlanganiso yabahlali apho khona bonke abantu bebe dibene khona kukho utyikityo lwephepha eli nqanda ukuba umtyholwa makangafumani ingqawule .Kanye
nedlu yomtyholwa iye ya chithwa ngabahlali phambi kwalomhlangano.
UNofikathini Dyonase ongu Nobhala ka Sanco uye whathi ngelixa sipha kwi nkundla yomthetho xa e thetha ne ntatheli zase Seed Fm:
Uthe kudlwengulwe umntana oneminyaka elishumi eline sine (14 )ekubonakala ukuba ukhubazekile ngokwe meko yakhe .Singababahlali sithi makangafumani ingqawule makagwetywe angabuyeli kwindawo esihla kuyo apha Green point ,Qanduqandu , No Bm kunye ne Town 2. Sifuna kuphele olu hlukumezo kubantu ababhinqileyo oomama nabantwana,baphila kabuhlungu kuhlunyezwa xa sijonga singabahlalali baphela u Buntu kwaphela kwa uThando ebantweini umntu akakwazi ukumjonga omnye umntu Kuba siyacalulalana "watsho uNofikathini.
Siphinde sagxininisa isithethi sika Sanco sisithi makuphele into yokuhlukumezana mayiphele into yokubadlululana nokubungubani waphi.Kodwa sisisizwe esimnyama masibambisaneni.Ingxaki yomnye bayibe yeyakho nawe.
UNomfundiso Maciko Chair person wokuhlala ku ward 93 yena uye whathi bengabahlali bacela Lomfo uTyolwayo makangaphumi kuba usothusile ngento athe wayenza kuba ungumntu onomtu endlini.Eyona nto bayicelayo bengabahlalali kukuba makangaphumi kuba abayazi into anokuyenza kwakhona,ngoba
kufumaniseko kuba kukho ne zigrhogrhiso eziphuma kusapho nakubahlobo belisapho lalomfo
Ugqibezele ngelithi Nomfikathini Dyonase
Ukuba umenzi uyavela makavele kodwa angaphumi kuyo yonke into eyenzekayo, kuba yonke into I xhomekeke kumtshutshisi we tyala ukuba kuzokwenzeka njani na?
Abahlobo bakhe bathe ibothusile lento yenzekileyo ngohlobo yenzeke ngalo kuba umhlobo wabo akakho ngoluhlobo .Enye into kuyabonakala ukhona umoya omdaka othe wafikela kumhlobo wabo kuba ngumntu olungileyo futhi obenezinto ezibalulekileyo ebezozenza ezilalini ezifana nokwakha ikamvalakhe.
Uceba wakwa Ward 93 ANC uMnumzana Thando Phimpi uye whati basifumene esisithwakumbe sezindaba zesisehlo senzekileyo phayana e Qanduqandu sisenzeka kwi mveku engakwazi ukuzithethela badibana ne khaya eli bathetha thetha a kwaze kwavela necebo lokuba kwenziwe isimemo Se sentsebenziswano(petition) .Esitsho ukuba banoloyika ukuba kungaphinda kwenzeke esisithwakumbe.
Etsho futhi ethi zibonele bona iziganeko ezikumila kunje nabahlali base Khayelitsha.Egqibezela esithi phantsi ngoku hlukunyezwa komama nabantwana kunye nolwaphulo mthetho nje luphela.
Futhi uSapho lalomntwana lukhona pha ngaphakathi sizolixhasa kude kufike ekugqibeleni.Silila nalo olwasapho kwesisehlo.Kubuhlungu kwakum kwa ukubona umntwana aphinde Abe ekhubazekile , sithi singu ANC sonke masinga jaji .
Bekugcwele ke kumi ngembambo nalapho abahlali bangakwazanga nongena.Limisiwe ke ityala lomtyholwa laze labekelwa umhla we 20 Ku October 2025 kwi nkundla zamatyala ekhayalelitsa.
# SEED FM RADIO
Inqaku nemifanekiso
Khayalethu Ndolela